bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 17
Deuteronomy 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 18 →
1
AKUYI kubingela uyehova, utixo wako, inkabi, umhlaumbi igusha, ekukuyo isonakalo umhlaumbi enye into embi: ngokuba oko kuyintshontsho kuyehova, utixo wako.
2
Xeshekweni kufunyanwa pakati kwenu, pakati kwelinye lamasango ako uwapiwayo nguyehova, utixo wako, indoda, umhlaumbi umfazi, eyenzileyo inkohlakalo emehlweni kayehova, utixo wako, ngokugqita ucebano lwake;
3
ukuba yaya yabakonza otixo bambi, yatoba pantsi kubo, umhlaumbi elangeni, umhlaumbi enyangeni, umhlaumbi kuwo wonke umkosi wezulu, into endingayalelanga yona;
4
kwaza kwaxelwa kuwe, weva ke, wakolisa ukubuza, kekaloku bona ke, kuyinene, kuyinto eqinileyo, kwenziwe intshontsho enjalo kwa‐Sirayeli:
5
uya kwandula ukupe indoda leyo umhlaumbi umfazi lowo, abayenzileyo lento ikohlakeleyo, baye emasangweni ako, kwa londoda umhlaumbi lomfazi; wauya kubagibisela ngamatye, bade bafe.
6
Ngomlomo wamanqi̔na amabini, umhlaumbi wamanqi̔na amatatu, uya kufiswa lowo ofanele ukufa; akayi kufiswa ngomlomo wenqi̔na linye.
7
Isandla samanqi̔na soba pezu kwake kuqala, ukuba afiswe, nesandla sabantu bonke kamva Kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu.
8
Xeshekweni kuko into ekugwebeni ekunqabeleyo, pakati kwegazi negazi, pakati kwetyala netyala, pakati kwesibeto nesibeto, izinto zempikisano emasangweni ako; uya kwandula ukusuka unyukele endaweni, aya kunyula yona uyehova, utixo wako;
9
wauya kuza kubaperisite abangaba‐Levi, nakumgwebi oya kubako ngalomihla, ubuze ke; abaya kuxela kuwe into yokugweba:
10
wauya kwenza ngokuteta kwelizwi abaya kulixela kuwe, bekulondawo aya kuyinyula uyehova; ewe, uya kulumkela ukwenza ngako konke abaya kukufundisa kona:
11
ngokuteta kwomteto abaya kukufundisa wona, nangokugweba abaya kukutsho kuwe, uya kwenza; akuyi kupambuka kwelozwi abaya kulixela kuwe, nangasekunene nangasekohlo.
12
Kanjako lowamntu oya kwenza nger̔atshi, ngokungapulapuli kumperisite omiyo ukukonza kona uyehova, utixo wako, umhlaumbi kumgwebi, kwa umntu lowo uya kufa: wauya kukwelelisa inkohlakalo kwa‐Sirayeli;
13
bati bonke abantu bapulapule, boyike, bangabuyi benze nger̔atshi.
14
Xeshekweni uya kufika kwelozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ude ulifuye, uhlale nokuhlala kulo, uze uti: Ndiya kumisa ukumkani pezu kwam, njengazo zonke intlanga ezindingqongayo;
15
uya kuqinisa ukummisa pezu kwako abe ngukumkani, lowo aya kunyula yena uyehova, utixo wako; owapakati kwabazalwana bako uya kummisa pezu kwako abe ngukumkani; akungebe nako ukubeka pezu kwako umntu wolunye uhlanga, lowo ungenguye umzalwana wako.
16
Kodwa akayi kuzandisela amahashe, nabantu akayi kubabuyisela e‐Jipete, ukuze kwandiswe amahashe; ngokuba uyehova etshilo kuni ukuti: Anisayi kupinda ukubuya ngalondlela.
17
Kanjako akayi kuzandisela abafazi, ize ingapambuki intliziyo yake; akayi kuzandisela kakulu isilivere negolide kananjalo.
18
Kwakuya kuti, akuhlala pezu kweterone yobukumkani bake, woziba̔lela isipindwa salomteto encwadini, sitatyatwa kwa ku leyo e pambi kwabaperisite abangaba‐Levi;
19
esiya kuba naye, waeya kulesesha kuso yonke imihla yokudla kwake ubomi; ukuze afunde ukwoyika uyehova, utixo wake, agcine onke amazwi alomteto, nezimiselo ezi, azenze;
20
ukuba ingapakami intliziyo yake pezu kwabazalwana bake, nokuba angapambuki kuwo umyalelo, nangasekunene nangasekohlo: ukuze ayolule imihla ebukumkanini bake, yena nonyana bake, pakati kwo‐Sirayeli.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34