bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 19
Deuteronomy 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 20 →
1
XESHEKWENI uyehova, utixo wako, aya kuzicita intlanga, ezilizwe uyehova, utixo wako, alinika kuwe, uze ulifuye esikundleni sazo, uhlale ezixekweni zazo nasezindlwini zazo;
2
uya kuzahlulela izixeko zibe zitatu pakati kwelizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ukuba ulifuye.
3
Uya kuzilungisela indlela, uwahlule umda welizwe lako, oya kwamkeliswa ilifa lalo nguyehova, utixo wako, ezahlulweni ezitatu: kwoba njalo ke, ukuba kusabele kona bonke ababulali.
4
Yiyo le indawo yombulali, oya kusabela kona, ukuba adle ubomi: osukuba ebulala ummelwane wake ngokungazi, lowo angamtiyanga ngamaxesha apambili;
5
(njengokuya aya nommelwane wake ehlatini ukugaula imiti, sisuke isandla sake sibete ngezembe, ukuba anqumle umti, iti intsimbi ijube empinini, ihle pezu kwommelwane wake, ade afe;) oyena uya kusabela kwesinye sezixeko ezo, adle ubomi:
6
hleze umpindezeli wegazi aputume umbulali, nxa ishushu intliziyo yake, amfumane, ngenxa yokuba indlela ikude, ambulale ubomi; kungeko kuye ityala lokufa nje, ekubeni abengamtiyi ngamaxesha apambili.
7
Ngako oko ndiyakuyalela, ndisiti: Uya kuzahlulela izixeko zibe zitatu.
8
Kanjako ukuba uyehova, utixo wako, uya kuwenza banzi umda wako, njengokuba efungele oyihlo bako, akunike lonke ilizwe wabeteta ngalo ukuba alinike koyihlo bako;
9
nxa uya kugcina wonke lomyalelo ukuba uwenze, lowo ndikuyalelayo namhla, wokuba utande uyehova, utixo wako, nokuba uhambe ezindleleni zake imihla yonke; uya kwandula usongeze izixeko ezitatu ngapezu kwezitatu ezo;
10
ukuba kungapalazwa igazi longenatyala pakati kwelizwe lako, ulipiwayo nguyehova, utixo wako, libe lilifa, lize igazi libe pezu kwako.
11
Kodwa xeshekweni kuko umntu otiya ummelwane wake, amlalele, asukele ngakuye, ambulale ubomi, ade afe; andule asabele kwesinye sezixeko ezo;
12
boti abadala besixeko sake batume ke, bamzeke kona, bamnikele esandleni sompindezeli wegazi, ukuba afe.
13
Iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwake, kodwa uya kukwelelisa igazi longenatyala kwa‐Sirayeli, ukuba kulunge kuwe.
14
Akuyi kushenxisa umda wommelwane wako, lowo abakudala bawumisa elifeni lako, oya kulamkela elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako, ukuba ulifuye.
15
Inqi̔na linye aliyi kuvuka ngasemntwini ngenxa yenye inkohlakalo, nangenxa yesinye isono, kuzo zonke izono ona ngazo: ngomlomo wamanqi̔na amabini, umhlaumbi ngomlomo wamanqi̔na amatatu, indawo iya kuma.
16
Nxa livuka inqi̔na lobumenemene ngasemntwini, ukuba linqi̔ne ngakuye impambuko;
17
baya kwandula abobantu bobabini, ekupakati kwabo ipike, beme pambi kwoyehova, pambi kwabaperisite nabagwebi, abaya kubako ngaleyomihla;
18
bati abagwebi bakolise ukubuza: kekaloku bona ke, ukuba inqi̔na elo linqi̔na elibuxoki, nokuba linqi̔nile ubuxoki ngakuye umzalwana walo;
19
seniya kwenza kulo, njengokuba libe licingile ukwenza kumzalwana walo: kwa njalo uya kukwelelisa inkohlakalo pakati kwenu;
20
baze abaseleyo beve, boyike, bangabi sapinda ukwenza njengalendawo ekohlakeleyo pakati kwenu.
21
Kanjako iliso lako aliyi kuba nosizi; ubomi bonikwa ngenxa yobomi, iliso ngenxa yeliso, izinyo ngenxa yezinyo, isandla ngenxa yesandla, unyawo ngenxa yonyawo.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34