bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 9
Deuteronomy 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 10 →
1
PULAPULA, Sirayeli! uya kuwela namhla i‐Yoredane, ukuba uye ufuye okwentlanga ezizezikulu nezinamandla pezu kwako; izixeko ezikulu ezinqatyiselweyo ngasezulwini;
2
abantu abakulu, abade, usapo lwama‐Hanaki, olo ulwaziyo, novileyo ngalo ukuti: Ngubanina ongemayo ebusweni bosapo luka‐Hanaki?
3
Yazi ke namhla, ukuba uyehova, utixo wako, unguye oya kuwela pambi kwako, ongumlilo odlayo; nguye oya kubatshabalalisa, nguye oya kubatobisa ebusweni bako; wauya kubagqogqa, ubabubise kamsinya, njengokuba etetile uyehova kuwe.
4
Ungatsho entliziyweni yako, nxa uyehova, utixo wako, abasantsulisile pambi kwako, usiti: Kungokulunga kwam andingenisile uyehova ukuza kulifuya elilizwe: ngokuba kungokukohlakala kwezintlanga uyehova azigqogqayo pambi kwako.
5
Akungokulunga kwako, nangolungelelwano lwentliziyo yako, uyayo ukulifuya ilizwe lazo: koko kungokukohlakala kwezintlanga uyehova, utixo wako, azigqogqayo pambi kwako, nangokuba eya kuliqinisa ilizwi, owabefunga ngalo uyehova koyihlo bako, ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi.
6
Yazi ngoko, ukuba akungokulunga kwako uyehova, utixo wako, akupayo elilizwe lilungileyo ukulifuya: ngokuba ungabantu abantamo ilukuni.
7
Kumbula, ungalibali, okokuba ubuqumbisa uyehova, utixo wako, entlango: kwa kulowamhla nibe nipuma ngawo ezweni le‐Jipete, nide nafika kulendawo, nivukelene noyehova.
8
Nase‐Horebe nibe niqumbisa uyehova, wada wati uyehova waniqumbela ukunitshabalalisa.
9
Xeshekweni ndibe ndinyukele entabeni apo, ukuya kuwamkela amacwecwe amatye, amacwecwe ocebano owabelwenzile nani uyehova, ndandula ndahlala entabeni imini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, isonka ndingasityanga, namanzi ndingawaselanga:
10
waye uyehova wanika kum amacwecwe amatye amabini, eba̔lelwe ngomnwe katixo; napezu kwawo kwaba̔lwa njengawo onke amazwi, abewatetile uyehova kuni entabeni epakati kwomlilo, ngomhla wentlanganisano.
11
Kwaza kwati, ekupeleni kwemini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, uyehova wanika kum lawo amacwecwe amatye amabini, amacwecwe ocebano.
12
Wayesiti uyehova kum: Suka, nxama uhle apa; ngokuba abantu bako, abo ubakupileyo e‐Jipete, sebezonakalisile; bapambukile kamsinya endleleni endibe ndibayalela ngayo; bazenzele umfanekiso otyityishiweyo.
13
Walekela wateta uyehova kum, esiti: Ndibabonile abantu aba; kekaloku, bona ke, bangabantu abantamo ilukuni:
14
ndiyeke, ukuba ndibatshabalalise, ndicime igama labo pantsi kwezulu; ndandiya kukwenza wena ube luhlanga olunamandla nolukulu pezu kwabo.
15
Ndada ndajika, ndehla entabeni; yati intaba yatsha ngomlilo: aye lo macwecwe amabini ocebano ebesezandleni zam zozibini.
16
Ndaza ndakangela, kekaloku bona ke, nibe nonile ngakuye uyehova, utixo wenu; nibe nizenzele itole elityityishiweyo; nibe nipambukile kamsinya endleleni abeniyalele ngayo uyehova.
17
Ndaza ndabamba amacwecwe lawo omabini, ndawalahla ezandleni zam zozibini, ndawaqekeza emehlweni enu.
18
Ndandul’ ukuziwisa pambi kwoyehova, njengasekuqaleni, imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka bendingasidli, namanzi bendingawaseli; ngenxa yazo zonke izono zenu enibe nonile ngazo, ngokwenza okubi emehlweni kayehova ukumqumbisa.
19
Ngokuba bendisoyikela ingqumbo nomsindo abequmbile ngawo uyehova pezu kwenu ukunitshabalalisa. Kodwa uyehova wabepulapula kum nangeloxesha.
20
Kanjako u‐Arone uyehova wabemqumbela kunene ukumtshabalalisa; koko ndabenditandazela no‐Arone ngexesha elo.
21
Nesono senu, itole enibe nilenzile, lona ndalitabata, ndalitshisa ngomlilo, ndalinqusha, ndikolisa ukulisila, lada lacoleka njengotuli; ndaza ndaluposa utuli lwalo emlanjaneni owehlayo entabeni.
22
(Kwa nase‐Tabera, nase‐Masa, nase‐Kibrote‐hatava, nibe nimqumbisa uyehova.
23
Kanjako nxa uyehova wanisusayo e‐Kadeshe‐baneha, esiti: Nyukani niye nilifuye elozwe nilipiwe ndim; nandula navukela umteto kayehova, utixo wenu, ningakolwanga nguye, ningapulapulanga nelizwi lake.
24
Nivukelene noyehova kuselokwalomhla bendinazi ngawo.)
25
Kwa njalo ndaziwisa pantsi ebusweni bukayehova, ezomini zimashumi mane nobusuku bukwa mashumi mane, njengoko bendiziwisile pantsi ekuqaleni; ngokuba ebete uyehova uya kunitshabalalisa.
26
Ndaza ndatandaza kuyehova, ndati: Nkosi, Yehova! zungabubisi abantu bako nelifa lako, obakululeyo ngobukulu bako, obapumisileyo e‐Jipete ngesandla esomeleleyo.
27
Kumbulela izicaka zako, u‐Abrahame, u‐Yisake, no‐Yakobi; zungabeki kubo ubulukuni babantu aba, nakuyo inkohlakalo yabo, nakuso isono sabo;
28
hleze liti elozwe ubusipumisa kulo: Ngenxa yokuba ebekohliwe uyehova ukubangenisa elizweni, owabetetile ngalo kubo, nokuba wabatiya, kukona abapumisileyo ukuba abafise entlango.
29
Noko bangabantu bako nelifa lako, owabubapumisa ngamandla ako amakulu nangengalo yako eyolulweyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34