bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 15
Deuteronomy 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 16 →
1
EKUPELENI kweminyaka esixe̔nxe uya kukwenza ukuyeka.
2
Yiyo le indawo yokuyeka: Osukuba engumboleki, obolekayo ummelwane wake into, makayiyeke; akayi kuyibanga kummelwane wake nakumzalwana wake, ngokuba kubizwa ngokuti kukuyeka ngenxa yoyehova.
3
Owolunye uhlanga unga y ibanga kuye: kanti oko unako kumzalwana wako, isandla sako sokuyeka;
4
kungenjalo kupela, nxa kungayi kubako kuwe olihlwempu; ngokuba uyehova eya kukolisa ukukutamsanqela elizweni, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, ukuba ulifuye:
5
ukuba kodwa uyakutala ukupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, uze ulumkele ukuyenza yonke lemiyalelo endikuyalelayo namhla.
6
Ngokuba uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela, njengokuba etshilo kuwe: wauya kuboleka intlanga ezininzi, kanti akuyi kuboleka kuzo; kanjalo uya kupata ubukosi pezu kwentlanga ezininzi, kanti zona aziyi kupata ubukosi pezu kwako.
7
Xeshekweni kuya kubako kuwe olihlwempu, owakubo abazalwana bako, pakati kwamanye amasango ako, elizweni lako ulipiwayo nguyehova, utixo wako, akuyi kuyenza lukuni intliziyo yako, akuyi kufumbata isandla sako kanjalo, kumzalwana wako olihlwempu;
8
koko uya kumvulela isandla sako ngokukolisa, unxamele ukumboleka okwanele ukuswela kwake okumsweleleyo.
9
Zilumkele, ukuba kungabiko entliziyweni yako ilizwi lobunginingini, lisiti: Kusondela umnyaka wesixe̔nxe, umnyaka wokuyeka; lize iliso lako libe libi ngakuye umzalwana wako olihlwempu, ude ungamniki nto; andule abize kuyehova pezu kwako, kubeko kuwe isono.
10
Uya kumnika ngenyaniso, iti intliziyo yako ingabi nabuhlungu wakumnika: ngokuba ngenxa yalendawo uyehova, utixo wako, eya kukutamsanqela kuyo yonke imisebenzi yako, nakuko konke usolulela kona isandla sako.
11
Ngokuba ihlwempu lingayi kupela pakati kwelizwe; ngako oko ndikuyalele ngokuti: Kolisa ukuvula isandla sako kumzalwana wako, kudwai lwako nakwihlwempu lako elizweni lako.
12
Xeshekweni kutengiswa kuwe umzalwana wako, um‐Hebere, umhlaumbi um‐Heberekazi, okukonza iminyaka emitandatu; uya kwandula ngomnyaka wesixe̔nxe umndulule ekululekile kuwe.
13
Naxeshekweni umndululayo ekululekile kuwe, akuyi kumndulula engenanto:
14
uya kukolisa ukumtwesa emhlambini wako, nasesibayeni sako sokubula, nasesincinezelweni sako seveyine: kuko oko uyehova, utixo wako, akutamsanqele ngako, uya kumnika.
15
Wauya kukumbula ukuba ubusisicaka elizweni le‐Jipete, nokuba uyehova, utixo wako, wakukulula: ngako oko ndiyakuyalela lento namhla nje.
16
Kodwa kuya kuti, nxa atshoyo kuwe ukuti: Andiyi kupuma kuwe; ngenxa yokuba etanda wena nabendlu yako, ngokuba kulungile kuye enawe;
17
uya kwandula utabate inyatyowa, uhlabe endlebeni yake naselucangweni, waeya kuba sisicaka sako kude kube ngunapakade. Kanjako isicakakazi sako uya kwenje njalo nakuso.
18
Akuyi kuba nzima emehlweni ako, wakumndulula ekululekile kuwe; ngokuba ngento elingana nokupindwa kwomvuzo womqeshwa ekukonzile iminyaka emitandatu: waeya kuti uyehova, utixo wako, akutamsanqele kuko konke ukwenzayo.
19
Onke amazibulo, lawo aya kuzalwa pakati kwenkomo zako napakati kwegusha zako, engamaduna, uya kuwenza ngcwele kuyehova, utixo wako; akuyi kusebenza ngezibulo lenkomo yako, akuyi kuceba izibulo legusha yako kanjako.
20
Uya kulidla pambi kwoyehova, utixo wako, umnyaka ngomnyaka, endaweni aya kuyinyula uyehova, wena nabendlu yako.
21
Koko ukuba kuko isonakalo kulo, ukuba sisiqwala umhlaumbi yimfama, ukuba linesinye isonakalo esibi, akuyi kubingelela lona kuyehova, utixo wako.
22
Uya kulidla pakati kwamasango ako; onco̔lileyo nococekileyo bofana ukulidla kwabo, njengebadi nanjengexama.
23
Kupela igazi lalo akuyi kulidla; uya kugalela lona pezu kwomhlaba njengamanzi.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34