bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 28
Deuteronomy 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 29 →
1
KWAKUYA kuti, ukuba uya kukutala ukupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ulumkele ukuyenza yonke imiyalelo yake endikuyalelayo namhla, uya kwandula uyehova, utixo wako, akubeke pezulu pezu kwazo zonke intlanga zomhlaba.
2
Kanjalo onke lamatamsanqa oza pezu kwako, akufumane, xeshekweni upulapulayo ilizwi likayehova, utixo wako.
3
Wotanyusanqelwa esixekweni, wotanyusanqelwa nasentsimini.
4
Kwotanyusanqelwa isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, nesixakato sezilo zako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako.
5
Kwotanyusanqelwa isitya sako nomkombe wokubuca wako.
6
Wotanyusanqelwa ekungeneni kwako, wotanyusanqelwa nasekupumeni kwako.
7
Uyehova uya kuzenza intshaba zako ezivukayo ngakuwe zoyiswe pambi kwako: ngendlela inye ziya kupumela kuwe, nangendlela ezisixe̔nxe ziya kwesaba pambi kwako.
8
Uyehova woxela ukuba itamsanqa libe nawe ezinyangweni zako, nakuko konke usolulela kona isandla sako; waeya kukutamsanqela elizweni ulipiwayo nguyehova, utixo wako.
9
Uyehova wokumisa ube ngabantu abangcwele kuye, njengokuba ekufungele, xeshekweni uya kugcina imiyalelo kayehova, utixo wako, uhambe nokuhamba ezindleleni zake.
10
Baye bonke abantu bomhlaba beya kubona ukuba igama likayehova libiziwe pezu kwako; bandule boyike ngenxa yako.
11
Kanjalo uyehova wokutyebisa kube kokulungileyo, ngesixakato sesizalo sako, nangesixakato sezilo zako, nangesiqa̔mo somhlaba wako, emhlabeni uyehova wayefungela oyihlo bako ukuba awunike kuwe.
12
Uyehova wokuvulela imbekelo yake elungileyo, izulu, ukunisa imvula elizweni lako ngexesha layo, nokutamsanqela wonke umsebenzi wesandla sako; wauya kuboleka intlanga ezininzi, kanti wena akuyi kuboleka kuzo.
13
Kanjalo uyehova uya kukwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; woba pezulu kupela, akuyi kuba pantsi; nxa nipulapula imiyalelo kayehova, utixo wako, endikuyalelayo namhla, ukuyigcina nokuyenza;
14
uze ungapambuki kuwo onke amazwi endikuyalelayo namhla, nangasekunene nangasekohlo, ukuya kulandela otixo bambi ukuba ubakonze.
15
Kodwa kuya kuti, xa ungayi kupulapula ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ulumkele ukuyenza yonke imiyalelo yake nemimiselo yake, endikuyalelayo namhla; kuya kwandula kuze pezu kwako zonke iziqalekiso ezi, zikufumane.
16
Woqalekiswa esixekweni, woqalekiswa nasentsimini.
17
Kwoqalekiswa isitya sako nomkombe wokubuca wako.
18
Kwoqalekiswa isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako.
19
Woqalekiswa ekungeneni kwako, woqalekiswa nasekupumeni kwako.
20
Uyehova uya kutuma pezu kwako isiqalekiso, impitizeliso, nesohlwayo, kuko konke usolulela kona isandla sako ukuba ukwenze; ude utshatyalaliswe, nakude ubube kamsinyane, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zako, ondishiyileyo ngazo.
21
Uyehova uya kwenza isifo esibubisayo sinamatele kuwe, ade akugqibele pezu kwomhlaba, apo uya kona ukuwufuya.
22
Uyehova wokubeta ngokungcungcuteka, nangecesine, nangesitsha, nangobushushu obukulu, nangokwoma, nangembabala, nangesihumba, eziya kukuputuma ude ubube.
23
Izulu lako, elipezulu kwentloko yako, loba lubedu, nomhlaba wako, opantsi kwako, wona woba sisincete.
24
Uyehova uya kwenza imvula yelizwe lako ibe yintlabati notuli; yohla ezulwini pezu kwako, ude utshatyalaliswe.
25
Uyehova uya kukwenza woyiswe pambi kwentshaba zako; ngendlela inye wopumela kuzo, nangendlela zisixe̔nxe uya kwesaba pambi kwazo; wauya kuba yinto yokuzanyazanyiswa kubo bonke ubukumkani bomhlaba.
