bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 51
Jeremiah 51
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 50
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 52 →
1
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvusa ngakuyo i‐Babilone, nangakubo abahlala pakati kwabandisukelayo, umoya otshabalalisayo.
2
Ndandiya kutuma e‐Babilone abeli, abaya kuyela, balenze zé ilizwe layo: ngokuba beya kuba ngakuyo ngokungqonga ngomhla welishwa.
3
Umtoli makatyede isipeta sake, ngakulowo utyedayo, nangakulowo uzipakamisayo ngehempe yentsimbi yake: kanjalo ningabi nabubele ngakuwo amadodana ayo, lahlelani ekutshatyalalisweni wonke umkosi wayo.
4
Ababuleweyo baya kuwa elizweni lama‐Kaledine, nabahlatyiweyo ezitarateni zayo.
5
Ngokuba u‐Sirayeli engengoshiyiweyo, no‐Juda, ngutixo wake, nguyehova wemikosi; nangona ilizwe labo lizele lityala pambi kwoyingcwele ka‐Sirayeli.
6
Sabani kwa pakati kwe‐Babilone, nisindise abanye ngabanye ubomi babo; ningabujiswa ekukohlakaleni kwayo; ngokuba lixesha lempindezelo kayehova eli, oya kuyivuza ngokuyifaneleyo.
7
I‐Babilone ibiyindebe yegolide esandleni sikayehova, inxilisa umhlaba wonke; izizwe ziselile kwiveyine yayo; ngako oko izizwe ziyageza.
8
Ngesiqupe iwile i‐Babilone yatiwa shwaqe; lilani pezu kwayo; tabatelani ubuhlungu bayo itsori, ingaba iya kupiliswa.
9
Besiya kupilisa i‐Babilone, kodwa ayipiliseki: yishiyeni, masiye abanye ngabanye kwelakowabo ilizwe; ngokuba ukugwetywa kwayo kufikela ezulwini, kupakanyiselwe nasesibakabakeni.
10
Uyehova uvelisile ubulungisa betu; yizani, masiwubalise e‐Ziyone umsebenzi kayehova, utixo wetu.
11
Kazimlisani intolo, zalisani amakaka; uyehova uvusile umoya wokumkani bama‐Medi; ngokuba iqinga lake lingakuyo i‐Babilone, ukuba ayitshabalalise; ngokokuba yimpindezelo kayehova, impindezelo yetempile yake.
12
Pakamisani ibanile ezindongeni ze‐Babilone, yomelezani umlisela, misani abalindi, lungisani abalaleli; ngokuba uyehova selekuqingile, selekwenzile kanjalo, oko wakutetayo ngabo abemi base‐Babilone.
13
Wena umiyo ngasemanzini amakulu, ondyebo zininzi! kufikile isipelo sako, isilinganiswa sempango yako.
14
Uyehova wemikosi uzifungile yena, ngokuti: Ngenyaniso ndokuzalisa ngamadoda njengeziboto, aeya kuhlabela umemezo lwokulwa ngakuwe.
15
Wawenza umhlaba ngamandla ake, wamisa ilizwe ngobulumko bake; nangengqondo yake wawolula amazulu.
16
Nxa aku̔pa ilizwi lake, kuko ingxokolo yamanzi ezulwini; uyenyusa amafu esipelweni somhlaba; uyenza imibane kunye nemvula; nomoya uyawuvelisa ezimbekelweni zake.
17
Badolile abantu bonke bengenakwazi; badanele umfanekiso bonke abatyityishi: ngokuba umfanekiso otyityishiweyo wake ububuxoki; akuko umoya kuyo.
18
Yinto engendawo yona, umsebenzi wezigculelo: ngexesha lokwohlwaywa kwayo iya kutshabalala.
19
Osisabelwa sika‐Yakobi akanjengalé; ngokuba yena engumdali wento zonke; no‐Sirayeli uyintonga yelifa lake: nguyehova wemikosi igama lake.
20
Wena ungumvinqikazi wam, izixo̔bo zokulwa zam: ngokuba ngawe ndiya kucita izizwe, nangawe ndotshabalalisa izikumkani.
21
Kwa ngawe ndiya kucita ihashe nomkweli walo; nangawe ndiya kucita inqwelo nokwele kuyo.
22
Kwa ngawe ndiya kucita indoda nomfazi; nangawe ndiya kucita ixego nomfana; nangawe ndiya kucita indodana nentombi.
