bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 49
Jeremiah 49
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 50 →
1
NGALO usapo luka‐Hamoni. Utsho uyehova ukuti: u‐Sirayeli akanabo onyana na? akanayo indlalifa na? Kuyinina ukuba ukumkani walo uyalidla ilifa lika‐Gadi, nokuba abantu bake bahleli ezixekweni zake?
2
Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kuvakalisa e‐Raba yosapo luka‐Hamoni isimemezo sokulwa, yaiya kuba yimfumba eyonakeleyo, namagxamesi ayo aya kutshiswa ngomlilo; waye u‐Sirayeli eya kufuya abo abebemfuyile yena, utsho uyehova.
3
Lila, Heshebone! ngokuba i‐Hahai icitakalisiwe; kalani, nina zintombi zase‐Raba! binqani ngentlakantlaka; yenzani isijwili, nisukasuke ngasezindongeni; ngokuba ukumkani walo esiya ekutinjweni, abaperisite bake nenkosana zake kwa kunye.
4
Yinina ukuba uqa̔yise ngemihlambo? umhlambo wako uyela ngegazi, wena ntombi epambukileyo! ebitembela kuzo indyebo zayo, isiti; Ngubanina oya kuza kum?
5
Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwako isoyikiso, itsho inkosi, uyehova wemikosi, sivela kubo bonke abakungqongayo; naniya kugxotwa, abanye ngabanye besiti ngqo, kungayi kubako namnye obuta abadungudelayo.
6
Kodwa emva kwoko ndiya kubuyisa ukutinjwa kwosapo luka‐Hamoni, utsho uyehova.
7
NGAYO i‐Edome. Utsho uyehova wemikosi ukuti: Abuseko ubulumko na e‐Temani! Bububile na ubucebo kubo abanokuqonda? Bugqibekile na ubulumko babo?
8
Sabani, jikani, ngxokani ukuhlala, nina bemi base‐Dedane! ngokuba imbujiswa ka‐Esau ndiya kuyizisa pezu kwake, ixesha endiya kumohlwaya.
9
Ukuba abavuni bedreyive bebeze kuwe, bebengayi kuzisalisa imbikicona? Ukuba amasela ebeze ebusuku, ebengayi kukwonakalisa na oko kubaneleyo?
10
Koko mna ndiya kuhluba u‐Esau, ndiya kutyila indawo zake ezifihlakeleyo, ade akohlwe kukuzimela; inzalo yake yocitakaliswa, nabazalwana bake, nabamelwane bake, ade yena angabiko.
11
Zishiye inkedama zako, ndozilondoloza mna ebomini; nabahlolokazi bako mabatembele kum.
12
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, abo, abakugwetywa bekungekuko okwokusela kwindebe, baselile okunene; nawe ke, unguye oya kuka apatwe njengongenatyala na? Akuyi kupatwa njengongenatyala, koko uya kusela ngokwenyaniso.
13
Ngokuba ndizifungile mna, utsho uyehova, ukuba i‐Botsera yoba yinto yokutelwa nqa, n esigxekwa, n enxuwa, nesiqalekiswa; nazo zonke izixeko zayo zoba ngamanxuwa ngonapakade.
14
Ndivile intshumayelo ivela kuyehova, kanjalo isigidimi situnyiwe pakati kwezizwe, ukuti: Zibuteni, nize ngakuyo, nivukele ukulwa.
15
Ngokuba, bona ke, ndikwenzile into encinane pakati kwezizwe, edeliweyo pakati kwabantu.
16
Ukwoyikeka kwako, ir̔atshi lentliziyo yako likukohlisile, umi emifanteni yeliwa, uyibamba indawo epezulu yenduli; nakuba ubuya kuyenza pezulu, njengokozi, indlu yako, ndoyihlisa kwa kona, utsho uyehova.
17
Ewe, i‐Edome yoba yingcitakalo; bonke abadlulayo ngakuyo boti nqa, benze amakwelo pezu kwazo zonke izibetwa zayo.
18
Njengasekucitweni kwe‐Sodome, ne‐Gomora, n ezixeko ezimelene nazo, utsho uyehova, akuyi kuhlala kona namnye umntu, akuyi kupambukela kuyo namnye unyana womntu kanjako.
