bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 6
Jeremiah 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 7 →
1
Yenzani intsabo, lusapo luka‐Benjamine! kwa pakati kwe‐Yerusaleme; nivutele ngexilongo e‐Tekoha, nipakamise umqondiso womlilo e‐Bete?-?kereme: ngokuba ilishwa libonakala livela enode, nembujiswa enkulu.
2
Ndiya kutshabalalisa intombi yase‐Ziyone, eyinzwakazi ebubetyebetye.
3
Abalusi baya kuza kuyo, kwa nemihlambi yabo; baya kumisa intente zabo ngakuyo ngento engqongayo; baya kwalusa abanye ngabanye endaweni yabo.
4
Lungisani ukulwa ngakuyo; sukani, sinyuke emini enkulu: hai usizi lwetu! ngokuba imini isangene, ngokuba amatunzi okuhlwa olukile.
5
Sukani, sinyuke ebusuku, sicite ingxande zayo.
6
Ngokuba etshilo uyehova wemikosi ukuti: Nqumlani imiti, niposele udonga ngakuyo i‐Yerusaleme: siso isixeko esifanele ukwohlwaywa sipela; imbandezelo ipakati kwaso.
7
Njengokuba umtombo umpompozisa amanzi awo, kwa njalo yona iyampompozisa inkohlakalo yayo; ubudlwengu nokubada kuyaviwa kuyo; intlungu namanxeba apambi kwam futi.
8
Yiba ufundiswa, Yerusaleme! hleze umpefumlo wam uqipukelane nawe; hleze ndikwenze ingcitakalo, ilizwe elingemiwayo.
9
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Baya kugqibela ukusibikica, njengomti weveyine, isisalela so‐Sirayeli; sibuyisele ezityeni isandla sako, njengomvuni wedreyive.
10
Ndiya kuteta kobanina, ndibayale, ukuba beve? bona ke, indlebe yabo iyengalukileyo, baze bakohlwe kukupulapula; bona ke, ilizwi likayehova lisisigxekwa kubo; abanyamekeli lona.
11
Ngako ndizele bubuṙalaṙume bukayehova, ndidiniwe kukunyamezela; ndobugalela pezu kwabantwana ngapandle, napezu kwesihlelo samadodana kunye: okunene kwa nendoda nomfazi baya kubanjwa, omdala nalowo uzeleyo yimihla.
12
Izindlu zabo ziya kujikiselwa kwabanye, amasimi nabafazi kwa kunye: ngokuba ndiya kwolula isandla sam pezu kwabemi belizwe, utsho uyehova.
13
Ngokuba, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, bonke bebawela inzuzo engalungileyo; kanjalo kwa kuye umprofite kude kube kuye umperisite, bonke bayenza ngobuxoki.
14
Ngokuba bepilisa isapuko sentombi yabantu bam ngendawo elula, besiti: Uxolo, uxolo; nxa kungeko luxolo.
15
Bebedanile na, ngokokuba benzile into eyintshontsho? Abake badana nakanye, abakwazi nokuva intloni: ngako oko baya kuwa pakati kwabo abawayo; ngexesha ndibohlwayayo boku̔beka, utsho uyehova.
16
Utsho uyehova ukuti: Yimani ezindleleni, nikangele, nibuzele imizila yakudala, ipina ke indlela elungileyo, nihambe kuyo, naniya kufumanela imipefumlo yenu ukwonwaba. Kodwa bati: Asiyi kuhamba kuyo.
17
Kanjako ndamisa pezu kwenu abalindi, besiti: Pulapulani kuyo intlokoma yexilongo. Kodwa bati: Asiyi kupulapula.
18
Ngako oko, yivani, zizwe! wazi ke, ntlanganiso! into epakati kwabo.
19
Yiva, mhlaba! bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwababantu, isixakato sawabo amaqinga; ngokuba bengawapulapulanga amazwi am, nomteto wam bawulahlile.
20
Yinto nina ke kum, ukuba intlakamhlope ivela e‐Sheba, nekalame emnandi ezweni elikude? Amadini okutshiswa enu akakolekile, nemibingo yenu ayiyolile kum.
21
Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kubekela ababantu iziku̔bekiso, babeya kuku̔beka pezu kwazo oyise nonyana kwa kunye, ummelwane nomhlobo wake, babube.
22
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, abantu baya kuza bevela elizweni lasenode, isizwe esikulu siya kuvuswa emacaleni omhlaba.
23
Bapete isipeta nomkonto, babukali, bengenanceba; ilizwi labo liyagquma njengolwandle, bayakwela pezu kwamahashe; sebecwangcisiwe, njengamadoda ecwangcis elwe ukulwa, ngakuwe, ntombi yase‐Ziyone!
24
Sivile udumo lwabo, izandla zetu zipolelwe; ututumbelo lusibambile, ubuhlungu njengobomfazi oza kuzala.
25
Ningapumeli endle, ningahambi endleleni kanjalo; ngokuba utshaba lunesiṙele, isoyikiso singamacala onke.
26
Ntombi yabantu bam! binqa ngentlakantlaka, uqikaqikeke elututwini; zenzele isililo njengesenzelwa umntwana oyedwa, isijwili esiṙaṙa kunene, ngokuba umfaci eya kuza pezu kwetu ngokuzuma.
27
Ndikumisile ube ngumlingi pakati kwabantu bam, n enqaba, ukuze uyazi uyilinge indlela yabo.
28
Bonke bangabapambuki abagqitisileyo ngokupambuka, bayahambahamba behleba; balubedu nesincete; bangabo abonakalisi bonke.
29
Imfuto itshisiwe, ilode igqityiwe ngumlilo; umcokisi ufumana ecokisa, ngokuba abakohlakeleyo bengakunyulwa.
30
Baya kubizwa ngokuti yisilivere elahliweyo; ngokuba uyehova ebalahlile.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52