26
Kanjalo isidumbu sako soba kukutya kuzo zonke intaka zezulu, nakuwo amaṙamncwa omhlaba, kungeko oya kuzoyikisa.
27
Uyehova wokubeta ngezilonda zase‐Jipete, nangamatumba, nangokwekwe, nangombabane, oya kukohlwa ukupiliswa kuzo.
28
Uyehova wokubeta ngobugeza, nangobumfama, nangesiduli sentliziyo;
29
wauya kuputaputa emini, njengokuba imfama iputaputa ebumnyameni, nendlela zako akuyi kuzitamsanqelekisa; kodwa uya kubandezelwa upangwe nokupangwa kupela imihla yonke, kungeko oya kusindisa.
30
Uya kuxama umfazi, kanti indoda yimbi iya kulala naye; uya kuyaka indlu, kanti akuyi kuhlala kuyo; uya kutyala isitiya semiti yeveyine, kanti idreyive zaso akuyi kuzidla.
31
Inkabi yako iya kuxe̔lwa pambi kwamehlo ako, kanti akuyi kutya kuyo; iqwaṙashe lako liya kuhlaselwa kwa sebusweni bako, lingabuyi lize kuwe: igusha zako ziya kunikwa ezintshabeni zako, kungeko kuwe oya kusindisa.
32
Onyana bako nentombi zako baya kunikwa ebantwini bambi, aze amehlo ako akangele, apelele bona imini yonke; kanti akuyi kubako nto emandleni esandla sako.
33
Isiqa̔mo somhlaba wako, nayo yonke inzuzo yako, baya kuyidla abantu ongabaziyo; wauya kubandezelwa utyunyuzwe nokutyunyuzwa kupela imihla yonke;
34
ude ugeze ngenxa yombono wamehlo ako oya kuwubona.
35
Uyehova wokubeta ngezilonda ezibi, emadolweni nasemilenzeni, oya kukohlwa ukupoliswa kuzo, kwa kuwo umzantsi wonyawo lwako kude kube selukakayini lwako.
36
Uyehova uya kukusa wena, nokumkani wako oya kummisa pezu kwako, eluhlangeni ongalwazanga wena noyihlo bako; apo uya kakonza kona otixo bambi, imiti namatye.
37
Wauya kuba sisimangaliswa, n ento yokuzekeliswa, nelizwi lokuhlekisa, pakati kwabo bonke abantu apo uyehova aya kukuqu̔bela kona.
38
Uya kupuma nembewu eninzi ukuya entsimini, kanti yinto encinane uya kuyivuna; ngokuba inkumbi ziya kuyigqibela.
39
Uya kutyala izitiya zemiti yeveyine, uzilime kanjalo, kanti iveyine akuyi kuyisela, n edreyive akuyi kuzibuta; ngokuba uṙuxeshe eya kuzidla.
40
Woba nemiti yeminquma kuyo yonke imida yako, kanti akuyi kuzitambisa ngeoli yayo; ngokuba iminquma yako iya kuvutuluka.
41
Onyana nentombi uya kubazala, kanti abayi kuba ngabako; ngokuba beya kuya ekutinjweni.
42
Yonke imiti yako neziqa̔mo zomhlaba wako inkumbi ziya kuzidla.
43
Owasemzini opakati kwako uya kunyuka pezu kwako ngokupezulu kakulu; kanti wena uya kuhla ngokupantsi kanye.
44
Yena wokuboleka, kanti akuyi kumboleka wena; yena woba yintloko, kanti wena woba ngumsila.
45
Kanjako zonke eziziqalekiso ziya kuza pezu kwako, zikuputume, zikufumane, ude utshatyalaliswe; ngokokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako, lokuba ugcine imiyalelo yake nemimiselo yake akuyalele ngayo.
46
Zoba pezu kwako zibe ngumqondiso nommangaliso, napezu kwenzalo yako kude kube ngunapakade.
47
Ngenxa yokuba ungamkonzanga uyehova, utixo wako, ngovuyo, nangokucwayita kwentliziyo, ebuninzini bezinto zonke;
48
kukona uya kukonza intshaba zako, aya kuzituma uyehova ngakuwe, ekulambeni, nasekunxanweni, nasebuzéni, nasekuswelekeni kwento zonke: waeya kubeka iyokwe yesincete pezu kwentamo yako, ade akutshabalalise.
