bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 14
Deuteronomy 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 15 →
1
NINA nilusapo lukayehova, utixo wenu: aniyi kuziqapula, aniyi kwenza ubunqai pakati kwamehlo enu kanjako, ngenxa yofileyo.
2
Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu; kanjalo nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
3
Akuyi kutya nanye into eyintshontsho.
4
Zizo ezi izilo eniya kuzidla: inkomo, igusha, nebokwe;
5
ixama, nebadi, neliza, nentlangu, newula, nembabala, nempunzi.
6
Nazo zonke izilo ezilwahlula upupu, ezicanda upupu ezahlulweni zibini, ezihlafuna umtyiso, pakati kwezilo, ezona niya kuzidla.
7
Ezi noko aniyi kuzidla kwezo zityisayo, nakwezo zilwahlulayo upupu olucandekileyo: inkamela, nomvundla, nembila; ngokuba ezi zihlafuna umtyiso, kodwa upupu azilwahluli; zinco̔lile zona kuni:
8
nehangu, ngokuba leyo ilwahlula upupu, kodwa ayityisi; inco̔lile yona kuni: kwinyama yazo aniyi kudla, nesidumbu sazo aniyi kusicukumisa.
9
Ezi niya kuzidla kwezo zonke ezisemanzini: zonke ezinamapiko nenkwetu niya kuzidla.
10
Kodwa zonke ezingenamapiko nenkwetu aniyi kuzidla; zinco̔lile zona kuni.
11
Zonke intaka ezicocekileyo niya kuzidla.
12
Kodwa ezi zeningayi kudla kuzo: ukozi, nengqanga, nonomakwezane,
13
nesanxa, nexalanga limhlope, nexalanga limnyama ngemmilo yalo;
14
nabo bonke onomyai ngemmilo yabo;
15
nenciniba, nondebeza, nogwidi, nontloyiya ngemmilo yake;
16
nesikova, nentsikizi, nelowe,
17
nencwangube, nengqo, nokwalimanzi,
18
neṙaside, noqimgqoshe ngemmilo yake, noboboyi, nelulwane.
19
Kanjalo zonke izinambuzane ezinamapiko zoba yintshontsho kuni; aziyi kudliwa.
20
Zonke intaka ezicocekileyo ningazidla.
21
Aniyi kudla nasinye isidumbu: uya kusinika kowasemzini opakati kwamasango ako, ukuba asidle yena; umhlaumbi ungatengisa ngaso kowolunye uhlanga; ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu. Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
22
Uya kunika ngenyaniso izishumi zako konke ukuvelisa kwembewu yako, epumayo entsimini umnyaka ngomnyaka.
23
Wauya kutya pambi kwoyehova, utixo wako, endaweni aya kuyinyula ukuba alimise igama lake kona, isishumi senqolowa yako, eseveyine yako, neseoli yako, namazibulo enkomo zako nawegusha zako; ukuze ufunde ukwoyika uyehova, utixo wako, imihla yonke.
24
Naxeshekweni indlela inde kuwe, ukuba ukohliwe kukusitwala, ngokuba ikude nawe indawo aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba alibeke igama lake kona; nxa akutamsanqeleyo uyehova, utixo wako:
25
uya kwandula usanane ngemali, uyibope imali leyo esandleni sako, uye kulondawo, uyehova, utixo wako, aya kunyula yona;
26
uze unike imali leyo ngenxa yako konke ukukanukayo umpefumlo wako, ngenxa yenkomo, nangenxa yegusha, nangenxa yeveyine, nangenxa yoselo olunamandla, nangenxa yako konke umpefumlo wako ukubiza kuwe; wauya kutya apo pambi kwoyehova, utixo wako, uvuye nokuvuya, wena nendlu yako:
27
nom‐Levi opakati kwamasango ako akuyi kumshiya; ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nawe.
28
Ekupeleni kweminyaka mitatu uya kukupa sonke isishumi senzuzo yako, kwa ngomnyaka lowo, usibekele pakati kwamasango ako:
29
ukuba makuze um‐Levi, (ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nawe,) nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, abapakati kwamasango ako, badle bahlute nokuhluta; ukuze uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuwo wonke umsebenzi wesandla sako owenzayo.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34