bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 12
Deuteronomy 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 13 →
1
ZIZO ezi izimiselo nezigwebo, eniya kulumkela ukuzenza kwelozwe enilipiwayo nguyehova, utixo woyihlo benu, ukuba nilifuye, yonke imihla eniya kubudla ubomi ngayo pezu kwomhlaba.
2
Niya kugqibela ukutshabalalisa zonke indawo, apo intlanga eniya kufuya okwazo zibe zikonza kona otixo bazo, pezu kwentaba ezinde, napezu kwenduli, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza:
3
naniya kuzicita izibingelo zazo, niziqekeze izifanekiso ezimiyo zazo, ne‐Ashera zazo nizitshise ngomlilo, nemifanekiso eqingqiweyo yotixo bazo niyigaule, namagama abo niwatshabalalise kulondawo.
4
Aniyi kwenje njalo kuyehova, utixo wenu.
5
Kodwa kwindawo aya kunyula yona uyehova, utixo wenu, kuzo zonke izizwe zenu, ukuba abeke igama lake kona, kwintlalo yake niya kufuna, niye kwa lapo ke.
6
Naniya kuzisa kona apo amadini okutshiswa enu, nemibingo yenu, nezishumi zenu, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla senu, nezibambiso zenu, neminikelo yesisa yenu, namazibulo enkomo zenu nawegusha zenu.
7
Naniya kutya kona apo ebusweni bukayehova, utixo wenu, nivuye kuko konke enisolulele kona isandla senu, nina nendlu zenu, akutamsanqele ngako uyehova, utixo wako.
8
Aniyi kwenza njengako konke sikwenzayo apa namhla; abanye ngabanye besenza okusukuba kufanele kwawabo amehlo.
9
Ngokuba kwada kwakaloku ningafikanga ekupumleni naselifeni, enilipiwayo nguyehova, utixo wenu.
10
Kodwa niya kuwela i‐Yoredane, nihlale kwelozwe uyehova, utixo wenu, aya kunamkelisa ilifa lalo; waeya kunipumza kuzo zonke intshaba zenu ezingqongayo, nide nihlale ngokunqaba.
11
Oko kuya kubako indawo, aya kuyinyula uyehova, utixo wenu, ukuba alimise kona igama lake; kwa lapo niya kuzisa konke endiniyalela ngako: amadini okutshiswa enu, nemibingo yenu, izishumi zenu, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla senu, nazo zonke izibambiso zenu ezidluliseleyo enibambisa ngazo kuyehova:
12
naniya kuvuya ebusweni bukayehova, utixo wenu, nina, nonyana benu, nentombi zenu, nezicaka zenu, nezicakakazi zenu, nom‐Levi opakati kwamasango enu; ngokuba kungeko kuye isabelwa nelifa kunye nani.
13
Zilumkele, ukuba unganikeli amadini okutshiswa ako kuzo zonke indawo uya kuzibona:
14
koko endaweni uyehova aya kunyula yona kwesinye sezizwe zakowenu, kwa lapo uya kunikela amadini okutshiswa ako, nalapo uya kukwenza konke endikuyalela ngako.
15
Kodwa ungabinga utye inyama ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako, njengetamsanqa likayehova, utixo wako, ulipiweyo nguye, pakati kwawo onke amasango ako: onco̔lileyo nococekileyo bangayidla, njengebadi nanjengexama.
16
Kupela igazi aniyi kulidla; lona noligalela pezu kwomhlaba njengamanzi.
17
Akungetye pakati kwamasango ako isishumi senqolowa yako, neseveyine yako, neseoli yako, nawo amazibulo enkomo zako nawegusha zako, nazo zonke izibambiso zako obambisileyo ngazo, neminikelo yesisa yako, nomnikelo wokufunqufunqulwa wesandla sako:
18
koko kupambi kwoyehova, utixo wako, uya kuzidla, endaweni aya kunyula yona uyehova, utixo wako, wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nom‐Levi opakati kwamasango ako: wauya kuvuya pambi kwoyehova, utixo wako, kuko konke usolulela kona isandla sako.
19
Zilumkele, ukuba ungamshiyi um‐Levi, yonke imihla yako emhlabeni wako.
20
Xeshekweni uyehova, utixo wako, aya kuwenza banzi umda wako, njengokuba etshilo kuwe, ude uti: Ndoyidla inyama; ngokuba umpefumlo wako ukanuka ukudla inyama; ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako ungayidla inyama.
21
Nxa ikude kuwe londawo uyehova, utixo wako, ayinyulileyo ukuba alibeke igama lake kona, uya kwandula ubinge kwinkomo zako, nakwigusha zako, ozipiweyo nguyehova, njengokuba ndikuyalele; wauya kutya pakati kwamasango ako ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako.
22
Kwa njengokuba kutyiwa ibadi nexama, kunjalo uya kutya zona: onco̔lileyo nococekileyo bofana ukuzitya kwabo.
23
Kodwa qinisa ukuba ungalidli igazi; ngokuba igazi libubomi: nobomi akuyi kubudla kunye nenyama.
24
Akuyi kulidla; woligalela pezu kwomhlaba njengamanzi.
25
Akuyi kulidla; ukuze kulunge kuwe, nakubantwana bako emva kwako, nxa uya kukwenza okufaneleyo emehlweni kayehova.
26
Kodwa izinto ezingcwele zako oya kuba nazo, nezibambiso zako, wozitabata, uye kulondawo aya kunyula yona uyehova;
27
wauya kunikela amadini okutshiswa ako, inyama negazi, pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wako: loti igazi lemibingo yako ligalelwe pezu kwesibingelo sikayehova, utixo wako, nenyama uya kuyidla.
28
Lumka uwapulapule onke lamazwi endikuyalelayo, ukuze kulunge kuwe, nakubantwana bako emva kwako, kude kube ngunapakade, nxa uya kukwenza okulungileyo nokufaneleyo emehlweni kayehova, utixo wako.
29
Nxa uyehova, utixo wako, aya kucita intlanga, apo uya kona ukufuya okwazo, pambi kwako; ude ukufuye esikundleni sazo, uhlale nokuhlala elizweni lazo;
30
zilumkele, ukuba ungatiyelwa emva kwazo, emvenikweni zitshatyalalisiwe pambi kwako; nokuba ungabuzi ngotixo bazo, usiti: Zibe zisenje njanina ezintlanga ukukonza otixo bazo? sendiya kwenje njalo nam.
31
Akuyi kwenje njalo kuyehova, utixo wako: ngokuba konke okuyintshontsho kuyehova, oko akutiyayo, zikwenzele otixo bazo; ngokuba kwa nonyana bazo nentombi zazo zibatshisile emlilweni kotixo bazo.
32
Zonke izinto endiniyalela ngazo, niya kulumkela ukuzenza; akuyi kwongeza kuzo, akuyi kususa kuzo kanjako.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34