49
Uyehova uya kuzisa ngakuwe uhlanga luvela kude, kwa sencameni yomhlaba, njengokuba lubaleka ukozi; uhlanga olunteto ungayi kuyiva;
50
uhlanga olulukuni ngobuso, olungayi kubuka ubuso bomdala, nomtsha aluyi kumpata ngofefe;
51
oluya kusidla isixakato sezilo zako, nesiqa̔mo somhlaba wako, ude utshatyalaliswe; olungayi kukushiyela inqolowa, n eveyine, neoli, n enzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako, lude lukububise.
52
Lwaluya kukuvingcela kuwo onke amasango ako, zide ziwe pantsi indonga zako ezinde ezinqatyisiweyo, obutemba kuzo, kulo lonke ilizwe lako; ewe, lwokuvingcela kuwo onke amasango ako, kulo lonke ilizwe lako ulipiweyo nguyehova, utixo wako.
53
Wauya kutya isixakato sesizalo sako, inyama yonyana bako neyentombi zako, ubanikiweyo nguyehova, utixo wako, ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako.
54
Londoda itambileyo pakati kwako, ebubetyebetye kakulu, iliso layo loba libi ngakuye umzalwana wayo, nangakuye umfazi wasesifubeni sayo, nangakuso isisalela sabantwana bayo iya kubasalisa;
55
ide inganiki namnye kubo kwinyama yabantwana bayo iya kubatya, ngenxa yokuba kungeko nto emshiyelweyo; ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako kuwo onke amasango ako.
56
Lomfazi otambileyo pakati kwako, obubetyebetye, obengayi kulinga ukuba abeke umzantsi wonyawo lwake emhlabeni, ngobubetyebetye nangokutamba, iliso lake loba libi ngakuyo indoda yasesifubeni sake, nangakuye unyana wake, nangakuyo intombi yake,
57
nangakuwo umkaya opumayo pakati kwenyawo zake, nangakubo abantwana bake aya kubazala; ngokuba eya kubatya ngasese, ngokusweleka kwento zonke, ekuvingcelweni, nasekuxinezelweni, eziya kukuxinezela ngako intshaba zako emasangweni ako.
58
Ukuba akuyi kulumkela ukwenza ngawo onke amazwi alomteto, aba̔liweyo kulencwadi, ukuze uloyike eligama libungcwalisa neloyikekayo, uyehova, utixo wako;
59
uya kwandula uyehova enze izibetwa zako nezibetwa zenzalo yako zibe ngummangaliso; izibetwa ezikulu ezisisimakade, nemikuhlane emibi esisimakade.
60
Waeya kujikisa pezu kwako zonke izifo zase‐Jipete, ezo ubuzoyika, eziya kunamatela kuwe.
61
Kanjalo yonke imikuhlane, nazo zonke izibeto, ezingaba̔liweyo encwadini yalomteto, wozihlisa uyehova pezu kwako, ude utshatyalaliswe.
62
Naniya kushiywa ningabantu abancinane, endaweni yokuba nibe ninjengenkwenkwezi yezulu ukuba baninzi; ngokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wako.
63
Kwakuya kuti, njengokuba uyehova ebegcoba pezu kwenu ukunenzela okulungileyo nokunandisa, kwa njalo uyehova wogcoba pezu kwenu ukunibubisa nokunitshabalalisa; naniya kudonyulwa elizweni, apo uya kona ukuba ulifuye.
64
Kanjalo uyehova wokuti sa pakati kwentlanga zonke, kwa kwenye incam yomhlaba kude kube kwenye incam yomhlaba; wauya kukonza apo otixo bambi, abo ungabazanga wena noyihlo bako, imiti namatye.
65
Napakati kwabaheyideni abo akuyi kuba nakwonwaba; kanjako umzantsi wonyawo lwako awuyi kuba nakupumla: ngokuba uyehova eya kukunika apo intliziyo yokungcangcazela, nokupela kwamehlo, nokucubuka kwompefumlo.
66
Ubomi bako bojinga pambi kwako; uya kwoyika ebusuku nasemini, ungatembi ebomini bako nje.
67
Ngokusa uya kuti: Akwaba bekukukuhlwa! nangokuhlwa woti: Akwaba bekukukusa! ngenxa yokwoyika kwentliziyo yako uya kwoyika ngako, nangenxa yombono wamehlo ako uya kuwubona.
68
Waye uyehova eya kukubuyisela e‐Jipete ngenqanawa, ngendlela endandisiti kuwe: Akusayi kupinda uyibone; naniya kutengiselwa apo ezintshabeni zenu nibe ngamakoboka namakobokakazi, kanti akuyi kubako o ni tengayo.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34