bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 4
Deuteronomy 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 5 →
1
UZE kaloku, Sirayeli! upulapule kwizimiselo nakwizigwebo endinifundisayo ukuba nizenze; ukuze nipile, niye ningene nilifuye elozwe ulinika kuni uyehova, utixo woyihlo benu.
2
Aniyi kwongeza pezu kwelizwi endiniyalela ngalo, aniyi kususa kulo kanjalo; ukuze nigcine imiyalelo kayehova, utixo wenu, endiniyalela ngayo.
3
Amehlo enu abonile oko wabekwenza uyehova ngenxa yo‐Bali‐pehori: ngokuba onke lomadoda abelandela u‐Bali‐pehori, wona uyehova, utixo wako, uwatshabalalisile pakati kwenu.
4
Kanti nina enibe ninamatela kuye uyehova, utixo wenu, nipilile nonke namhla nje.
5
Kangela, ndinifundisile izimiselo nezigwebo, njengokuba ndiyalelwe nguyehova, utixo wam, ukuba nenze ngokunjalo pakati kwelizwe, apo niya kona ukulifuya.
6
Zigcineni ngoko, nizenze: ngokuba oku kuya kuba bubulumko benu nengqondo yenu emehlweni entlanga, eziya kuziva zonke ezizimiselo, ziti: Ngabantu abalumkileyo nabanengqondo oluhlanga lukulu kupela!
7
Ngokuba lulupina uhlanga olukulu olunaye utixo ekufupi kulo, njengoyehova, utixo wetu, ngako konke esimbizelayo?
8
Kanjalo lulupina uhlanga olukulu olunazo izimiselo nezigwebo ezilungileyo kangaka, njengawo wonke lomteto endiwubeka pambi kwenu namhla nje?
9
Kodwa zilumkele ke, uwugcine umpefumlo wako kunene, ukuba ungalibali ezozinto amehlo ako azibonileyo, nokuba zingemki entliziyweni yako yonke imihla yokudla kwako ubomi: uze uzazise kubantwana bako, nakubantwana babantwana bako.
10
Umhla obumi ngawo ebusweni bukayehova, utixo wako, e‐Horebe, akuti uyehova kum: Bahlanganisele kum abantu aba, ndandiya kubavisa amazwi am, ukuba bafunde ukundoyika yonke imihla abaya kubudla ubomi ngayo pezu kwomhlaba, nokuba bafundise abantwana babo;
11
naza nasondela nema ngapantsi kwentaba leyo; yati ke intaba yatsha ngomlilo kude kwapakati kwezulu, kunye nobumnyama, n amafu, nesitokotoko;
12
wandula wateta uyehova kuni epakati kwomlilo: ilizwi lamazwi naliva, kanti isimilo naningasiboni; neva ilizwi kwapela.
13
Waza waxela kuni ucebano lwake, owaniyalelayo ukuba nilwenze, amazwi alishumi; wawaba̔la pezu kwamacwecwe amatye amabini.
14
Nam uyehova wandiyalela ngeloxesha, ukuba ndinifundise izimiselo nezigwebo; ukuze nizenze kwelozwe eniwelela kona ukuya kulifuya.
15
Zilumkeleni kunene ngoko: ngokuba beningasiboni nasinye isimilo ngomhla wabeteta uyehova kuni e‐Horebe epakati kwomlilo:
16
hleze nizonakalise, nizenzele into eqingqiweyo, isimilo somnye umfanekiso, imfano yendoda umhlaumbi yenkazana,
17
imfano yesinye isilo esisemhlabeni, imfano yenye intaka enamapiko epapazelayo ezulwini,
18
imfano yenye into enambuzelayo pezu kwomhlaba, imfano yenye intlanzi esemanzini ngapantsi kwomhlaba:
19
hleze kanjalo upakamise amehlo ako ngasezulwini, uti, wakubona ilanga, nenyanga, nenkwenkwezi, wonke umkosi wasezulwini, ukukuliswe ukuba uqubude kuzo, nokuba uzikonze, ezo nto uyehova, utixo wako, uzabele kuzo zonke intlanga ezipantsi kwalo lonke izulu.
20
Kanti nina unitabatile uyehova, wanikupa kuso isidlangalala sesincete, kuyo i‐Jipete, ukuba nibe ngabantu belifa kuye, njengokuba kunjalo namhla nje.
21
Kanjako uyehova wabendiqumbela ngendawo yenu, wafunga ukuba andiyi kuwela i‐Yoredane, nokuba andiyi kungena kwelozwe lilungileyo, olipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa.
22
Ngokuba ndiya kufa mna kwelilizwe apa, ndingayi kuwela i‐Yoredane; kanti nina niya kuwela, nilifuye elolizwe lilungileyo.
23
Zilumkeleni ke, hleze nilibale ucebano lukayehova, utixo wenu, alwenzileyo nani, nize nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imfano yenye into akuyalile ngayo uyehova, utixo wako.
24
Ngokuba uyehova, utixo wako, engumlilo odlayo, e ngutixo onekwele.
