bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 17
1 Chronicles 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 18 →
1
KWABEKUTE nxa u‐Davide abehleli endlwini yake, wandula wati u‐Davide ku‐Natane umprofite: Bona ke, mna ndihleli endlwini yesedare, kodwa ityeya yocebano lukayehova ihleli ngapantsi kwezikuselo.
2
Waza u‐Natane wati ku‐Davide: Yenza konke okusentliziyweni yako; ngokuba utixo enawe.
3
Kwaye kute ngobobusuku, kweza ilizwi likatixo ku‐Natane, lisiti:
4
Hamba uti ku‐Davide isicaka sam: Utsho uyehova ukuti: Akuyi kundakela indlu yokuhlala wena.
5
Ngokuba ndingahlalanga endlwini, kwa semhleni ndabendinyusa o‐Sirayeli kwada kwanamhla nje; koko ndisukile kwenye intente ukuya kwenye, nakwenye itabanakele ukuya kwenye.
6
Apo kusukuba ndihambile kona kunye no‐Sirayeli bonke, ndike ndateta ilizwi na kwomnye wabagwebi bo‐Sirayeli, endibe ndibayalele ukwalusa abantu bam, ndisiti: Yinina ukuba anindakeli indlu yesedare?
7
Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli:
8
ndabendiko nawe apo kusukuba ubuhamba kona, nazo zonke intshaba zako ndizinqamlile ebusweni bako; kanjalo ndikwenzele igama elinjengegama labakulu abasemhlabeni:
9
ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubasinyise, njengasekuqaleni,
10
nakuselokwemihla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: nazo zonke intshaba zako ndizitobisile. Kanjako ndiyashumayela kuwe ukuba uyehova wokwakela indlu.
11
Kwakuya kuti, xeshekweni izalisekile imihla yako yokuba woya kulala noyihlo bako, ndiya kwandula ndivuse owenzalo yako emva kwako, oya kuba ngowonyana bako, ndibuqinise ubukumkani bake.
12
Nguye oya kundakela indlu, ndandiya kuqinisa iterone yake kude kube ngunapakade.
13
Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum; nobubele bam andiyi kubususa kuye, njengokuba ndabususa kulowo obepambili kuwe:
14
kodwa ndiya kummisa endlwini yam nasebukumkanini bam kude kube ngunapakade; neterone yake iya kuqiniswa kude kube ngunapakade.
15
Ngawo onke lamazwi, nangawo wonke lomboniso, wateta u‐Natane kwa ngokunjalo ku‐Davide.
16
Wandula ukumkani u‐Davide wangena wahlala ebusweni bukayehova, wati: Ndingubanina mna, Yehova, Tixo! iyinto nina nendlu yam, ukuba undizisile kude kwalapa?
17
Oku bekuncinane noko emehlweni ako, Tixo! ngokuba utetile ngendlu yesicaka sako kude kube kude, wandibona njengesiko labantu kwa pezulu, Yehova, Tixo!
18
Yinto nina angasalekela u‐Davide ukuyiteta kuwe, ngokubekwa kwesicaka sako? ngokuba wena usazi isicaka sako.
19
Yehova! ngenxa yesicaka sako, nanjengeyako intliziyo, wenzile bonke obubukulu, kuze kwaziswe zonke ezizinto zinkulu.
20
Yehova! akuko onjengawe, kanjako akuko utixo ngapandle kwako, njengako konke esikuvileyo ngendlebe zetu.
21
Kanjalo sisipina isizwe sinye emhlabeni esinjengabo abantu bako o‐Sirayeli, owati utixo waya ukubakulula babe ngabantu bake, uze uzenzele igama lobukulu nolwoyikeko, ngokugxota abaheyideni pambi kwabantu bako, owaukulule bona e‐Jipete?
22
Waubenzile abantu bako o‐Sirayeli ukuba babe ngabantu bako kude kube ngunapakade; nawe, Yehova! waba ngutixo wabo.
23
Ngako kaloku, Yehova! ilizwi ulitetileyo ngaso isicaka sako, nangayo indlu yaso, malinyaniswe kude kube ngunapakade, wenze njengokuba utetile.
24
Ewe malinyaniswe, negama lako malenziwe likulu kude kube ngunapakade, kuze kutiwe: Uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, u ngutixo ko‐Sirayeli; nendlu ka‐Davide isicaka sako, maiqiniswe pambi kwako.
25
Ngokuba wena, Tixo wam! utyilele indlebe yesicaka sako okokuba uya kusakela indlu; ngako oko isicaka sako sifumene entliziyweni yake ukutandaza ebusweni bako.
26
Nakaloku, Yehova! wena unguye utixo, nezizinto ezilungileyo uzitetile ngaso isicaka sako:
27
ngako kaloku makukoleke kuwe ukutamsanqela indlu yesicaka sako, ukuba ibeko pambi kwako kude kube ngunapakade; ngokuba wena, Yehova! uyitamsanqele, yaiya kutanyusanqelwa kude kube ngunapakade
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29