bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 17
Jeremiah 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 18 →
1
Isono so‐Juda siba̔liwe ngesiqingqiso sesincete, ngetsolo ledamante; siqingqiwe pezu kwecwecwe lentliziyo yabo, napezu kwempondo zezibingelo zenu;
2
nxa abantwana babo bakumbula izibingelo zabo, nemifanekiso ka‐Ashera yabo emitini eluhlaza, pezu kwenduli ezinde.
3
Ntaba yam kunye nelizwe! ubutyebi bako nazo zonke indyebo zako ndozinikela ukupangwa, n endawo ezipakamileyo zako zokwona, kuyo yonke imida yako.
4
Wauya kuyeka kwa ngokwako ilifa lako, endilinikileyo kuwe; ndandiya kukukonzisa intshaba zenu elizweni ungalazanga: ngokuba umlilo niwupembileyo ngengqumbo yam, uya kutsha kude kube ngunapakade.
5
Utsho uyehova ukuti: Iqalekisiwe indoda etembela emntwini, eyenza inyama ingalo yayo, nentliziyo imkayo kuyehova!
6
Ngokuba iya kuba njengomti weharohere elubala, ingaboni naxeshekweni kuzayo okulungileyo; koko iya kuma ezindaweni ezomileyo entlango, ezweni elityuwa nelingenabemi.
7
Inetamsanqa indoda etembela kuyehova, netemba layo li nguyehova!
8
Ngokuba iya kuba njengomti utyelwe ngasemanzini, onabisayo ingcambo zawo ngasemlanjeni, ongaboni nxa buzayo ubushushu, koko igqabi lawo liba luhlaza; ongenaxala emnyakeni wokwoma, ongapezi ukuvelisa isiqa̔mo.
9
Intliziyo inenkohliso pezu kwezinto zonke; ewe, inesifo esinzima; ngubanina ongayaziyo?
10
Ndim Yehova opengululayo intliziyo, olingayo izintso; ukuze ndinike kubo bonke njengokwemikwa yabo, njengokwesixakato sezenzo zabo.
11
Njeng entendele efukamela amaqanda ingawazalanga, unjalo oqwebayo ubutyebi, koko kungengokufanelekileyo; ekuqingatisweni kwemihla yake uya kubushiya, nasekupeleni kwake woba sisityakala.
12
Iterone yobungcwalisa, ipakamile kwa sekuqaleni, yindawo yengcwele yetu.
13
Ulitemba lo‐Sirayeli, Yehova! bonke abakushiyayo bodaniswa; abemkayo kum baya kuba̔lwa emhlabeni, ngokuba beshiyile uyehova, umtombo wamanzi apilileyo.
14
Ndipilise, Yehova! ndandiya kupiliswa; ndisindise, ndandiya kusindiswa: ngokuba wena uyindumiso yam.
15
Bona ke, bati kum: Lipina ilizwi likayehova? malize ke.
16
Mna kodwa andinxamanga ukuba ndingabi ngumalusi emva kwako; nomhla olusizi andiwukanukanga; wena uyazi: okupumileyo emlonyeni wam kwabako pambi kwobuso bako.
17
Ungabi sisituso kum; usisipepelo sam wena emhleni welishwa.
18
Mabadaniswe abatshutshisi bam, kodwa mandingadaniswa mna; mabamatiswe bona, kodwa mandingamatiswa mna: zisa pezu kwabo umhla welishwa, ubabubise ngembujiswa epindiweyo.
19
WATSHO uyehova kum ukuti: Hamba uye ume esangweni losapo lwabantu, abangena ngalo okumkani bo‐Juda, nabapuma ngalo, nakuwo onke amasango e‐Yerusaleme;
20
uti kubo: Yivani ilizwi likayehova, bokumkani bo‐Juda, no‐Juda bonke, nabo bonke abemi base‐Yerusaleme, abangenayo ngalamasango!
21
Utsho uyehova ukuti: Zilumkeleni, ningatwali namnye umtwalo ngomhla wesabata, ningawungenisi ngamasango e‐Yerusaleme.
22
Kanjako ningapumi nomtwalo ezindlwini zenu ngomhla wesabata, ningenzi namnye umsebenzi; koko niya kuwenza ngcwele umhla wesabata, njengokuba bendiyalela oyihlo benu.
23
Kodwa abavanga, abatobanga indlebe kanjalo; koko benze lukuni intamo yabo, ukuze bangeva, nokuze bangayamkeli imfundiso.
24
Kwakuya kuti, nxa niya kukutala ukundipulapula, utsho uyehova, ningangenisi namuye umtwalo ngamasango esisixeko ngomhla wesabata, nize niwenze ngcwele umhla wesabata, ningenzi ngawo namnye umsebenzi;
25
baya kwandula bangene ngamasango esisixeko okumkani, nenkosana, behleli pezu kweterone ka‐Davide, bekwele ezinqwelweni nasemahasheni, bona nenkosana zabo, amadoda akwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme; sasiya kuti esisixeko sihlale kude kube ngunapakade.
26
Babeya kuvela ezixekweni zakwa‐Juda, nasezindaweni zangase‐Yerusaleme, naselizweni lakwa‐Benjamine, nasetafeni, nasezintabeni, nasesuyide, bezisa amadini okutshiswa, nemibingo, neminikelo yokudla, nentlakamhlope, kunye nabazisayo iminikelo yokubulela, endlwini kayehova.
27
Kodwa nxa ningayi kundipulapula, ukuba niwenze ngcwele umhla wesabata, nokuba ningatwali namnye umtwalo, koko niya kungena ngamasango e‐Yerusaleme ngomhla wesabata; ndiya kwandula ndipembe umlilo emasangweni ayo, oya kuzidla ingxande zase‐Yerusaleme, ungacinywa.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52