bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 40
Jeremiah 40
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
1
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, emveni kwokuba u‐Nebuzaradane inkosi yomlisela ebemndulule e‐Rama; akuba emtabatile enxityiwe ngemixokolelwane pakati kwabo bonke abatinjwa base‐Yerusaleme nabakwa‐Juda, abebefuduselwa e‐Babilone.
2
Yaza inkosi yomlisela yamtabata u‐Jeremiya, yati kuye: Uyehova, utixo wako, utetile elilishwa ngakuyo lendawo.
3
Ewe, uyehova ulizisile, wenzile njengokuba ebeteta: ngokokuba nonile ngakuye uyehova, ningevanga ilizwi lake nje, kukona nihlelwe yilento.
4
Nakaloku, bona ke, ndikukulule namhla emixokolelwaneni ebipezu kwezandla zako: ukuba kulungile emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yiza ke, ndandiya kubeka iliso lam pezu kwako; kodwa ukuba kubi emehlweni ako ukuza nam e‐Babilone, yeka ke: kangela, ilizwe lonke lipambi kwako; indawo elungileyo nefaneleyo emehlweni ako ukuba uye kuyo, yiya kwa kona.
5
Nxa angekabuyi, yati: Uze ubuyele ku‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, lowo ukumkani we‐Babilone umenzile umongama pezu kwezixeko zakwa‐Juda, uhlale naye pakati kwabantu: umhlaumbi uye apo kusukuba kufanele emehlweni ako ukuya kona. Yaza inkosi yomlisela yamnika umpako wendlela, nebaso, yamndulula.
6
Kwa njalo u‐Jeremiya weza ku‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame e‐Mitsipa, wahlala naye pakati kwabantu ababesele elizweni.
7
Zati zakuva zonke inkosi zezimpi ezibe zisezindle, zona namadoda azo, ukuba ukumkani we‐Babilone wenzile u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame umongama pezu kwelizwe, nokuba umpatisile amadoda, nabafazi, nentsapo, namahlwempu elizwe, abo ababengafuduselwanga e‐Babilone,
8
zandula zeza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa: kwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, no‐Johanane no‐Jonatane onyana baka‐Kareha, no‐Seraya unyana ka‐Tanehumete, nonyana baka‐Hefai um‐Netofati, no‐Yezaniya unyana wom‐Mahaka, bona namadoda abo.
9
Waza u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane, wafunga kubo nakumadoda abo, ngokuti: Ningoyiki ukukonza ama‐Kaledine; hlalani elizweni, nimkonze ukumkani we‐Babilone, kwakuya kulunga kuni.
10
Kekaloku mna, bona ke, ndiya kuhlala e‐Mitsipa, ukuma ebusweni bama‐Kaledine aya kuza kuti; kodwa nina, butani, iveyine, neziqa̔mo zehlobo, neoli, nizibeke ezityeni zenu, nihlale ezixekweni enizibambileyo.
11
Kanjalo onke ama‐Juda abese‐Mowabi, napakati kwosapo luka‐Hamoni, nase‐Edome, nalawo abesemazweni onke, akuva ukuba ukumkani we‐Babilone ushiyile isisalela so‐Juda, nokuba umisile pezu kwabo u‐Gedaliya, unyana ka‐Ahikame, unyana ka‐Shafane;
12
andula onke ama‐Juda abuya kuzo zonke indawo apo ebegxotelwe kona, eza elizweni lakwa‐Juda, ku‐Gedaliya e‐Mitsipa, abuta iveyine, neziqa̔mo zehlobo, into eninzi kakulu.
13
Kuloko u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zisezindle, beza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa,
14
bati kuye: Uka wazi na ukuba u‐Balisi, ukumkani wosapo luka‐Hamoni, utumile u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya ukuza kukubulala ubomi? Kodwa u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame ebengakolwa ngabo.
15
Waza u‐Johanane unyana ka‐Kareha wateta ku‐Gedaliya ngasese e‐Mitsipa, esiti: Mandihambe ke, ndiye ndimbulale u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, kwakungayi kubako umntu owaziyo: kunganina ukuba akubulale ubomi, nokuba onke ama‐Juda abutelweyo kuwe atiwe sa, nesisalela so‐Juda sibube?
16
Kodwa u‐Gedaliya unyana ka‐Ahikame wati ku‐Johanane unyana ka‐Kareha: Akuyi kuyenza lento, ngokuba uteta ubuxoki ngaye u‐Shimayeli.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52