19
Bona ke, uya kunyuka njengengonyama ekukukumaleni kwe‐Yoredane ngakuyo intlalo enamandla; ngokuba ngepanyazo ndiya kumbalekisa kuyo: kodwa ngubanina umnyulwa endiya kummisela ngakuyo? ngokuba ngubanina ofana nam? ngubanina noya kundibekela ixesha? ngubanina nomalusi lowo oya kuma ebusweni bam?
20
Ngako oko yivani icebo likayehova, alicebileyo ngakuyo i‐Edome; namaqinga ake, awaqingileyo ngakubo abemi base‐Temani: ngenyaniso abancinane bomhlambi bobar̔ola; ngenyaniso intlalo yabo yoti nqa pezu kwabo.
21
Ngenxa yentlokoma yokuwa kwabo umhlaba uyangcangcazela; isikalo intlokoma yaso iyavakala elwandle olubomvu.
22
Bona ke, njengokozi uya kunyuka abaleke, namapiko ake wowatwabulula pezu kwe‐Botsera; yoti intliziyo yamagoṙa ase‐Edome ngalomhla ibe njengentliziyo yomfazi osenimbeni.
23
NGAYO i‐Damakusi. Idanile i‐Hamati, ne‐Arapadi; ngokokuba zivile indaba ezimbi, ziyanyibilika; kuko ixala pakati kwolwandle, lukohliwe kukuzola.
24
I‐Damakusi ipolelwe, iyajika ukuba isabe, isinkwantyo siyiqubule; ututumbelo nenimba ziyibambile, njengezomfazi oza kuzala.
25
Hai ukushiywa kwaso isixeko sendumiso, inqili yomgcobo wam!
26
Ngako oko amadodana aso aya kuwa ezitarateni zaso, nawo onke amadoda okulwa aya kubujiswa ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi.
27
Ngokuba ndiya kupemba umlilo eludongeni lwe‐Damakusi, oya kuzidla izindlukazi zika‐Bene‐hadadi.
28
NGAYO i‐Kedare, nangazo izikumkani zase‐Hatsore, ezo u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wazibetayo. Utsho uyehova ukuti: Sukani, nyukelani ngakuyo i‐Kedare, niwacitakalise amadoda asempumalanga.
29
Intente zawo nemihlambi yawo baya kuzitabata; izikuselo zawo, nayo yonke impahla yawo, nenkamela zawo baya kuzisusa zibe zezabo: aeya kudanduluka ngenxa yabo, esiti: Isoyikiso singamacala onke.
30
Sabani, yenzani intsabo enkulu, ngxokani ukuhlala, nina bemi base‐Hatsore! utsho uyehova; ngokuba u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone ecebile ngakuni icebo, waqinga ngakuni iqinga.
31
Sukani, nyukelani kwisizwe esingenakukatala, esihleli ekunqabeni, utsho uyehova; aziko ingcango nemivalo kuso; simi sodwa.
32
Inkamela zaso zoba yimpango, nesihlwele senkomo zaso soba lixoba; ndandiya kucitela kuyo yonke imimoya abo banqanyulwe amancam odevu; nembujiswa yabo ndoyivelisa kuwo onke amacala elizwe labo, utsho uyehova.
33
Ne‐Hatsore yona yoba yindawo yokuhlala yempungutye, n enxuwa kude kube ngunapakade: akuyi kuhlala kona namnye umntu, akuyi kupambukela kuyo namnye unyana womntu kanjako.
34
ILIZWI likayehova elezayo ku‐Jeremiya umprofite, ngayo i‐Helami, ekuqaleni kwobukumkani buka‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, lisiti:
35
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndiya kusapula isipeta se‐Helami, ubukulu bamandla abo.
36
Ndandiya kuzisa imimoya emine ngakuyo i‐Helami ivela kuwo amancam amane ezulu, ndibacitele kuyo yonke lemimoya; akuyi kubako nasinye isizwe apo bangayi kuza kona abagxotiweyo base‐Helami.
37
Ngokuba ndiya kumatisa o‐Helami ebusweni bentshaba zabo, nasebusweni babo bafunayo ubomi babo; ndandiya kuzisa pezu kwabo ilishwa, ubushushu bengqumbo yam, utsho uyehova; ewe, ndiya kutuma emva kwabo isiṙele, ndide ndibagqibe.
38
Ndandiya kubeka iterone yam e‐Helami, nditshabalalise kwa kona ukumkani nenkosana, utsho uyehova.
39
Kodwa kuya kuti emihleni yokupela, ndobuyisa ukutinjwa kwe‐Helami, utsho uyehova.
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 50 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52