25
Xeshikweni uya kuzala abantwana, nabantwana babantwana, nide nihlale kade elizweni, nandule nizonakalise, nenze umfanekiso oqingqiweyo, imfano yenye into, nenze okubi emehlweni kayehova, utixo wako, ukumqumbisa;
26
ndiyanqi̔nisa ngakuni namhla nje izulu nomhlaba, ukuba niya kugqibela ukububa kamsinyane emhlabeni, eniwelayo i‐Yoredane ukuya kona, ukuba niwufuye; aniyi kwolula imihla pezu kwawo, koko niya kutshatyalaliswa kanye.
27
Kanjalo uyehova woniti sa pakati kwentlanga; naniya kushiywa nibancinane inani lenu pakati kwabaheyideni, apo uyehova aya kuniqu̔bela kona.
28
Naniya kukonza apo otixo, umsebenzi wezandla zabantu, imiti namatye, abangaboniyo, abangevayo, abangadliyo, abangasezeliyo.
29
Kodwa wakufuna kwa kona uyehova, utixo wako, uya kwandula ukumfumana, nxa umbuzayo ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako.
30
Nxa usebunzimeni, na nxa zonke ezizinto zikufumene, emihleni yasemva, ukuba uya kubuyela kuyehova, utixo wako, upulapule elizwini lake;
31
(ngokuba e ngutixo onenceba, uyehova, utixo wako;) akasayi kukuyeka, akasayi kukububisa kanjako; nocebano lwoyihlo bako, owabebafungela ngalo, akasayi kululibala.
32
Ngokuba, uke ubuze kwimihla yamatanci, ebiko pambili kuwe, kuselokwalomhla wadalayo utixo abantu pezu kwomhlaba, nakwenye incam yezulu kude kube kwenye incam yezulu, ukuba kekwabako na okunjengayo into enkulu le, umhlaumbi ukuba kekwaviwa na okufana nayo?
33
Kuko abantu na abake baliva ilizwi likatixo, eteta pakati kwomlilo, njengokuba uvile wena, bapila ke?
34
Umhlaumbi kewalinga na utixo ukuya kuzitabatela uhlanga kwa pakati kwohlanga olunye, ngezilingelo, ngemiqondiso, nangemimangaliso, nangemfazwe, nangesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo, nangezoyikiso ezikulu, njengako konke abekwenzela nina uyehova, utixo wenu, e‐Jipete pambi kwamehlo enu?
35
Kwabonakaliswa kuwe ke, ukuze ukwazi okokuba uyehova unguye utixo; akuko namnye ngapandle kwake.
36
Kwa sezulwini wakuvisa ilizwi lake, ukuze akululeke; napezu kwomhlaba wakubonisa umlilo wake omkulu; namazwi ake waweva epakati kwomlilo.
37
Nangenxa yokuba ebetanda oyihlo bako, kukona waqashayo inzalo yabo emva kwabo, wakupumisa e‐Jipete pantsi kwobuso bake ngamandla ake amakulu;
38
ukuya kugqogqa intlanga ezizezinkulu nezinamandla ngapezu kwako ebusweni bako, ukuba akungenise, akupe ilizwe lazo libe lilifa, njengokuba kunjalo namhla nje.
39
Yazi ke ngoko namhla nje, ukumbule entliziyweni yako, ukuba uyehova unguye utixo, ezulwini pezulu, nasemhlabeni ngapantsi; akuko wumbi.
40
Ngako uya kugcina imimiselo yake, nemiyalelo yake, endikuyalelayo namhla nje, ukuba kulunge kuwe nakubantwana bako emva kwako, nokuba wolule imihla pezu kwomhlaba, owupiwayo nguyehova, utixo wako, kude kube ngunapakade.
41
WANDULA wahlula u‐Mosesi izixeko ezitatu, nganeno kwe‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga;
42
ukuba kusabele kona umbulali, obulalayo ummelwane wake engazi ke, kwa lowo angamtiyanga ngexesha lapambili; ukuze ati, esabela kwesinye sezixeko ezi, andule apile:
43
i‐Betsere esentlango, ezweni elibutafa, ibe sesama‐Rubene; ne‐Ramote ese‐Gileyadi, ibe sesama‐Gadi; ne‐Golane ese‐Bashane, ibe sesama‐Manase.
44
KEKALOKU nguwo lo umteto owawubeka u‐Mosesi pambi kwosapo luka‐Sirayeli:
45
zizo ezi izinqi̔nelo, nezimiselo, nezigwebo, owabeziteta u‐Mosesi elusatsheni luka‐Sirayeli, lwakuba lupumile e‐Jipete,
46
nganeno kwe‐Yoredane, esihlanjeni malungana ne‐Bete‐pehori, ezweni lika‐Sihone ukumkani waba‐Amori, owahlala e‐Heshebone, lowo owabetwayo ngu‐Mosesi nosapo luka‐Sirayeli, lwakuba lupumile e‐Jipete:
47
olwabamba ilizwe lake nelizwe lika‐Hogi ukumkani we‐Bashane, okumkani ababini baba‐Amori, abebenganeno kwe‐Yoredane ngasekupumeni kwelanga;
48
kwa kuyo i‐Harohere, eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, kude kwasentabeni ye‐Siyone, ekwa yiyo i‐Heremone;
49
nalo lonke itafa nganeno kwe‐Yoredane ngasempumalanga, nakude kwaselwandle lwasetafeni, ngapantsi kwemifula yase‐Pisega.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34