23
Kwa ngawe ndiya kucita umalusi nomhlambi wake; nangawe ndiya kucita umlimi nesipane sake; nangawe ndiya kucita inkosi nenkosana.
24
Ndandiya kupindezela kwi‐Babilone, nakubo bonke abemi base‐Kaledine, yonke inkohlakalo yabo abayenzileyo e‐Ziyone pambi kwamehlo enu, utsho uyehova.
25
Bona ke, mna ndingakuwe, wena ntaba etshabalalisayo! utsho uyehova, etshabalalisayo umhlaba wonke: ndandiya kwolula isandla sam pezu kwako, ndikuqengqe emaweni, ndikwenze intaba etshisiweyo.
26
Kwaye kungayi kususwa kuwe ilitye legumbi, nelitye lemisekelo; koko uya kuba yingcitakalo engunapakade, utsho uyehova.
27
Pakamisani ibanile emhlabeni, vutelani ngexilongo pakati kwezizwe, yahlulani izizwe ngakuyo, bizani ngakuyo izikumkani zase‐Ararate, n e‐Mini, ne‐Shekenaze; miselani ngakuyo inkosi yamasodati; nyusani amahashe njengeziboto ezilixonti.
28
Yahlulani izizwe ngakuyo, okumkani base‐Medi, inkosi zayo, nawo onke amagosa ayo, nalo lonke ilizwe lobukosi bake.
29
Wauya kuti umhlaba ungcangcazele, ututumbe; ngokuba amaqinga kayehova ngakuyo i‐Babilone eya kuma, okulenza ilizwe le‐Babilone ingcitakalo, lingenabemi.
30
Amagoṙa ase‐Babilone ayekile ukulwa, ahleli emanqabeni; butshitshile ubugoṙa bawo, aba ngabafazi: intlalo zayo zitshisiwe, imivalo yayo yapukile.
31
Isigidimi siyagidima ukuhlangana nesigidimi, nombiki ukuhlangana nombiki, ukuya kubika kukumkani we‐Babilone ukuba isixeko sake sibanjiwe sipela;
32
nokuba amazibuko atinjiwe, nengcongolo bazitshisile ngomlilo; nokuba amadoda okulwa abetwe livuso.
33
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Intombi yase‐Babilone ifana nesibaya sokubula, ngexesha lokunyatelwa kwaso; kuseko umzuzwana, kwandule ukufika ixesha lokuvuna kuyo.
34
U‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone undidlile, undipitizelisile, undenzile isitya esizé, undiginyile njengenamba, uzalisile isisu sake ngezimnandi zam, undigxotile.
35
Ubudlwengu obenzelwe mna nabayinyama yam mabube pezu kwe‐Babilone! uya kutsho umhlalikazi wase‐Ziyone: kanjalo, Igazi lam malibe pezu kwabemi base‐Kaledine! iya kutsho i‐Yerusaleme.
36
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kupikisa upikiso lwako, ndipindezele nempindezelo yako; ngokuba ndiya kutshisa ulwandle lwayo, ndiwomise nomtombo wayo.
37
Ne‐Babilone yona yoba zimfumba, indawo yokuhlala yempungutye, into yokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, ingenabemi.
38
Baya kugquma ndawonye njengengonyama; baya kukonya njengamatole engonyamakazi.
39
Ebushushwini babo ndiya kuyenza imitendeleko yabo, ndibanxilise, ukuze bagcobe, balale ubutongo obungunapakade, bangezi bavuke, utsho uyehova.
40
Ndobahlisela njengemvana ekuxe̔lweni, njengenkunzi zegusha nezebokwe.
41
Injanina i‐Sheshaki ukubanjwa, nendumiso yomhlaba wonke ukutinjwa! Injanina i‐Babilone ukuba yinto yokutelwa nqa pakati kwezizwe!
42
Ulwandle lunyukele pezu kwe‐Babilone; ngobuninzi bamaza alo iselelwe.
43
Izixeko zayo ziba yingcitakalo, ilizwe elomileyo, nobala, ilizwe ekungeko namnye umntu ohlala kulo, nekungeko unyana womntu odlulayo pakati kwalo.
44
Ngokuba ndiya kumohlwaya u‐Bele e‐Babilone, ndiku̔pe oko akuginyileyo emlonyeni wake, ziti izizwe zingabuyi zele kuye; ewe, udonga lwe‐Babilone luya kuwa.
