bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 1
Deuteronomy 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 2 →
1
NGAWO la amazwi abewateta u‐Mosesi kubo bonke o‐Sirayeli, nganeno kwe‐Yoredane, entlango, etafeni malungana ne‐Sufe, pakati kwe‐Parane, ne‐Tofeli, ne‐Labane, ne‐Hatserote, ne‐Dizahabi.
2
(Yihambo yemihla elishumi linesinye kusuka e‐Horebe ukuya ngendlela yentaba ye‐Sehire e‐Kadeshe‐baneha.)
3
Kwaye kute ngomnyaka wamashumi mane, ngenyanga yeshumi linesinye, ngowokuqala umhla wenyanga, wateta u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, njengako konke abemyalezela kona uyehova kulo:
4
emvenikweni wabebulele u‐Sihone ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone, no‐Hogi ukumkani we‐Bashane, owahlala e‐Hashetarote nas e‐Edrehi.
5
Nganeno kwe‐Yoredane, ezweni le‐Mowabi, waqala u‐Mosesi ukushumayela lomteto, esiti:
6
Uyehova, utixo wetu, wateta kuti e‐Horebe, esiti: Kwanele ukuhlala kwenu kulentaba:
7
jikani, nihambe ke, niye entabeni yaba‐Amori, nakubo bonke abamelwane babo, etafeni, ezintabeni, ezihlanjeni, nasesuyide, naselunxwemeni lwolwandle; ezweni laba‐Kanane, nase‐Lebanone, kude kube ngumlambo omkulu, umlambo ongum‐Ferate.
8
Bona ke, ndilibekile pambi kwenu ilizwe elo: ngenani nifuye ilizwe owabefunga ngalo uyehova koyihlo benu, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi, ukuba uya kulinika kubo, nakwinzalo yabo emva kwabo.
9
Ndaye ndibe nditeta kuni ngeloxesha, ndisiti: Ndikohliwe ndindedwa kukunitwala:
10
uyehova, utixo wenu, unenze baninzi; kekaloku, nanku namhla nje ninjengenkwenkwezi zezulu ngobuninzi.
11
(Wanga uyehova, utixo woyihlo benu, anganandisa ngokuliwaka pezu kwokuba njalo kwenu, anitamsanqele, njengokuba etshilo kuni!)
12
Ndingati nina ukutwala ndedwa indiniso yenu, nomtwalo wenu, nempikiswano yenu?
13
Kupani amadoda alumkileyo, anokuqonda, anokwazeka ezizweni zenu, ndize ndiwamise abe zintloko zenu.
14
Naye nindipendula, nati: Ilungile lonto uyitetileyo, ukuba yenziwe.
15
Ndaza ndatabata intloko zezizwe zenu, amadoda alumkileyo, anokwazeka, ndawenza intloko pezu kwenu, inkosi zamawaka, nenkosi zamakulu, nenkosi zamashumi mahlanu, nenkosi zamashumi manye, namagosa pakati kwezizwe zenu.
16
Ndaye ndiyalela abagwebi benu ngeloxesha, ndisiti: Pulapulani amatyala akoyo pakati kwabazalwana benu, nilungise ukugweba pakati kwomntu nomzalwana wake, nowasemzini onaye.
17
Aniyi kugqalisela ubuso ekugwebeni; niya kupulapula abancinane njengokuba nipulapula abakulu; aniyi kwoyika ubuso bomntu; ngokuba umgwebo ungo katixo: nendawo eninqabelayo, yisondezeni kum, ndandiya kuyipulapula.
18
Kanjalo ndabendiyalela nina ngeloxesha zonke izinto eninge nizenza.
19
Sati sakunduluka e‐Horebe, sandula sacanda kuyo yonke leyontlango inkulu neyoyikekayo, enaniyibona endleleni yentaba yaba‐Amori, njengokuba ebesiyalele uyehova, utixo wetu; sada safika e‐Kadeshe‐baneha.
20
Ndaza ndati kuni: Nifikile entabeni yaba‐Amori, esiyipiwayo nguyehova, utixo wetu.
21
Kangela ke, uyehova, utixo wako, ubekile elozwe pambi kwako; nyuka, libambe, njengokuba uyehova, utixo woyihlo bako, etshilo kuwe; ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
22
Naza nasondela kum nonke, nati: Siya kususa amadoda aye pambi kwetu, aya kusipandela ilizwe, asibuyisele ilizwi ngendlela esiya kunyuka ngayo, nangezixeko esiya kufika kuzo.
