bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 2
Deuteronomy 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 3 →
1
SANDULA sajika ke, sahambela ngasentlango ngendlela yaselwandle olubomvu, njengokuba uyehova ebetetile kum; saye sizekelela intaba ye‐Sehire imihla yamininzi.
2
Waza watsho uyehova kum, esiti:
3
Kwanele ukuzekelela kwenu intaba le; jikelani ngasenode.
4
Nababantu ubayalele ngokuti: Niza kucanda emdeni wabazalwana benu, wosapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire; oluya kunoyika ke: zilumkeleni kunene ngoko;
5
nize ningalwi nalo; ngokuba ndingayi kunika kuni kwilizwe lalo, kwa nokunyatelwa kwomzantsi wonyawo: ngokuba ndimpile u‐Esau intaba ye‐Sehire ibe yimfuyo.
6
Ukudla niya kukutenga kulo ngemali, ukuze nitye; namanzi kanjalo niya kuwatenga kulo ngemali, ukuze nisele.
7
Ngokuba uyehova, utixo wako, ekutamsanqele kuyo yonke imisebenzi yesandla sako; uyakwazi yena ukuhamba kwako kulentlango enkulu; leminyaka imashumi mane uyehova, utixo wako, unawe; akuswelanga luto.
8
Sati sakugqita kubazalwana betu usapo luka‐Esau, olube luhleli e‐Sehire, ngendlela yasetafeni, nge‐Elate, nange‐Hetsiyone‐gebere, sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yase‐Mowabi.
9
Waza uyehova wati kum: Ungapati ama‐Mowabi ngobutshaba, ungalwi nawo emfazweni kanjako: ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe lawo imfuyo; ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote i‐Hari ibe yimfuyo:
10
(Ama‐Eyime ahlala kuyo ngokwapambili, abantu abakulu, abaninzi, abade, njengama‐Hanaki;
11
abebalwa ngokuba ngama‐Rafa nawo, njengama‐Hanaki; kanti ama‐Mowabi awabiza ngokuti ngama‐Eyime.
12
Kwaye kuhlala nama‐Hori e‐Sehire ngokwapambili; kodwa usapo luka‐Esau lwawagqogqa, lwawatshabalalisa pambi kwalo, lwaza lwahlala esikundleni sawo; njengokuba o‐Sirayeli benje njalo nasezweni lemfuyo yabo, elo babelipiwe nguyehova.)
13
Sukani kaloku, niwele umlanjana we‐Zerede. Saza sawela umlanjana we‐Zerede.
14
Kekaloku imihla esibe sihamba ngayo sisuka e‐Kadeshe‐baneha, side sawela umlanjana we‐Zerede, yabiyiminyaka emashumi matatu anesibozo; kwada kwagqityelwa sonke isizukulwana samadoda okulwa pakati kwomkosi, njengokuba uyehova ewafungele.
15
Ngokuba okunene isandla sikayehova besingakuwo, ukuba awabubise pakati kwomkosi, ade agqityelwe.
16
Kwaza kwati, xeshikweni abegqityelwe onke amadoda okulwa ngokufa pakati kwabantu,
17
wandula wateta uyehova kum, esiti:
18
Uya kudlula namhla nje ngomda wase‐Mowabi, nge‐Hari;
19
wauya kusondela pambi kwosapo luka‐Hamoni; ungalupati ngobutshaba, ungalwi nalo kanjako; ngokuba ndingayi kunika kuwe kwilizwe losapo luka‐Hamoni imfuyo: ngokuba ndilupile usapo luka‐Lote lona libe yimfuyo:
20
(Eli libe libalwa ngokuba lilizwe lama‐Rafa nalo; ama‐Rafa ebehleli kulo ngokwapambili, kanti aba‐Hamoni bawabiza ngokuti ngama‐Zamzumi;
21
abantu abakulu, abaninzi, abade, njengama‐Hanaki; owati uyehova wawatshabalalisa pambi kwabo, bada bawagqogqa, bahlala esikundleni sawo;
22
njengokuba ebesenzela usapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire, akutshabalalisa ama‐Hori pambi kwalo, lwada lwawagqogqa, lwahlala esikundleni sawo kwada kwanamhla nje.
23
Kanjalo ama‐Havi abehleli e‐Hatserime, na kude kwase‐Gaza, wona ama‐Kafetori, abevela e‐Kafetori, wawatshabalalisa, wahlala esikundleni sawo.)
24
Sukani, nihambe ke, niwele umlambo we‐Arenone: bona ke, ndinikile esandleni sako u‐Sihone um‐Amori, ukumkani we‐Heshebone, nelizwe lake; qala ukubamba, ulwe naye emfazweni.
25
Namhla nje ndiya kuqala ukubeka ukunkwantywa kwako nokwoyikwa kwako pezu kwabantu abangapantsi kwalo lonke izulu, abaya kuva indaba ngawe, bangcangcazele, batutumele ngenxa yako.
26
Ndaza ndasusa izigidimi entlango yase‐Kedemote ukuya ku‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, zinamazwi oxolo, ukuti:
27
Mandicande elizweni lako; ndiya kuhamba ngendlela yodwa; andiyi kupambukela nasekunene nasekohlo.
28
Wonditengisa ukudla ngemali, ukuba nditye; wondinika namanzi ngemali, ukuba ndisele; kupela ndiya kucanda ngenyawo zam;
29
(njengokuba lwandenzela usapo luka‐Esau, oluhleliyo e‐Sehire, nama‐Mowabi ahleliyo e‐Hari;) ndide ndiwele i‐Yoredane ukuya ezweni asipayo uyehova, utixo wetu.
30
Kodwa ebengavumi u‐Sihone, ukumkani we‐Heshebone, ukuba sidlule kuye: ngokuba uyehova, utixo wako, wenza lukuni umoya wake, nentliziyo yake wayigwenxisa, ukuze amnikele esandleni sako, njengokuba kunjalo kwa namhla.
31
Waye uyehova esiti kum: Bona ke, sendiqalile ukunika pambi kwako u‐Sihone nelizwe lake; qala ukubamba, ukuba ulifuye ilizwe lake.
32
Kwandula kwapumela ngakuti u‐Sihone, yena nabo bonke abantu bake, ukuza kulwa e‐Yahetsa.
33
Koko uyehova, utixo wetu, wamnika ebusweni betu; saza sambeta, kwa nonyana bake, nabo bonke abantu bake.
34
Saye sitimba zonke izixeko zake ngeloxesha, salahlela ekutshatyalalisweni amadoda ezixeko zonke, nabafazi, nentsapo; besingashiya namntu oseleyo:
35
kupela sazipangela inkomo, namaxoba ezixeko esibe sizitimbile.
36
Kwa kuyo i‐Harohere, eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, nesixeko esisentilini, kwada kwase‐Gileyadi, akwabiko nqili eyasinqabelayo; zonke uyehova, utixo wetu, wazinika pambi kwetu.
37
Kupela beningasondeli kulo ilizwe losapo luka‐Hamoni, na kwenye indawo yasemlanjeni we‐Yaboki, nasezixekweni zentaba, nakokusukuba ebesiyalile ngako uyehova, utixo wetu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34