bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 3
Deuteronomy 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 4 →
1
SANDULA sajika, senyuka ngendlela yase‐Bashane; waza wapumela ngakuti u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, yena nabo bonke abantu bake, ukuza kulwa e‐Edrehi.
2
Waye uyehova esiti kum: Ungamoyiki; ngokuba ndiya kunika yena, nabo bonke abantu bake, nelizwe lake, esandleni sako; wauya kwenza kuye, njengokuba wenzile ku‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone.
3
Kwa njalo uyehova, utixo wetu, wanika ezandleni zetu no‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, nabo bonke abantu bake; saza sambeta, kwada akwamshiyelwa namnye oseleyo.
4
Saye sitimba zonke izixeko zake ngeloxesha; akwabiko nqili esasingayitimbanga kubo: izixeko ezingamashumi matandatu, sonke isahlulo se‐Ragobi, ubukumkani buka‐Hogi e‐Bashane.
5
Zonke ezizixeko zibe zinqatyisiwe ngendonga ezinde, ngamasango nangemivalo; ngapandle kwezixeko ezingenandonga into eninzi kakulu.
6
Ezona sazilahlela ekutshatyalalisweni, njengokuba sibe senje njalo ku‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, silahlela ekutshatyalalisweni amadoda ezixeko zonke, nabafazi, nentsapo.
7
Kodwa sazipangela zonke inkomo nawo onke amaxoba ezixeko ezo.
8
Kanjalo ngeloxesha salitabata ilizwe esandleni sokumkani baba‐Amori bobabini, elo linganeno kwe‐Yoredane, kwa kuwo umlambo we‐Arenone kwada kwasentabeni ye‐Heremone:
9
(ama‐Tsidone ayibiza i‐Heremone ngokuti yi‐Siriyone, kanti aba‐Amori bayibiza ngokuti yi‐Shenire:)
10
zonke izixeko zasetafeni, nayo yonke i‐Gileyadi, nayo yonke i‐Bashane, kwada kwase‐Saleka nase‐Edrehi, izixeko zobukumkani buka‐Hogi e‐Bashane.
11
Ngokuba u‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, ebekupela kwoseleyo eliveni lama‐Rafa; bona ke, ikoye yake ibiyikoye yesincete; asi yiyo na ese‐Raba yosapo luka‐Hamoni? zikubite ezilitoba ubude bayo, nekubite ezine ububanzi bayo, ngekubite yomntu.
12
Nelilizwe e salibamba yo ngeloxesha, kwa kuyo i‐Harohere, esemlanjeni we‐Arenone, nesiqingata sentaba ye‐Gileyadi, nezixeko zakuyo, ndalinika kuma‐Rubene nakuma‐Gadi.
13
Neliva le‐Gileyadi, nayo yonke i‐Bashane, e yobukumkani buka‐Hogi, elozwe ndalinika kwisiqingata sesizwe sika‐Manase; sonke isahlulo se‐Ragobi, kunye nayo yonke i‐Bashane, e‐bekutiwa lilizwe lama‐Rafa.
14
U‐Yahire, unyana ka‐Manase, watabata sonke isahlulo se‐Ragobi kwada kwakuwo umda wama‐Geshure nama‐Mahaka; wayebiza ezo ndawo ngegama lake, nge‐Bashane‐havote‐yahire, kwada kwanamhla.
15
No‐Makire ndamnika i‐Gileyadi.
16
Nakuma‐Rubene nakuma‐Gadi ndanika kutabata e‐Gileyadi kude kwakuwo umlambo we‐Arenone, pakati kwentili, nomda wakona; nakude kwakuwo umlambo we‐Yaboki, umda wosapo luka‐Hamoni;
17
netafa, ne‐Yoredane, nomda wakona; kwa kuyo i‐Kinerete nakude kwakulo ulwandle lwasetafeni, ulwandle olutyuwa, ngapantsi kwemifula yase‐Pisega ngasempumalanga.
18
Ndaye ndiniyalela ngexesha elo, ndisiti: Uyehova, utixo wenu, unipile elilizwe ukuba nilifuye: niya kuwela nixo̔bile pambi kwabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli, nonke eningamadoda obuṙoti;
19
kodwa abafazi benu, nentsapo zenu, nenkomo zenu, (ndiyazi ukuba ninento eninzi yenkomo,) ziya kuhlala ezixekweni zenu endizinikileyo kuni;
20
ade uyehova abapumze abazalwana benu, njengokuba enipumzile nina, baze nabo balifuye elozwe uyehova, utixo wenu, ubapile lona pesheya kwe‐Yoredane; nandule nibuye abanye ngabanye ukuza kwimfuyo zabo, endizinikileyo kuni.
21
No‐Yoshuwa bendimyalela ngeloxesha, ndisiti: Amehlo ako akubonile konke akwenzileyo uyehova, utixo wenu, kokumkani aba bobabini; uya kwenje njalo uyehova kubo bonke ubukumkani oya kudlula ngakona.
22
Aniyi kuboyika; ngokuba uyehova, utixo wenu, nguye oya kunilwela.
23
Kanjako ndamtaṙuzisa uyehova ngexesha elo, ndisiti:
24
Nkosi, Yehova! uqalile ukubonisa isicaka sako ubukulu bako, nesandla sako esomeleleyo; ngokuba nguwupina utixo ezulwini nasemhlabeni, ongenzayo njengemisebenzi yako, nanjengezenzo zamandla zako?
25
Makendiwele, ndiye kubona elolizwe lilungileyo elipesheya kwe‐Yoredane, lontaba entle, ne‐Lebanone.
26
Kodwa uyehova ebequmbile ngakum ngenxa yenu, wabengandipulapuli; koko wabesiti uyehova kum: Makukwanele; ungabi sapinda ukuteta kum ngalendawo.
27
Nyukela engcopo ye‐Pisega, uze upakamise amehlo ako ngasentshonalanga, nangasenode, nangasesuyide, nangasempumalanga, ulibone ngamehlo ako: ngokuba ungayi kuwela i‐Yoredane le.
28
Kodwa yala u‐Yoshuwa, umomeleze, umkalipise: ngokuba yena eya kuwela pambi kwababantu, abamkelise ilifa lelozwe uya kulibona.
29
Kwa njalo sahlala esihlanjeni malungana ne‐Bete‐pehori.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34