23
Kekaloku leyonto ibilungile emehlweni am; ndaza ndacapula kuni amadoda alishumi linamabini, indoda nye ngesizwe ngesizwe:
24
ajika ke, enyukela ngasentabeni, aza kufika entilini ye‐Shekole, ayihlola ke.
25
Ati kanjalo atabata kwisiqa̔mo selizwe ezandleni zawo, asihlisela kuti, asibuyisela ilizwi, ati: Lilungile elozwe asipayo uyehova, utixo wetu.
26
Noko naningavumi ukunyuka, kodwa nalivukela ilizwi likayehova, utixo wenu.
27
Naye nibe niseya ezintenteni zenu, nati: Ngokuba uyehova esitiyile, usipumisile elizweni le‐Jipete, ukuba asinikele ezandleni zaba‐Amori, ukusitshabalalisa.
28
Sesiya kunyuka ukuya pina? abazalwana betu banyibilikisile intliziyo zetu, besiti: Abantu ngabakulu nabade kuti; izixeko zezikulu nezinqatyiselweyo kwada kwasezulwini; kanjako nosapo lwama‐Hanaki sasilubona apo.
29
Ndaza ndati kuni: Ningankwantyi, ningaboyiki nokuboyika.
30
Uyehova, utixo wenu, ohambayo pambi kwenu, nguye oya kunilwela; njengako konke wanenzelayo e‐Jipete pambi kwamehlo enu,
31
nasentlango, apo nibonileyo okokuba uyehova, utixo wenu, unitwele, njengokuba umntu etwala unyana wake, kuyo yonke indlela benihamba ngayo, nada nafika kulendawo.
32
Kodwa nangalento beningakolwa nguyehova, utixo wenu,
33
obehamba pambi kwenu endleleni, ukuya kunihlolela indawo yokuti waca kwenu, ngomlilo ebusuku, ukuba anibonise indlela eniya kuhamba ngayo, nangelifu emini.
34
Wati uyehova akuva ilizwi lamazwi enu, waqumba kunene, wafunga, esiti:
35
Ngenyaniso akuyi kubako nanye kulamadoda esisizukulwana sikohlakeleyo, eya kubona elolizwe lilungileyo, endandifunga ngalo ukuba ndiya kulinika koyihlo benu,
36
ngapandle kwo‐Kalebi, unyana ka‐Jefune! yena wolibona, nakuye ndowunika umhlaba abenyatela pezu kwawo, nakubo abantwana bake, ngenxa yokuba ekolisile ukulandela uyehova.
37
Kanjalo nam wandiqumbela uyehova ngenxa yenu, esiti: Nawe akuyi kungena kona:
38
u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, omiyo ebusweni bako, yena uya kungena kona; lowo momeleze ke: ngokuba eya kubamkelisa o‐Sirayeli ilifa lalo.
39
Nentsapo zenu, enanisiti: Zoba lixoba; nabantwana benu, abangakwaziyo namhla okulungileyo nokukohlakeleyo, aba baya kungena kona, nakubo bona ndiya kulinika, baye bona beya kulifuya.
40
Kodwa nina, jikani, nihambele ngasentlango, ngendlela yaselwandle olubomvu.
41
Naza napendula nati kum: Sonile ngakuye uyehova tina; sesiya kunyuka silwe, njengako konke asiyaleleyo uyehova, utixo wetu. Xeshikweni nise nibinqile abanye ngabanye ngempahla zabo zokulwa, ninxamile nje ukunyukela entabeni,
42
wandula wati uyehova kum: Yiti kubo: Ningenyuki, ningalwi kanjako, ngokuba ndingeko mna pakati kwenu; ukuze ningoyiswa pambi kwentshaba zenu.
43
Koko ndakuteta kuni, nibe ningapulapuli; kodwa navukelana nelizwi likayehova, nenza nger̔atshi, nenyukela entabeni.
44
Bandul’ ukupumela ngakuni aba‐Amori, abebehlala kulontaba, banisukela, njengokuba zisenje njalo inyosi, banicitela e‐Sehire, na kude kwase‐Horema.
45
Nada nabuya ke, nalila pambi kwoyehova: kanti uyehova akapulapula ilizwi lenu, akanibekela indlebe kanjako.
46
Kwa njalo nibe nihlala e‐Kadeshe imihla yamininzi, njengemihla enibe nihlala ngayo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34