bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 31
Deuteronomy 31
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 32 →
1
WAYA u‐Mosesi wawateta lamazwi kubo bonke o‐Sirayeli,
2
wati kubo: Ndiyiminyaka ilikulu linamashumi mabini, ubudala bam, namhla; andingebuye ndipume ndingene; ngokuba uyehova etshilo kum ukuti: Akuyi kuwela i‐Yoredane le.
3
Uyehova, utixo wako, nguye oya kuwela pambi kwako; yena uya kutshabalalisa intlanga ezi kwa sebusweni bako, uze ufuye okwazo: n o‐Yoshuwa, nguye oya kuwela pambi kwako, njengokuba etshilo uyehova.
4
Waye uyehova eya kwenza kuzo, njengokuba ebesenza ku‐Sihone naku‐Hogi, okumkani waba‐Amori, nakulo ilizwe labo, owabatshabalalisayo.
5
Kanjalo uyehova wozinika ebusweni benu, ukuba nenze kuzo njengayo yo nke imiyalelo endiniyaleleyo.
6
Yomelelani nikalipe, ningoyiki, ningankwantyi nokunkwantya pambi kwazo: ngokuba uyehova, utixo wako, nguye ohamba nawe; akayi kukuyeka, akayi kukushiya kanjalo.
7
Waza u‐Mosesi wabiza u‐Yoshuwa, wati kuye emehlweni abo bonke o‐Sirayeli: Yomelele ukalipe, ngokuba uya kungena nababantu elizweni, owayefungela oyise babo uyehova ukuba abape lona; wobamkelisa ilifa lalo wena.
8
Noyehova, nguye ohambayo pambi kwako; woba nawe yena; akayi kukuyeka, akayi kukushiya kanjako: ungoyiki, ungatuswa nokutuswa.
9
Waye u‐Mosesi waba̔la lomteto, wawunika kubaperisite, onyana baka‐Levi, abatwalayo ityeya yocebano lukayehova, nakubo bonke abadala bo‐Sirayeli.
10
Waza u‐Mosesi wabayalela ngokuti: Ekupeleni kweminyaka isixe̔nxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka wokuyeka, ngomtendeleko wamapempe,
11
bakuza bonke o‐Sirayeli ukuba babonakale ebusweni bukayehova, utixo wako, endaweni aya kunyula yona, uya kulesesha lomteto pambi kwo‐Sirayeli bonke ezindlebeni zabo.
12
Hlanganisa abantu, amadoda, nabafazi, nentsapo, nowasemzini wako opakati kwamasango ako, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uyehova, utixo wenu, balumkele ukwenza onke amazwi alomteto:
13
n okuba abantwana babo, abangawazanga, beve, bafunde ukumoyika uyehova, utixo wenu: yonke imihla eniya kubudla ubomi pezu kwalomhlaba, apo niwela i‐Yoredane ukuya kona, ukuba niwufuye.
14
Wandula u‐Yehova wati ku‐Mosesi: Bona ke, iyasondela imihla yako yokufa; biza u‐Yoshuwa, nizimise ententeni yentlangano, ndize ndimyalezele. Baya u‐Mosesi no‐Yoshuwa, bazimisa ententeni yentlangano.
15
Waza wabonakala uyehova ententeni, entsikeni yelifu; yati intsika yelifu yema pezu kwocango lwentente.
16
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Bona ke, uya kulala noyihlo bako; baye ababantu beya kusuka, baṙexezele emva kwotixo babasemzini belozwe, apo baya kona babe pakati kwabo, bandishiye, balwapule nocebano lwam endilwenzile nabo.
17
Iya kwandula ivute ingqumbo yam ngakubo ngomhla lowo, ndibashiye, ndibafihlele nobuso bam, babeya kudliwa, bafunyanwe bububi obuninzi nabubunzima; bade bati ngomhla lowo: Asi ngenxa yokuba kungeko utixo wetu pakati kwetu na, lento sifunyenwe bobububi?
18
Kwa ngalomhla ndogqibela ukufihla ubuso bam, ngenxa yayo yonke inkohlakalo abayenzileyo, ngokuba bejikele kotixo bambi.
19
Ngako kaloku, ziba̔leleni lengoma, uyifundise elusatsheni luka‐Sirayeli, yibeke emilonyeni yalo; ukuze lengoma ibe indinqi̔nela ngakulo usapo luka‐Sirayeli.
20
Ngokuba ndiya kulungenisa elizweni endifungele oyise balo ngalo, elela ubisi nobusi, lwaluya kudla, luhlute, lutyebe nokutyeba; lwandule lujikele kotixo bambi, lukonze kubo, ludele mna, nocebano lwam lulwapule.
21
Kwakuya kuti, okuya lufunyenwe bububi obuninzi nabubunzima, yopendula ingoma le ebusweni balo ibe linqi̔na; ngokuba ingayi kulityalwa imke emlonyeni wenzalo yalo: ngokuba ndisazi ukucinga kwalo olukwenzayo lona namhla, ndingekalungenisi elizweni endifungile ngalo.
22
Waza u‐Mosesi wayiba̔la lengoma kwa ngalomini, wayifundisa elusatsheni luka‐Sirayeli.
23
Wandula wamyalezela u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, wati: Yomelela ukalipe; ngokuba wena uya kungenisa usapo luka‐Sirayeli elizweni endifungileyo ngalo kulo; ndandiya kubako nawe.
24
Kwaza kwati, xeshekweni u‐Mosesi ebegqibile ukuwaba̔la amazwi alomteto encwadini, ada apeliswa,
25
wandula u‐Mosesi wabayalela aba‐Levi, abatwala ityeya yocebano lukayehova, esiti:
26
Yitabate lencwadi yomteto, niyibeke ecaleni letyeya yocebano lukayehova, utixo wenu; ukuba ibeko kona ibe linqi̔na ngakuwe:
27
ngokuba ndisazi ukuvukela kwako, nentamo yako elukuni. Bona ke, nxa ndisahleli nani namhla, nivukele ngakuye uyehova; kwoba kangakananina ngakumbi emva kwokufa kwam!
28
Hlanganiselani kum bonke abadala bezizwe zenu, namagosa enu, ukuba nditete lamazwi ezindlebeni zabo, ndinqi̔nise ngakubo izulu nomhlaba.
29
Ngokuba ndisazi ukuba noti, emva kwokufa kwam, nigqibele ukuzonakalisa, nipambuke endleleni endiniyalele ngayo; nokuba ububi bonihlela emihleni yasemva, ekuya niyenza inkohlakalo emehlweni kayehova, ukumqumbisa ngomsebenzi wezandla zenu.
30
Waza u‐Mosesi wawateta ezindlebeni zayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli amazwi alengoma, ada apeliswa.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 32 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34