bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 32
Deuteronomy 32
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 33 →
1
Bekani indlebe, mazulu! ndandiya kuteta; upulapule, mhlaba! amazwi omlomo wam.
2
Imfundiso yam iya kucapaza njengemvula, inteto yam yotontsela njengombete, njengomvumbi pezu kwohlaza, nanjengezipango pezu kwenca.
3
Ngokuba igama likayehova ndiya kulishumayela: nikani ubukulu kutixo wetu!
4
Nguye ilityekazi, ufezekile umsebenzi wake; ngokuba zonke indlela zake zibubulungisa: ungutixo wenyaniso, engenabumenemene; ulungile, ufanele yena.
5
Bazonakalisile ngakuye, asisesabantwana bake isipako sabo; basisizukulwana esigwenxa nesigoso.
6
Nobuyekezela uyehova ngokunjalo na, nina bantu abanyabileyo abangenabulumko? asi nguye na uyihlo okutengileyo, lowo ukwenzileyo okuqinisileyo?
7
Kumbula imihla yakudala, nakana iminyaka yesizukulwana ngesizukulwana: buza kuyihlo wako, wokwazisa ke; kubadala bako, bokuxelela ke.
8
Nxa opezu konke wazamkelisa intlanga ilifa, nxa wabahlukanisa onyana baka‐Adame, wamisa imida yabantu ngokwenani losapo luka‐Sirayeli.
9
Ngokuba isabelwa sikayehova singabantu bake; u‐Yakobi usisahlulelwa selifa lake.
10
Wamfumana elizweni lentlango nasebugxwayibeni bokulila obulubala; wamzekelelisa, wamqondisa, wamlondoloza njengokozo lweliso lake.
11
Njengokuba ukozi luvusa indlu yalo, ludidizela pezu kwamatole alo, lusolula amapiko alo, luwatabata, luwatwala pezu kwentsiba zalo;
12
kwa njalo wamkapa uyehova yedwa, kungabangako naye utixo wasemzini.
13
Wamkwelisa pezu kwenduli zomhlaba, ukuba atye imifuno yezindle; wamanyisa ubusi buvela eweni, neoli ivela elityeni elilukuni;
14
amafuta epehlwa enkomo, namasi egusha, kunye nenqata lemvana, nenkunzi zegusha ezizelwe e‐Bashane, nebokwe, kunye nenqata lezintso zenqolowa; negazi ledreyive wabulisela libe yiveyine yako.
15
Koko u‐Yeshurune watyeba, wakaba; (utyebile, uyingxukuma, ugujungelwe kukutyeba;) waza walahla utixo owamenzayo, wacekisa ilitye losindiswa lwake.
16
Bamvusele ikwele ngo tixo basemzini; ngezinto ezibuntshontsho bamqumbisile.
17
Babingele idemoni, benga bingelanga utixo; otixo ababengabazi; abatsha, abavela kufupi, abo oyihlo benu babengabankwantyi.
18
Ilitye elakuzalayo uliyekile; utixo owakudalayo umlibele.
19
Waza uyehova akubona, wabadela ngenxa yengcapukiso yonyana bake nentombi zake.
20
Wayesiti: Ndobafihlela ubuso bam; ndiya kubona ukupela kwabo ukuba kwoba yinto nina; ngokuba besisizukulwana sokujikajika, usapo ekungekulo inyaniseko.
21
Bandivusele ikwele ngokungenguye utixo; bandiqumbisile ngezinto zabo ezingendawo: nam ndobavusela ikwele ngabangengabo abantu; ngohlanga olunyabileyo ndiya kubaqumbisa.
22
Ngokuba umlilo upenjiwe ngengqumbo yam, oya kutshisa kude kube sehadesi yasezantsi kanye; wauya kuwudla umhlaba nokuhluma kwawo, uwavutise amasekwa entaba.
23
Ndiya kufumbelela pezu kwabo amashwa; intolo zam ndiya kuzigqiba pezu kwabo.
24
Baya kucontiswa yindlala, badliwe sisifo esitshayo, nasisitshabalaliso esiṙaṙa: namazinyo amaṙamncwa ndowatuma pezu kwabo, kunye nobuhlungu benyoka.
25
Ngapandle isiṙele, nasezindaweni zapakati isoyikiso, siya kuhluta kwa umfana nentombi, owanyayo kunye nendoda yezimvi.
26
Ndati: Bendiya kubapepula njengomoya, bendiya kupelisa inkunjulwa yabo pakati kwabantu,
27
ukuba bendingoyiki ingcapukiso yotshaba; hleze abalane babo ba ndi kanyele; hleze bati: Sisandla setu esipakamileyo, asi nguye uyehova okwenzileyo konke oku.
