bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 11
Deuteronomy 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 12 →
1
Kukona uya kutanda uyehova, utixo wako, ugcine umyalezelo wake, nezimiselo zake, nezigwebo zake, nemiyalelo yake, ngamaxesha onke.
2
Yazini ke namhla, ukuba andi teti nabantwana benu, abangazanga nabangabonanga isohlwayo sikayehova, utixo wenu; ubukulu bake, isandla sake esomeleleyo, nengalo yake eyolulweyo;
3
nemiqondiso yake, nezenzo zake, abezenza pakati kwe‐Jipete, ku‐Faro ukumkani we‐Jipete, nakulo lonke ilizwe lake;
4
noko abekwenza empini yama‐Jipete, emahasheni awo, nasezinqwelweni zawo zokulwa, okokuba welisa amanzi olwandle olubomvu pezu kwawo, nxa aniputumayo, nokuba wawatshabalalisa kwada kwanamhla;
5
noko abekwenza kuni entlango, nada nafika kulendawo;
6
noko abekwenza ku‐Datane naku‐Abirame, onyana baka‐Eliyabe, unyana ka‐Rubene, okokuba umhlaba wakamisa umlomo wawo, wabaginya, kwa nabendlu zabo, nentente zabo, nako konke okuhleliyo okube kulunge kubo, pakati kwo‐Sirayeli bonke:
7
ngokuba amehlo enu ewubonile wonke lomsebenzi omkulu kayehova abewenza.
8
Yigcineni ngoko yonke imiyalelo endiniyalelayo namhla; ukuze nibe nomelele, niye nilifuye ilizwe, eniwelela kona ukuba nilifuye;
9
nokuze nolule imihla pezu kwalomhlaba, uyehova wafungela oyihlo benu ukuba wowunika kubo nakwinzalo yabo; ilizwe elela ubisi nobusi.
10
Ngokuba ilizwe, apo uya kona ukuba ulifuye, lingenjengelizwe le‐Jipete lona, apo navela kona, apo wahlwayelayo imbewu yako, wayinyela ngonyawo lwako, njengesitiya semifuno:
11
kodwa ilizwe, eniwelela kona ukuba nilifuye, lilizwe lentaba nemihlambo; liyasela amanzi ngemvula yezulu:
12
lilizwe uyehova, utixo wako, alikatalelayo: kufuti amehlo kayehova, utixo wako, apezu kwalo, kwa sekuqaleni kwomnyaka nakude kube sekupeleni kwomnyaka.
13
Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukupulapula imiteto yam endiniyalelayo namhla, yokuba nimtande uyehova, utixo wenu, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu;
14
ndiya kwandula ndinike imvula yomhlaba wenu ngexesha layo, eyapambili imvula neyasemva imvula; ukuze ubute inqolowa yako, neveyine yako, neoli yako.
15
Ndandiya kunika inca ezindleni zako ibe yeyenkomo zako; wauya kutya uhlute nokuhluta.
16
Zilumkeleni, hleze intliziyo yenu ihendwe, nide nipambuke, nikonze otixo bambi, nitobe pambi kwabo;
17
yandule ivute ingqumbo kayehova ngakuni, ade avingce izulu, ukuba ingabiko imvula, nokuba umhlaba unganiki ukuhluma kwawo; nize nibube kamsinya kwelolizwe lilungileyo enilipiwayo nguyehova.
18
Ngako lamazwi am uya kuwabeka entliziyweni yenu, nasempefumlweni wenu; nowabopa abe ngumqondiso pezu kwesandla senu, aeya kuba njengembasa pakati kwamehlo enu:
19
naniya kuwafundisa kubantwana benu, nitete ngawo, ekuhlaleni kwako endlwini yako nasekuhambeni kwako endleleni, nasekulaleni kwako, nasekuvukeni kwako:
20
kanjako uya kuwaba̔la pezu kwemigubasi yendlu yako, nasemasangweni ako:
21
kuze kwolulwe imihla yenu, nemihla yabantwana benu, kwelolizwe wabefungela oyihlo benu uyehova ukuba alinike kubo, njengemihla yezulu pezu kwomhlaba.
22
Ngokuba xeshekweni nikutala ukugcina yonke lemiyalelo endiniyalelayo ukuba niyenze, yokuba nimtande uyehova, utixo wenu, nihambe kuzo zonke indlela zake, ninamatele nokunamatela kuye;
23
woti uyehova agqogqe zonke ezintlanga kwa pambi kwenu, naniya kufuya okwentlanga ezizezinkulu nezinamandla pezu kwenu.
24
Zonke indawo, uya kunyatela kuzo umzantsi wenyawo zenu, zoba zezenu: kutabata entlango ne‐Lebanone, na kuwo umlambo, umlambo ongum‐Ferate, nakude kube lulwandle lwasemva, kwoba ngumda wenu.
25
Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwenu: ukunkwantywa kwenu nokwoyikwa kwenu wokubeka uyehova, utixo wenu, pezu kwawo wonke umhlaba eniya kunyatela kuwo, njengokuba etshilo kuni.
26
Bona ke, ndiyabeka ebusweni benu namhla nje itamsanqeliso nesiqalekiso:
27
itamsanqeliso, nxa nivayo imiyalelo kayehova, utixo wenu, endiniyalelayo namhla;
28
nesiqalekiso, ukuba aniyi kuva imiyalelo kayehova, utixo wenu, nipambuka endleleni endiniyalela ngayo namhla, ukuya kulandela otixo bambi, abo nibe ningabazi.
29
Kwakuya kuti, nxa uyehova, utixo wako, akungenisile elizweni apo uya kona ukulifuya, niya kwandula ninike itamsanqeliso pezu kwentaba ye‐Gerizime, nesiqalekiso pezu kwentaba ye‐Hebali.
30
Ezo ntaba azipesheya kwe‐Yoredane na, emva kwendlela ngasekutshoneni kwelanga, elizweni laba‐Kanane, abahleliyo etafeni, malungana ne‐Gilegale, kufupi neyeke zika‐More?
31
Ngokuba niya kuwela i‐Yoredane, ukuya kulifuya elozwe enilipiwayo nguyehova, utixo wenu; naniya kulifuya, nihlale nokuhlala kulo.
32
Lumkelani ngoko ukuzenza zonke izimiselo nezigwebo, endizibekayo pambi kwenu namhla nje.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34