bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 19
1 Chronicles 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 20 →
1
KWAYE kute emveni kwoku, ukuba u‐Nahashe ukumkani wosapo luka‐Hamoni wabuba; waza unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
2
Wandula wati u‐Davide: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, ngokuba uyise ebesenza ububele kum. Waza u‐Davide wasusa izigidimi ukuya kumku̔za ngaye uyise wake. Zada zafika izicaka zika‐Davide elizweni losapo luka‐Hamoni ku‐Hanune, ukuza kumku̔za.
3
Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku‐Hanune: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba kupengululwe, kucitwe, kuhlolwe ilizwe, ukuba izicaka zake zifikile kuwe kusinina?
4
Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waziguya, wazitsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ematangeni, wazindulula.
5
Baza baya abatile bamxelela u‐Davide ngalamadoda. Wandula watuma ukuwakaulela: ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
6
Kekaloku lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba lunukele u‐Davide, wandula watuma u‐Hanune nosapo luka‐Hamoni iwaka letalente zesilivere, kuze kubaqeshelwe inqwelwana nabakweli bamahashe e‐Mesopotami, nase‐Siriya‐mahaka, nase‐Tsoba.
7
Baza baziqeshela inqwelwana zamawaka angama‐shumi matatu anamabini, nokumkani we‐Mahaka nabantu bake, abezayo bati waca pambi kwe‐Medeba: kanjalo usapo luka‐Hamoni lwazihlanganisa luvela ezixekweni zalo, lweza ukulwa.
8
Wati u‐Davide akuva oku, watuma u‐Jowabi nawo wonke umkosi wamagoṙa.
9
Lwaza lwapuma usapo luka‐Hamoni lwacwangcisela ukulwa ngasesangweni lesixeko; kodwa okumkani abebezile bebebodwa ngasendle.
10
Wati u‐Jowabi, akubona ukuba ubuso bokulwa bungakuye, ngapambili nangasemva, wanyula abantu kubo bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, wabacwangcisa ngakuwo ama‐Siriya:
11
nesisalela sabantu wabanikela esandleni sika‐Abishai umninawe wake, ababecwangciswa ngakulo usapo luka‐Hamoni.
12
Wayesiti: Ukuba ama‐Siriya anamandla pezu kwam, woza ukunceda mna; kodwa ukuba usapo luka‐Hamoni lunamandla pezu kwako, sendiya kunceda wena.
13
Yomelela, sizomelezele abantu betu nezixeko zotixo wetu; noyehova makenze okulungileyo emehlweni ake.
14
Waza wasondela u‐Jowabi, nabantu abebenaye, ebusweni bama‐Siriya, kuze kuliwe; ada esaba pambi kwake.
15
Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai umninawe wake, lwangena esixekweni. Wandula u‐Jowabi weza e‐Yerusaleme.
16
Xeshekweni ama‐Siriya abebona ukuba oyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, andula atuma izigidimi, apumisa ama‐Siriya abepesheya kwomlambo; wati u‐Shofaki, inkosi yempi ka‐Hadarezere, waya pambi kwawo.
17
Kwati kwakuxelwa ku‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza pezu kwawo, wacwangcisa ngakuwo. Xeshekweni u‐Davide abecwangcisile ngakuwo ama‐Siriya, aza alwa naye.
18
Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamawaka asixe̔nxe, namadoda ahambayo ngenyawo angamawaka amashumi mane; wamfisa no‐Shofaki inkosi yempi.
19
Zati zakubona izicaka zika‐Hadarezere ukuba zoyisiwe pambi kwama‐Sirayeli, zenza uxolo no‐Davide, zamkonza: aye ama‐Siriya ebengavumi ukunceda usapo luka‐Hamoni kanjako.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29