bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 16
Deuteronomy 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 17 →
1
YIGCINE inyanga engu‐Abibe, ubambe ipasika kuyehova, utixo wako: ngokuba ngenyanga engu‐Abibe uyehova, utixo wako, wakupumisa e‐Jipete, ebusuku.
2
Ngako uya kubingela ipasika kuyehova, utixo wako, igusha nenkomo, endaweni aya kuyinyula uyehova, ukuba amise igama lake kona.
3
Akuyi kudla kunye nayo okubiliswayo; zintsuku zisixe̔nxe uya kudla kunye nayo izonka ezingenagwele, isonka sobunzima; (ngokuba ubupuma elizweni le‐Jipete ngobunxamo;) ukuze uwukumbule umhla wokupuma kwako elizweni le‐Jipete, yonke imihla yokudla kwako ubomi.
4
Akuyi kubonwa kuwe igwele kuyo yonke imida yako intsuku zibe sixe̔nxe; kanjako akuyi kusala nto kwinyama uyibingayo ngokuhlwa, ngosuku lwokuqala, kude kuse.
5
Akungebingele ipasika pakati kwelinye lamasango ako, uya kuwapiwa nguyehova, utixo wako:
6
koko kulondawo uya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba amise igama lake kona, kwa lapo uya kubingela ipasika ngokuhlwa, lakutshona ilanga, ngexesha lokupuma kwako e‐Jipete.
7
Uya kwoja udle nokudla endaweni aya kunyula yona uyehova, utixo wako; uze ujike kusasa, uye ezintenteni zako.
8
Zintsuku ezintandatu uya kuzidla izonka ezingenagwele; nangolwesixe̔nxe usuku kwobako intlanganisano engcwele kuyehova, utixo wako; akuyi kuwenza namnye umsebenzi.
9
Iveki ezisixe̔nxe uya kuzibala kuwe; kwakuqalwa ngeṙenqa enqoloweni uya kuqala ukubala iveki zisixe̔nxe.
10
Wandule ubambe umtendeleko weveki kuyehova, utixo wako, ngowesisa umnikelo wesandla sako, oya kuwunika, njengokuba ekutamsanqele uyehova, utixo wako:
11
wauya kuvuya pambi kwoyehova, utixo wako, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nom‐Levi opakati kwamasango ako, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, abapakati kwenu, endaweni aya kuyinyula uyehova, utixo wako, ukuba amise igama lake kona.
12
Wauya kukumbula ukuba ubusisicaka e‐Jipete; nezimiselo ezi uya kuzigcina uzenze.
13
Umtendeleko wamapempe uya kuwubamba imihla ibe sixe̔nxe, nxa ubutileyo okwesibaya sako sokubula nokwesincinezelo sako seveyine:
14
wauya kuvuya emtendelekweni wako, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nom‐Levi, nowasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, abapakati kwamasango ako.
15
Yimihla esixe̔nxe uya kubamba umtendeleko kuyehova, utixo wako, endaweni aya kunyula yona uyehova: ngokuba uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela kuyo yonke inzuzo yako, nakuwo wonke umsebenzi wezandla zako; kukona uya kuvuya kupela.
16
Kwoba ngamaxesha matatu emnyakeni mnye onke amadoda ako aya kubonakala ebusweni bukayehova, utixo wako, kulondawo aya kunyula yona: ngomtendeleko wezonka ezingenagwele, nangomtendeleko weveki, nangomtendeleko wamapempe; kodwa akayi kubonakala ebusweni bukayehova engenanto:
17
onika amanye ngamanye njengomnikelo wezandla zawo, njengetamsanqa likayehova, utixo wako, ulipiweyo nguye.
18
Uya kuzidalela abagwebi namagosa pakati kwawo onke amasango ako, lawo uya kupiwa nguyehova utixo wako, ngezizwe zako; abaya kugweba abantu ngogwebo lwobulungisa.
19
Akuyi kutyekisa ugwebo; akuyi kubuka ubuso; nebaso akuyi kulamkela; ngokuba ibaso limfamekisa amehlo abalumkileyo, lijikise amazwi abalungileyo.
20
Ubulungisa, ubulungisa uya kubuputuma; ukuze udle ubomi, ulifuye elozwe ulipiwayo nguyehova, utixo wako.
21
Akuyi kuzigxumekela i‐Ashera yolunye uhlobo lwemiti kufupi nesibingelo sikayehova, utixo wako, oya kuzenzela sona.
22
Kanjako akuyi kuzipakamisela isifanekiso esimiyo; into ayitiyayo uyehova, utixo wako.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34