bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 5
Deuteronomy 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 6 →
1
Waza u‐Mosesi wabiza o‐Sirayeli bonke, wati kubo: Yivani, bo‐Sirayeli! izimiselo nezigwebo endizitetayo ezindlebeni zenu namhla, ukuba nizifunde, nilumkele ukuzenza.
2
Uyehova, utixo wetu, walwenza nati ucebano e‐Horebe.
3
Akalwenzanga nobawo betu ucebano olu; koko walwenza nati, tina esilapa namhla sonke sihleli.
4
Ubuso ngobuso wayeteta uyehova nani entabeni pakati kwomlilo,
5
(ndema mna pakati kwoyehova nani ngeloxesha, ukuba ndishumayele kuni ilizwi likayehova; ngokuba nibe nisoyika ngenxa yomlilo, ningenyukelanga ke kulontaba;) esiti:
6
Mna ndi nguyehova, utixo wako, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka.
7
Akuyi kuba nabo otixo bambi ngapandle kwam.
8
Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, na nye into efana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi apa, nesemanzini pantsi kwomhlaba:
9
akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna Yehova, utixo wako, ndi ngutixo onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo;
10
ndiwenzela ububele amawaka abanditandayo nabayigcinayo imiyalelo yam.
11
Akuyi kufumana ulibize igama likayehova, utixo wako: ngokuba uyehova engayi kumyeka angabi natyala lowo ufumana elibiza igama lake.
12
Gcina umhla we‐Sabata, ukuba uwenze ngcwele; njengokuba ekuyalele uyehova, utixo wako.
13
Wosebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako;
14
kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata kayehova, utixo wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkabi yako, neqwaṙashe lako, nazo zonke inkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako; ukuze kupumle isicaka sako nesicakakazi sako njengawe.
15
Uze ukumbule ukuba ubusisicaka elizweni le‐Jipete, nokuba uyehova, utixo wako, wakupumisa kona ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo: ngako oko ukuyalele uyehova, utixo wako, ukuba uwubambe umhla we‐Sabata.
16
Beka uyihlo nonyoko, njengokuba ekuyalele uyehova, utixo wako; ukuze kwolulwe imihla yako, nokuze kulunge kuwe, elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako.
17
Akuyi kubulala.
18
Akuyi kuṙexeza.
19
Akuyi kuba̔.
20
Akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki ngakuye ummelwane wako.
21
Akuyi kunqwenela umfazi wommelwane wako; akuyi kukanuka indlu yommelwane wako, n entsimi yake, nesicaka sake, nesicakakazi sake, n enkabi yake, neqwaṙashe lake, nanye into eyeyommelwane wako.
22
Lamazwi wawateta uyehova kuwo wonke umhlambi wenu entabeni, epakati kwomlilo, n elifu, nesitokotoko, ngelizwi elikulu, engongezanga nto; waza wawaba̔la pezu kwamacwecwe amatye amabini, wawanika kum.
23
Kwaye kute, nxa nevayo ilizwi livela pakati kwobumnyama, (ngokuba intaba ibisitsha ngomlilo,) nandula nasondela kum, zonke intloko zezizwe zenu, nabadala benu;
24
naye nisiti: Bona ke, uyehova, utixo wetu, usibonisile ubungcwalisa bake nobukulu bake, nelizwi lake silivile livela pakati kwomlilo: namhla nje sibonile ukuba uyehova uyateta nomntu, osapila noko.
25
Kodwa kaloku, kunganina ukuba sife? ngokuba sekuya kusigqibela lomlilo umkulu: ukuba siya kupinda ukuliva ilizwi likayehova, utixo wetu, kanjako, siya kwandula sife.
26
Ngokuba engubanina kuluntu lwonke oke weva ilizwi likatixo ohleliyo, eteta epakati kwomlilo, njengati, waza wapila ke?
27
Sondela wena, upulapule konke okuya kutetwa nguyehova, utixo wetu; uze utete kuti konke uyehova, utixo wetu, aya kuteta kona kuwe, sasiya kuva, senze nokwenza.
28
Waza uyehova weva ilizwi lamazwi enu, nakuteta kum; waye uyehova esiti kum: Sendivile ilizwi lamazwi abantu aba, abawatetileyo kuwe; balungisile ngako konke bakutetileyo.
29
Akwaba kwabekuko intliziyo enjalo kubo, yokuba bandoyike, nokuba bayigcine yonke imiyalelo yam imihla yonke; ukuze kulunge kubo nakubantwana babo kude kube ngunapakade!
30
Hamba, uti kubo: Buyani niye ezintenteni zenu.
31
Kodwa wena, yima apa ngakum, ukuba nditete kuwe yonke imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, uya kubafundisa yona, ukuba bayenze elizweni endilinika kubo, ukuze balifuye.
32
Ngako niya kulumkela ukwenza njengokuba uyehova, utixo wenu, eniyalele: aniyi kupambukela nangasekunene nangasekohlo.
33
Niya kuhamba kuzo zonke indlela aniyalele ngazo uyehova, utixo wenu, ukuba nipile, nokuba kulunge kuni, nokuba niyolule imihla elizweni eniya kulifuya.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34