bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 23
1 Chronicles 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 24 →
1
WATI u‐Davide, nxa abemdala, ekolisile ukuba nemihla, wamenza u‐Solomone unyana wake ukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
2
WAZA wahlanganisa zonke inkosi zakwa‐Sirayeli, nabaperisite, naba‐Levi.
3
Kekaloku aba‐Levi bebebalwa abaminyaka imashumi matatu nabapezulu ubudala babo; nenani labo, ngabanye ngabanye, ngamadoda ngamadoda, belingamawaka angamashumi matatu anesibozo.
4
Kubo aba, amawaka angamashumi mabini anamane ongama umsebenzi wendlu kayehova; namawaka matandatu ebengamagosa nabagwebi:
5
kanjalo amawaka mane ebengabalindimnyango; namawaka akwa mane amdumisa uyehova ngeziculiso endizenzileyo, watsho u‐Davide, kuze kudunyiswe.
6
Kanjalo u‐Davide wabahlulahlula ezahlulweni, ngabo onyana baka‐Levi, u‐Gereshone, n o‐Kohati, no‐Merari.
7
Abama‐Gereshone: ngu‐Lahadane, no‐Shimehi.
8
Onyana baka‐Lahadane: ngu‐Yehili owokuqala, no‐Zetame, no‐Joweli, abatatu.
9
Onyana baka‐Shimehi: ngu‐Shelomiti, no‐Haziyeli, no‐Harane, abatatu. Aba bebezintloko zendlu zoyise zika‐Lahadane.
10
Nonyana baka‐Shimehi: ngu‐Yahati, no‐Zina, no‐Yehushe, no‐Beriha: aba bebengonyana baka‐Shimehi, abane,
11
u‐Yahati ebengowokuqala, no‐Ziza ebengowesibini: kodwa u‐Yehushe no‐Beriha bebengenonyana abaninzi bona; ngako bebeyindlu yoyise ngokubalwa kunye.
12
Onyana baka‐Kohati: ngu‐Hamerame, n o‐Yitsare, n o‐Hebrone, no‐Huziyeli, abane.
13
Onyana baka‐Hamerame: ngu‐Arone, no‐Mosesi. Waye u‐Arone ebesahlulelwa ukungcwalisa izinto ezingcwele kakulu, yena nonyana bake, kude kube ngunapakade, ukuqumisa pambi kwoyehova, ukumkonza, nokutamsanqelisa ngegama lake, kude kube ngunapakade.
14
No‐Mosesi, indoda katixo, onyana bake bebebizwa pakati kwesizwe sika‐Levi.
15
Onyana baka‐Mosesi: ngu‐Gereshome, no‐Eliyezeri.
16
Onyana baka‐Gereshome: u‐Shebuweli ebengoyintloko.
17
Onyana baka‐Eliyezeri bebe ngaba: u‐Rehabiya ebengoyintloko. Wayengenabanye onyana u‐Eleyezeri; kodwa onyana baka‐Rehabiya baba baninzi kunene.
18
Onyana baka‐Yitsare: u‐Shelomiti ebengoyintloko.
19
Onyana baka‐Hebrone: u‐Jeriya ebengowokuqala, u‐Amariya ebengowesibini, u‐Yahaziyeli ebengowesitatu, no‐Yekamame ebengowesine.
20
Onyana baka‐Huziyeli: u‐Mika ebengowokuqala, no‐Yishiya ebengowesibini.
21
Onyana baka‐Merari: ngu‐Mahali, no‐Mushi. Onyana baka‐Mahali: ngu‐Elezari, no‐Kishe.
22
Wafa u‐Elezari, obengenabo onyana, wanazo intombi kupela; baza onyana baka‐Kishe, abazalwana bazo, bazizeka.
23
Onyana baka‐Mushi: ngu‐Mahali, no‐Hedere, no‐Jeremote, abatatu.
24
Aba bangonyana baka‐Levi, ngendlu zoyise zabo; abazintloko zendlu zoyise, ngokubalwa kwabo enanini lamagama ngabanye ngabanye, abawenzayo umsebenzi wenkonzo yayo indlu kayehova, beyiminyaka imashumi mabini napezulu ubudala babo.
25
Ngokuba ebete u‐Davide: Uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ubapumzile abantu bake, waeya kuhlala e‐Yerusaleme kude kube ngunapakade:
26
nakanjako ngaba‐Levi: Mabangabi senokutwala itabanakele, nazo zonke impahla zayo ezizezenkonzo yayo.
27
Ngokuba ngawokupela amazwi ka‐Davide bebebalwa aba‐Levi, abaminyaka imashumi mabini nabapezulu ubudala babo:
28
ngokuba indawo yokuma yabo ibingasesandleni sonyana baka‐Arone enkonzweni yendlu kayehova, babe pezu kwawo amabala, napezu kwazo inkambili, napezu kwokuhlanjululwa kwezinto zonke ezingcwele, nomsebenzi wenkonzo yayo indlu katixo;
29
kwa owezonka zokuṙozwa, nowomgubo ocolekileyo womnikelo wokudla, nowezonkana ezingenagwele, n owokwojiwayo elukambeni, nowokunyakanyisiweyo ngeoli, nowako konke ukulinganisa nangobuninzi nangobude;
30
nokuba beme imiso ngemiso ukumbulela nokumdumisa uyehova, nangokuhlwa kanjako;
31
nokuba banikele kuyehova onke amadini okutshiswa, ngemihla yesabata, ngenyanga ezitwasileyo, nangemitendeleko emisiweyo, ngenani, njengesiko elipezu kwabo, futi pambi kwake uyehova;
32
nokuba bagcine isigcinelo sentente yentlangano, nesigcinelo seyingcwele indawo, nesigcinelo sonyana baka‐Arone abazalwana babo, enkonzweni yendlu kayehova.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29