bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 9
Jeremiah 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 10 →
1
Ayaba intloko yam ibingamanzi, namehlo am ebengumtombo wenyembezi, ukuba ndilile emini nasebusuku ngenxa yababuleweyo bentombi yabantu bam!
2
AKWABA ndabendinayo entlango indawo yokulalisa yabahambi! ukuba ndibashiye abantu bam, ndimke kubo: ngokuba bengabo abaṙexezi bonke, intlanganiso yabenzayo ngenkohliso.
3
Bayagoba ulwimi lwabo, njeng esipeta sabo, ngobuxoki, bengenabuṙoti ngenxa yenyaniso elizweni; ngokuba bepuma kw enye inkohlakalo baye kw enye inkohlakalo, bengazanga mna, utsho uyehova.
4
Lumkelani omnye ngomnye umhlobo wake, ningatembeli nakomnye umzalwana; ngokuba bonke abazalwana beya kulumkisa kupela, nabo bonke abahlobo bohambahamba behleba.
5
Abanye ngabanye baya kulukuhla umhlobo wabo, nenyaniso abayi kuyiteta; bafundisile ulwimi lwabo amazwi obuxoki, bayazidinisa ukwenza ngobugwenxa.
6
Intlalo yako ipakati kwenkohliso; ngayo inkohliso bayala ukwazi mna, utsho uyehova.
7
Ngako oko utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndobanyibilikisa ndibalinge; ngokuba ndingati nina ukwenza ngakumbi ngenxa yentombi yabantu bam?
8
Ulwimi lwabo lutolo olubulalayo, luyateta inkohliso; ngomlomo wabo bayateta uxolo abanye ngabanye kumhlobo wabo, kanti pakati kwabo bayabeka isilalelo sabo.
9
Andiyi kubohlwaya na ngenxa yezizinto? utsho uyehova; umpefumlo wam awuyi kuzipindezela na pezu kwesizwe esinjengesi?
10
Ndiya kuhlabela isililo nesikalo ngenxa yentaba, nesijwili ngenxa yamaṙiwa entlango; ngokuba zitshisiwe, kungeko namntu odlulayo; akuvakali ilizwi lenkomo; kwa nentaka zezulu nezilo zibalekile, zimkile.
11
Ndandiya kuyenza i‐Yerusaleme ibe zimfumba, indawo yokuhlala yempungutye; nezixeko zakwa‐Juda ndiya kuzenza ingcitakalo, kungeko ohlala kuzo.
12
Ingubanina indoda elumkileyo, ukuba iqonde oku? ungubanina nalowo umlomo kayehova utetile kuye, ukuba akuxele? kungenxa yanina ilizwe litshabalele, litshisiwe njengentlango, kungeko odlulayo?
13
Wayesiti uyehova: Ngokokuba beshiyile umteto wam endiwubekileyo pambi kwabo, bengapulapulanga ilizwi lam, bengahambanga ngawo kanjalo;
14
koko belandele ubulukuni bentliziyo yabo, nabo o‐Bali, oko bebekufundiswa ngoyise babo:
15
ngako oko utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kubadlisa abantu aba umhlonyane, ndibaseze amanzi enyongo.
16
Ndobati sa pakati kwabaheyideni, abebengabazi, kwa bona noyise babo; ndandiya kutuma emva kwabo iṙele, ndide ndibagqibele.
17
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Gqalani, nibabize abalilikazi, ukuba beze; namalumkokazi niwatumele ukuba eze.
18
Ewe, mabanxa̔me basihlabelele isikalo, ukuze amehlo etu atyityizele ngenyembezi, nenkope zetu zitontsele amanzi.
19
Ngokuba ilizwi lesikalo livakala livela e‐Ziyone: Hai ukucitakaliswa kwetu! sidanile kakulu; ngokokuba sishiyile ilizwe, ngokokuba bewisile intlalo zetu.
20
Yivani kodwa, bafazi! ilizwi likayehova, iti indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wake; nize nifundise intombi zenu isikalo, nabanye ngabanye mabafundise umlinganekazi wabo isililo.
21
Ngokuba ukufa kunyukele ezifenstileni zetu, kungenile ezingxandeni zetu; kusika intsapo ngapandle, n amadodana ezitarateni.
22
Teta, utsho uyehova ukuti: Ewe, izidumbu zabantu ziya kuwa, njengobulongo, pezu kwobuso bomhlaba; nanjengesitungu emva kwomvuni, kungeko osibutayo.
23
Utsho uyehova ukuti: Isilumko masingaqa̔yisi ngobulumko baso, neṙoti malingaqa̔yisi ngobuṙoti balo; isityebi masingaqa̔yisi ngobutyebi baso;
24
koko lowo uqa̔yisayo makaqa̔yise ngoku, ukuba andiqonde andazi mna, ukuba ndi nguyehova, owenza ububele, nobugwebo, nobulungisa, emhlabeni; ngokuba ezizinto ndizitanda, utsho uyehova.
25
Bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ndiya kubohlwaya bonke abalukileyo ndawonye nabangalukileyo:
26
o‐Jipete, no‐Juda, no‐Edome, nosapo luka‐Hamoni, no‐Mowabi, nabo bonke abanqunyulwe amancam odevu, abahlala entlango; ngokuba zonke ezi zizwe zingabangalukileyo, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli ingabangalukileyo ngentliziyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52