28
Ngokuba beluhlanga olulahlekene nobucebo, nekungeko kubo ukuqonda.
29
Akwaba babelumkile, bagqala oku, banakana ukupela kwabo!
30
Ngeete nina omnye ukusukela iwaka, nababini ukusabisa ishumi lamawaka, ukuba ilitye labo belingatengisanga ngabo, nokuba uyehova ebengabayekelelanga?
31
Ngokuba ilitye labo lingenjengelitye letu, kwa intshaba zetu zingabagwebi.
32
Ngokuba umti weveyine wabo uvela emtini weveyine wase‐Sodome, nasezindleni zase‐Gomora; idreyive zabo zidreyive zobunyongoṙa, banezipa eziṙaṙa.
33
Iveyine yabo ibubuhlungu benamba, nobuhlungu obubudlwengu bamaṙamba.
34
Akubekelwanga kum na oku, kuncanyatiselwe pakati kwendyebo zam?
35
Kukokwam ukupindezela nokubuyekeza; ngexesha elifanelekileyo unyawo lwabo luya kutyibilika: ngokuba umhla welishwa labo ukufupi, nezinto eziza kubahlela zinokukauleza.
36
Ngokuba uyehova eya kutetelela abantu bake, abe nosizi pezu kwezicaka zake, xeshekweni abonayo ukuba kumkile amandla, nokuba akuko ovaliweyo nokululekileyo.
37
Waeya kuti: Bapina otixo babo, ilitye babetembela kulo,
38
ababelidla inqata lemibingo yabo, n eveyine yeminikelo yokusela yabo bayisela? Mabasuke banincede, babe yintsito kuni.
39
Bonani kaloku ukuba mna ndinguye; akuko utixo kunye nam: ndiyatisa, ndiyenza kudliwe ubomi kanjako; ndiyatyumza, ndiyapolisa kanjako; akuko namnye ongahlangulayo esandleni sam.
40
Ngokuba ndipakamisela ngasezulwini isandla sam, nditi: Ndihleli mna ndingunapakade.
41
Ukuba ndiyalola iṙele lam elibengezelayo, nokuba isandla sam siyabamba ugwebo, sendiya kubuyisa impindezelo pezu kwabalane bam, ndibuyekeze kubo abanditiyayo.
42
Ndonxilisa intolo zam ngegazi, neṙele lam liya kudla inyama; ngegazi labahlatyiweyo nelamatinjwa, kwintloko yabakokeli bentshaba.
43
Vuyani, zintlanga! kunye n abantu bake: ngokuba eya kupindezelela igazi lezicaka zake, abuyise impindezelo pezu kwabalane bake, axolele ilizwe lake n abantu bake.
44
Wayesiza u‐Mosesi wawateta onke amazwi alengoma ezindlebeni zabantu, yena, no‐Hosheha unyana ka‐Nune.
45
Wada wagqiba u‐Mosesi ukuteta onke lamazwi kubo bonke o‐Sirayeli.
46
Wandula wati kubo: Bekisani intliziyo zenu ngakuwo onke amazwi endiwanqi̔nisayo kuni namhla; eniya kubayalela abantwana benu ukuba balumkele ukuwenza, onke amazwi alomteto.
47
Ngokuba ingeyinto engendawo le kuni; koko ibubomi benu: nangalento niya kuyolula imihla emhlabeni, eniwela i‐Yoredane ukuya kona ukuba niwufuye.
48
WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi, kwa ngokwa nguwo umhla lowo, esiti:
49
Nyukela kulentaba ye‐Habarime, intaba ye‐Nebo, eselizweni le‐Mowabi, engapambi kwe‐Jeriko; ukangele ilizwe le‐Kanane, endilinikayo elusatsheni luka‐Sirayeli libe yimfuyo;
50
ubube entabeni apo unyukela kona, ubutelwe ebantwini bako; njengokuba u‐Arone, umkuluwe wako, wabuba entabeni ye‐Hore, wabutelwa ebantwini bake:
51
ngenxa yokuba nibe nigqita ngakum pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ngasemanzini e‐Meriba yase‐Kadeshe, entlango ye‐Tsine; ngenxa yokuba nibe ningandingcwalisi pakati kwosapo luka‐Sirayeli.
52
Koko uya kubona elozwe ukude; kodwa akuyi kungena kona, elizweni endilinikayo kulo usapo luka‐Sirayeli.
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34