bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 29
Deuteronomy 29
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 30 →
1
NGAWO la amazwi ocebano, olo uyehova wamyalela u‐Mosesi ukuba alwenze nosapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Mowabi, ngapandle kwocebano wabelwenzile nalo e‐Horebe.
2
Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo: Nikubonile konke akwenzileyo uyehova pambi kwamehlo enu, elizweni le‐Jipete, ku‐Faro, nakuzo zonke izicaka zake, nakulo lonke ilizwe lake;
3
ezozilingelo zikulu amehlo ako azibonileyo, imiqondiso, naleyo imimangaliso mikulu:
4
kodwa uyehova akanipanga intliziyo yokuqiqa, namehlo okubona, nendlebe zokuva, kwada kwanamhla nje.
5
Ndinihambisile iminyaka ingamashumi mane kulentlango: izivato zenu aziguganga pezu kwenu, nesihlangu sako asiguganga elunyaweni lwako.
6
Isonka anisidlanga, neveyine notywala aniziselanga; ukuze nikwazi ukuba ndi nguyehova, utixo wenu.
7
Kekaloku sakufika kulendawo, kwapuma u‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, no‐Hogi, ukumkani we‐Bashane, ukuza kusikaulela ukuba kuliwe; saza sababeta:
8
nelizwe labo salibamba, salinika libe lilifa kuma‐Rubene, nakuma‐Gadi, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase.
9
Wagcineni ngoko amazwi ocebano olu, nenze ngawo, ukuze nilungiseke kuko konke enikwenzayo.
10
Nimi namhla nonke ebusweni bukayehova, utixo wenu: intloko zenu zezizwe zenu, abadala benu, namagosa enu, onke amadoda akwa‐Sirayeli;
11
intsapo zenu, abafazi benu, nowasemzini wako opakati kwomnquba wako, kwa kulowo ogaula inkuni yako kude kube kulowo oka amanzi ako:
12
ukuba ungene elucebanweni lukayehova, utixo wako, nasesifungweni sake, olo uyehova, utixo wako, ulwenza nawe namhla;
13
ukuze akumise namhla ube ngabantu kuye, nokuba yena abe ngutixo kuwe, njengokuba etshilo kuwe, nanjengokuba efungele oyihlo bako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi.
14
Kanjako andilwenzi nani nodwa ucebano olu, nesifungo esi;
15
koko ndilwenza nalowo okoyo apa nati, emi namhla ebusweni bukayehova, utixo wetu, kwa nalowo ongekoyo apa nati namhla:
16
(ngokuba nikwazi nina okokuba sibe sihlala ezweni le‐Jipete, nokokuba sacanda pakati kwentlanga enanicanda kuzo:
17
nezinto zazo ezizondekayo nizibonile, kwa izitixwana zazo, imiti namatye, isilivere negolide, ezibe zinazo:)
18
hleze kubeko pakati kwenu indoda, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi isizalwane, umhlaumbi isizwe, leyo intliziyo yayo ijika namhla kuyehova, utixo wetu, ukuya kukonza otixo bentlanga ezi; hleze kubeko pakati kwenu ingcambu ehlanzayo umfuno onobuhlungu nomhlonyane;
19
kuze kuti ke, yakuva amazwi esifungo esi, izitamsanqele entliziyweni yayo, isiti: Ndoba noxolo, nakuba ndihambayo ngobulukuni bentliziyo yam, ukuze ndongeze ukunxila pezu kwokunxanwa.
20
Uyehova akayi kuvuma ukuyixolela, kodwa oko kuya kuquma ingqumbo kayehova nobukwele bake ngakuyo indoda leyo, nazo zonke iziqalekiso eziba̔liweyo kulencwadi ziya kulala pezu kwayo; waye uyehova eya kucima igama layo ngapantsi kwezulu.
21
Kanjalo uyehova uya kuyahlulela ebubini kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, njengazo zonke iziqalekiso zocebano oluba̔liweyo encwadini yalomteto.
22
Siya kwandula siti isizukulwana esilandelayo, abantwana benu abaya kuvuka emva kwenu, nowasemzini oya kuvela ezweni elikude, bakubona izibetwa zelizwe elo, nemikuhlane yalo uyehova alibuleleyo ngayo;
23
wonke umhlaba walo uyisufure, netyuwa, n okutsha nje, ungahlwayelwa, ungahlumisi nokuhlumisa, ingapumi kuwo nanye inca, njengasekucitweni kwe‐Sodome ne‐Gomora, kwe‐Adema ne‐Tseboyime, owazicitayo uyehova ngengqumbo yake nangomsindo wake:
24
ziya kuti kwa zonke intlanga: Kungenxa yanina enzileyo uyehova njengokunjalo kwelilizwe? buti nina ubushushu balengqumbo enkulu?
25
Kwakuya kutiwa: Kungenxa yokuba bashiyile ucebano lukayehova, utixo woyise babo, owabelwenza nabo akuba ebapumisile ezweni le‐Jipete:
26
ngokuba beyile bakonza otixo bambi, batoba pambi kwabo, otixo ababengabazi n a bengababelanga kubo:
27
ngako yavuta ingqumbo kayehova ngakulo elolizwe, kuze kuziswe pezu kwalo zonke iziqalekiso eziba̔liweyo kulencwadi:
28
waza uyehova wabancotula emhlabeni wabo, ngengqumbo, nangomsindo, nangobuṙalaṙume obukulu, wabaposa elizweni limbi, njengokuba kunjalo namhla nje.
29
Izinto ezifihlakeleyo ze zikayehova, utixo wetu; kodwa ezo zityiliweyo zezetu, nezabantwana betu, kude kube ngunapakade, size siwenze onke amazwi alomteto.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34