45
Pumani kwa pakati kwayo, bantu bam! nisindise abanye ngabanye ubomi babo ebushushwini bengqumbo kayehova.
46
Maingabi butataka intliziyo yenu, ningoyiki kanjalo, ngenxa yeṙeto eliya kuviwa elizweni; ngokuba kuya kuza ng omnye umnyaka iṙeto, nasemva kwawo ng omnye umnyaka iṙeto; kwobako ubudlwengu elizweni, inkosi ngakuyo inkosi.
47
Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, nxa ndiya kwohlwaya imifanekiso eqingqiweyo yase‐Babilone, laye lonke ilizwe layo liya kudana; kanjako bonke ababuleweyo bayo baya kuwa pakati kwayo.
48
Ziya kwandula zigcobe pezu kwe‐Babilone izulu nomhlaba, nako konke okukuzo; ngokuba abacitakalisi beya kuza kuyo bevela enode, utsho uyehova.
49
Ewe, i‐Babilone iza kuwa, nina babuleweyo bakwa‐Sirayeli! ewe, a base‐Babilone baya kuwa, nina babuleweyo bomhlaba wonke!
50
Nina basindileyo eṙeleni! hambani, ningemi: kumbulani uyehova nikude, iti i‐Yerusaleme ingene entliziyweni yenu.
51
Sibe sidana, ngokokuba sivile isigxeko; ihlazo lagubungela ubuso betu; ngokokuba abasemzini bengenile ezindaweni ezingcwele zendlu kayehova.
52
Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kwohlwaya imifanekiso eqingqiweyo yayo, na nxa kulo lonke ilizwe layo inxweleṙa ziya kugula.
53
Nangona i‐Babilone ibiya kukwela kwa sezulwini, ewe nangona ibiya kunqabisa indawo epezulu yamandla ayo, baya kuza kuyo abacitakalisi bevela kum, utsho uyehova.
54
Kuko intlokoma yesikalo ivela e‐Babilone, neyembujiswa enkulu ivela elizweni lama‐Kaledine.
55
Ngokuba uyehova ecitakalisa i‐Babilone, seleyibubisile kuyo intlokoma enkulu; amaza ayo ayagquma njengamanzi amakulu, kunikiwe ingxokozelo yentlokoma yawo.
56
Ngokuba kufikile ngakuyo, ngakuyo i‐Babilone, umcitakalisi; amagoṙa ayo aya kubanjwa, izipeta zawo ziya kwapulwa: ngokuba uyehova e ngutixo wempindezelo, uya kukolisa ukuvuza.
57
Ndandiya kunxilisa inkosana zayo, namalumko ayo, inkosi zayo, namagosa ayo, namagoṙa ayo; abaya kulala ubutongo obungunapakade, bangezi bavuke, utsho ukumkani, ogama li nguyehova wemikosi.
58
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Udonga lwe‐Babilone olubanzi luya kugqityelwa ukucitwa, namasango ayo amade aya kutshiswa ngomlilo; zaye izizwe ziya kuzamela okungento, zozam ela umlilo, zidinwe ke.
59
Ilizwi u‐Jeremiya umprofite wamyalelayo u‐Seraya, unyana ka‐Neriya, unyana ka‐Mahaseya, akusuka ku‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda ukuya e‐Babilone, ngowesine umnyaka wobukumkani bake. Kekaloku u‐Seraya ebeyinkosi yokupumla.
60
Waza u‐Jeremiya waba̔la lonke ilishwa eliya kuza pezu kwe‐Babilone encwadini, onke lamazwi aba̔liweyo ngakuyo i‐Babilone.
61
Wayesiti u‐Jeremiya ku‐Seraya: Nxa ufikayo e‐Babilone, uwabone, uwaleseshe onke lamazwi,
62
uya kwandula uti: Yehova! utetile wena ngakuyo lendawo ukuyitshabalalisa, ukuba kungabiko ohlala kuyo, kwa nomntu nesilo, kodwa ibe yingcitakalo engunapakade.
63
Kwakuya kuti, wakugqiba ukulesesha incwadi le, uya kunxiba ilitye pezu kwayo, uyipose pakati kwom‐Ferate;
64
wauya kuti: Iya kwenje njalo ukuntywila i‐Babilone, ingabuyi isuke elishweni endilizisa pezu kwayo; babeya kudinwa. Kude kube lapa ngamazwi ka‐Jeremiya.
← Chapter 50
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 52 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52