bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 23
Deuteronomy 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 24 →
1
OLINYAZIWE ngokutenwa, umhlaumbi onqanyulweyo isidoda, akayi kungena emhlambini kayehova.
2
Ongumntwana wesisu akayi kungena emhlambini kayehova; kwa eseshumi isizukulwana sake asiyi kungena emhlambini kayehova.
3
Um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini kayehova; kwa eseshumi isizukulwana sabo asiyi kungena emhlambini kayehova kude kube ngunapakade:
4
ngendawo yokuba bebengezi nesonka namanzi ukunikaulela endleleni, nakupuma e‐Jipete; nokuba bebemqesha ngakuni u‐Bilame, unyana ka‐Behori, owase‐Petore e‐Mesopotami, aze akuqalekise.
5
Noko ebengavumi uyehova, utixo wako, ukupulapula ku‐Bilame; kodwa uyehova, utixo wako, wakuguqulela isiqalekiso sibe litamsanqa, ngenxa yokuba uyehova, utixo wako, ebekutanda.
6
Akuyi kufuna uxolo lwabo nokulunga kwabo yonke imihla yako kude kube ngunapakade.
7
Akuyi kumzonda um‐Edome; ngokuba engumzalwana wako yena: akuyi kumzonda um‐Jipete; ngokuba ubungowasemzini elizweni lake.
8
Abantwana abazelweyo ngabo, abesesitatu isizukulwana baya kungena emhlambini kayehova.
9
Xeshekweni kupuma umkosi ngakuzo intshaba zako, zibambe ke kuzo zonke izinto ezikohlakeleyo.
10
Xeshekweni kuko pakati kwenu indoda, engacocekileyo ngenxa yokuyihlileyo ebusuku, yona iya kupuma iye ngapandle kwomnquba, ayiyi kungena pakati kwomnquba:
11
koko kuya kuti, xa kuza kuhlwa, iya kuhlamba emanzini; naxeshekweni kutshonile ilanga, iya kungena pakati kwomnquba.
12
Kanjako uya kuba nendawo ngapandle kwomnquba, apo uya kupumela kona endle:
13
wauya kuba nolugxa, ngapezu kwempahla yako; kwakuya kuti, wakuhlala pantsi endle, uya kupanda ngalo, uze ujike, uselele okupumayo kuwe:
14
ngokuba uyehova, utixo wako, ehamba pakati kwomnquba wako, ukuba akusindise, nokuba azinike intshaba zako ebusweni bako; ngako umnquba wako woba ngcwele, aze angaboni pakati kwako into ehlazekileyo, andul’ ukubuya kuwe.
15
Akuyi kunikela isicaka kwinkosi yaso, esisindileyo enkosini yaso ukuza kuwe:
16
sohlala kuwe, pakati kwenu, kulondawo siya kuyinyula kwelinye lamasango ako, apo kusilungeleyo kona: akuyi kusibandezela.
17
Akuyi kubako ingnawokazi pakati kwentombi zakwa‐Sirayeli; kanjalo akuyi kubako ingnawo pakati kwonyana bakwa‐Sirayeli.
18
Akuyi kungenisa umvuzo wengnawokazi nexabiso lenja endlwini kayehova, utixo wako, ngenxa yaso nasinye isibambiso: ngokuba ziyintshontsho kuyehova, utixo wako, kwa zombini.
19
Akuyi kuboleka umzalwana wako ngenxa yayo inzuzo; inzuzo yemali, inzuzo yokutya, inzuzo yenye into kubolekwa ngayo ngenxa yenzuzo:
20
owasemzini ungamboleka ngenxa yenzuzo, kodwa umzalwana wako akuyi kumboleka ngenxa yenzuzo; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke usolulela kona isandla sako, elizweni apo uya kona ukulifuya.
21
Xeshekweni uya kubambisa ngesibambiso kuyehova, utixo wako, akuyi kulibala ukusihlaula: ngokuba uyehova, utixo wako, eya kusibiza kuwe ngenyaniso, kwandule kubeko kuwe isono.
22
Kanti nxa uyekayo ukubambisa, akuyi kubako kuwe isono.
23
Oko kupumayo emlonyeni wako, uya kubamba kona ukwenze; njengokuya ubambisile kuyehova, utixo wako, ngomnikelo wesisa, owutetileyo ngomlomo wako.
24
Xeshekweni uzayo esitiyeni sommelwane wako, ungazidla idreyive ngokwomxe̔lo wako, ude uhlute; kodwa akuyi kubeka esityeni sako.
25
Xeshekweni uzayo enqoloweni yommelwane wako, ungazika izikwebu ngesandla sako; kodwa musa kushukumisa iṙenqa ngakuyo inqolowa yommelwane wako.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34