bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Chronicles 22
1 Chronicles 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 23 →
1
Waza wati u‐Davide: Yiyo le indlu kayehova ongutixo, siso esi isibingelo sedini lokutshiswa ko‐Sirayeli.
2
KEKALOKU waxela u‐Davide ukuba kuhlanganiswe bonke abasemzini abaselizweni lakwa‐Sirayeli; waza wamisa ababazi ukuba babaze amatye aqandulweyo, kuze kwakiwe indlu katixo.
3
Walungisa u‐Davide nesincete, ngento eninzi, sibe sesezikonkwane zengcango zamasango, nesezibandakanyiso; nexina, ngento eninzi, engenakulinganiswa;
4
nemiti yesedare engenakubalwa: ngokuba ama‐Tsidone nama‐Tire ebezisile into eninzi yemiti yesedare ku‐Davide.
5
Wayesiti u‐Davide: u‐Solomone unyana wam ungumfana, utambile; kanti indlu eya kwakelwa uyehova iya kwenziwa nkulu ngento egqitiseleyo, ibe nodumo nobungcwalisa kuwo onke amazwe; ndiya kumlungisela ke. Kwa njalo u‐Davide walungisa ngento eninzi engekafi.
6
Waza wambiza u‐Solomone unyana wake, wamyalela ukuba akele uyehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu.
7
Wayesiti u‐Davide ku‐Solomone: Nyana wam! mna ke, bekusentliziyweni yam ukwakela igama likayehova, utixo wam, indlu:
8
kodwa ilizwi likayehova leza kum, lisiti: Igazi ulipalazile ngokuninzi, nemfazwe ezinkulu uzenzile; akuyi kwakela igama lam indlu, ngokuba igazi elininzi ulipalazile emhlabeni ebusweni bam.
9
Bona ke, uya kuzalelwa unyana, oya kuba yindoda yokupumla; ndandiya kumnika ukupumla kuzo zonke intshaba zake ezingqongayo: ngokuba igama lake liya kuba ngu‐Solomone, ndandiya kunika uxolo nokwonwaba ko‐Sirayeli emihleni yake.
10
Nguye oya kwakela igama lam indlu; yena woba ngunyana kum, nam ndoba nguyise kuye; ndandiya kuqinisa iterone yobukumkani bake pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade.
11
Kaloku, nyana wam! wanga uyehova angaba nawe; uze utamsanqeleke, wake indlu kayehova, utixo wako, njengoko akutetileyo ngawe.
12
Makati kodwa uyehova akunike ubulumko nokuqonda, akumise pezu kwo‐Sirayeli; uze uwugcine umteto kayehova, utixo wako.
13
Oko uya kutamsanqeleka, nxa ulumkela ukwenza izimiselo nezigwebo, owati uyehova wamyalela u‐Mosesi ngazo pezu kwo‐Sirayeli: yomelela, ukalipe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
14
Bona ke, ebunzimeni bam, ndilungisele indlu kayehova italente zegolide ezingamawaka alikulu, netalente zesilivere ezingamawaka aliwaka; nexina nesincete ngento engenakulinganiswa, ngokuba zizonke ezonto: ndilungisile nemiti namatye; ungati wena wongezelele kuzo.
15
Kanjako bako nawe abasebenzi ngobuninzi, ababazi, nencibi zamatye, nezemiti, nabo bonke abalumkileyo emisebenzini yonke.
16
Igolide, isilivere, nexina, nesincete, azinakubalwa: suka, wenze, aze ange angaba nawe uyehova.
17
Kanjako u‐Davide wayalela zonke inkosi zakwa‐Sirayeli ukuba zimncede u‐Solomone unyana wake, esiti:
18
Uyehova, utixo wenu, akanani na? akanipumzanga ngamacala onke na? ngokuba abemi belizwe ebanikile esandleni sam; kanjalo ilizwe loyisiwe pambi kwoyehova, napambi kwabantu bake.
19
Kaloku bekisani intliziyo yenu nompefumlo wenu ukumfuna uyehova, utixo wenu, nize nisuke, niyake indawo eyingcwele kayehova ongutixo, kuze kuziswe ityeya yocebano lukayehova, nempahla ezingcwele zikatixo, kulondlu eya kwakelwa igama likayehova.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29