bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Deuteronomy 7
Deuteronomy 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 8 →
1
XESHIKWENI uyehova, utixo wako, akungenisile kwelozwe apo uya kona ukulifuya; na xeshikweni agxotileyo intlanga ezininzi pambi kwako, ama‐Hete, nama‐Giregashe, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, intlanga zisixe̔nxe ezizezikulu nezinamandla ngapezu kwako;
2
na xeshikweni uyehova, utixo wako, azinikileyo ebusweni bako, ukuba uzibete: uya kugqibela ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; akuyi kulwenza nazo ucebano, akuyi kuzipata ngofefe.
3
Kanjako akuyi kutshatiselana nazo; intombi zako akuyi kuzendisa konyana bazo, nentombi zazo akuyi kuzitabatela onyana bako:
4
ngokuba ziya kupambukisa onyana bako kum, ukuba bakonze otixo bambi; ize ivute ingqumbo kayehova ngakuni, ikutshabalalise kamsinya.
5
Kungokunje eniya kwenza kuzo: izibingelo zazo niya kuzicita, nezifanekiso ezimiyo zazo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zazo niya kuzigaula, nemifanekiso eqingqiweyo yazo niya kuyitshisa ngomlilo.
6
Ngokuba ningabantu abangcwele nina kuyehova, utixo wenu: nina uniqashile uyehova, utixo wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
7
Akungenxa yokuba baninzi kwenu ngapezu kwabo bonke abantu, anamatele kuni uyehova, waniqasha; ngokuba nibe ningabancinane kubo bonke abantu:
8
kungenxa yokuba uyehova ebenitanda, nokuba ebeya kugcina isifungo owabefungele oyihlo benu ngaso, anipumisileyo uyehova ngesandla esomeleleyo, wanikulula endlwini yobukoboka, esandleni sika‐Faro ukumkani we‐Jipete.
9
Yazi ke ngoko, ukuba uyehova, utixo wako, nguye ongutixo, lowo utixo unyanisekileyo, obagcinela ucebano nobubele abamtandayo nabayigcinayo imiyalelo yake, kude kube liwaka lezizukulwana;
10
oti kanjalo apindezele kubo abamtiyayo ngasebusweni babo, ukuba ababubise; akayi kulibalela omtiyayo, wopindezela kuye ngasebusweni bake.
11
Ngako uya kugcina imiyalelo, nemimiselo, nemigwebo, endikuyalelayo namhla, ukuba uyenze.
12
Kwakuya kuti, ngokuba nipulapula lemigwebo, niyigcine, niyenze nokuyenza, kukona uyehova, utixo wako, aya kukugcinela ucebano nobubele wabefungela oyihlo bako ngabo:
13
waeya kukutanda, akutamsanqele, akwandise: kanjalo uya kutamsanqela isixakato sesizalo sako, nesiqa̔mo somhlaba wako, inqolowa yako, neveyine yako, neoli yako, inzalo yemazi zako, nemihlambi yegusha zako, elizweni owabefungela oyihlo bako ukuba alinike kuwe.
14
Uya kutanyusanqelwa pezu kwabantu bonke; akuyi kubako pakati kwenu udlolo nodlolokazi, napakati kwenkomo zako.
15
Waye uyehova eya kukwelelisa kuwe zonke izikuhlane; nezifo zase‐Jipete ezibi, ezo uzaziyo, akayi kubeka nasinye pezu kwako, uya kuzibeka pezu kwabo bonke abakutiyayo.
16
Kanjalo uya kugqibela bonke abantu ubanikiweyo nguyehova, utixo wako; iliso lako aliyi kuba nosizi pezu kwabo; notixo babo akuyi kubakonza; ngokuba kuya kuba ngumgibe kuwe oko.
17
Nxa uya kuti entliziyweni yako: Zininzi ezintlanga ngapezu kwam; ndingati nina ukuzigqogqa?
18
akuyi kwoyika ngenxa yazo; kolisa ukukumbula oko wabekwenza uyehova, utixo wako, ku‐Faro nakuwo onke ama‐Jipete;
19
ezozilingelo zikulu azibonileyo amehlo ako, nemiqondiso, nemimangaliso, nesandla esomeleleyo, nengalo eyolulweyo, owabenipumisa ngazo uyehova, utixo wako: uya kwenje njalo uyehova, utixo wako, kubo bonke abantu uboyikayo.
20
Kanjako uyehova, utixo wako, wotuma onomeva pakati kwabo, bade babube abo baseleyo, abafihlekileyo kuwe.
21
Akuyi kuba nokunkwantya pambi kwabo; ngokuba uyehova, utixo wako, epakati kwenu, e ngutixo omkulu nowoyikekayo.
22
Waye uyehova, utixo wako, eya kugxota intlanga ezo pambi kwako ngento encinane nangento encinane: akuyi kunxama ukuzigqibela hleze ziya kwanda pezu kwako izilo zasendle.
23
Koko uyehova, utixo wako, eya kuzinika ebusweni bako, azipitizelise ngempitizeliso enkulu, zide zitshatyalaliswe.
24
Nokumkani bazo wobanika esandleni sako, wauya kububisa igama lazo pantsi kwezulu; akuko mntu oya kuma pambi kwako, ungekazitshabalalisanga.
25
Imifanekiso eqingqiweyo yotixo bazo niya kuyitshisa ngomlilo; akuyi kunqwenela isilivere umhlaumbi igolide epezu kwayo, akuyi kuyitabatela kuwe kanjalo, hleze utiyelwe ngayo: ngokuba iyintshontsho kuyehova, utixo wako, yona.
26
Kanjako akuyi kungenisa into eyintshontsho endlwini yako, hleze ube yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni njengayo: uya kugqibela ukuyitiya, uya kugqibela nokuyizonda: ngokuba iyinto elahlelwe ekutshatyalalisweni yona.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34