bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 4
Jeremiah 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 5 →
1
Ukuba uya kubuya, Sirayeli! utsho uyehova, buyela kum; nokuba uya kukwelelisa izinto zako ezizondekileyo kwa pambi kwam, akuyi kuba libadubadu.
2
Wauya kufunga ngokuti: Ehleli nje uyehova! ngenyaniso, ngobugwebo, nangobulungisa; zaye izizwe ziya kuti zinetamsanqa kuye, nakuye ziya kuqa̔yisa.
3
Ngokuba esitsho uyehova kumadoda akwa‐Juda nakwi‐Yerusaleme nkuti: Ziku̔beleleni umhlaba olifusi, ningahlwayeli pakati kwenkanga.
4
Zaluseni kuyehova, nisuse amajwabu entliziyo yenu, nina madoda akwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme! hleze bupume ubuṙalaṙume bam njengomlilo, butshe, kungabiko obucimayo, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zenu.
5
Xelani kwa‐Juda, nivakalise e‐Yerusaleme; niti: Vutelani ixilongo elizweni; dandulukani kakulu, niti: Zihlanganiseni, siye singene ezixekweni ezinqatyisiweyo.
6
Pakamisani ibanile e‐Ziyone; yenzani intsabo, ningemi; ngokuba ndiza kuvelisa ilishwa enode, nembujiswa enkulu.
7
Ingonyama iyanyuka eludadeni lwayo, nomtshabalalisi wezizwe selendulukile; upumile endaweni yake ukuza kulenza ilizwe lako ingcitakalo; izixeko zako ziya kucitwa, zingabi nabemi.
8
Ngenxa yoku binqani ngentlakantlaka, yenzani isijwili, nilile; ngokuba ingqumbo eshushu kayehova ingabuyi kuti.
9
Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, intliziyo yokumkani iya kububa, nentliziyo yenkosana; abaperisite bomangaliswa, nabaprofite boti nqa.
10
Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! ngenyaniso ukohlisile kakulu abantu aba, ne‐Yerusaleme, usiti: Niya kuba noxolo; kanti iṙele liyafikela ebomini.
11
Ngeloxesha kuya kutiwa kwababantu nakwi‐Yerusaleme: Umoya ofudumeleyo wasezindaweni ezipezulu entlango, ngakuyo intombi yabantu bam, kungekukuba wele, kungekukuba ucokise kanjalo;
12
umoya ozeleyo pezu kwonjalo wondizela: kaloku kanjalo ndiya kuteta imigwebo yam ngakubo.
13
Bona ke, njengamafu uya kunyuka, nanjengesaqwiti inqwelo zake; amahashe ake anamendu pezu kwenkozi. Hai usizi lwetu! ngokuba sicitakaliswa.
14
Hlanza intliziyo yako enkohlakalweni, Yerusaleme! ukuze usindiswe: kude kube ninina aya kuhlala pakati kwako amaqinga ako angendawo?
15
Ngokuba ilizwi lixela livela e‐Dane, lishumayela ubunzima livela entabeni yakwa‐Frayime.
16
Bikani ezizweni, bona ke, shumayelani pezu kwe‐Yerusaleme, ukuti: Abalaleli bavela elizweni elikude, abaku̔pa ilizwi labo ngakuzo izixeko zakwa‐Juda.
17
Njengabalindi bentsimi, boba ngakuyo ngento engqongayo; ngokuba ivukele ngakum, utsho uyehova.
18
Indlela yako, nezenzo zako zikwenzele ezi zinto: yiyo le inkohlakalo yako; ngenyaniso iṙaṙa, ngenyaniso iyafikela entliziyweni.
19
Amatumbu am! amatumbu am! ndinokututumba ezindongeni zentliziyo yam; intliziyo yam iyancwina pakati kwam; andingeti cwaka; ngokuba intlokoma yexilongo uyivile, mpefumlo wam! umemezo lwokulwa.
20
Isapuko pezu kwesapuko siyashunyayelwa; ngokuba ilizwe lonke licitakaliswa; ngesiqupe ziyacitakaliswa intente zam, na ngepanyazo izikuselo zam.
21
Kude kube ninina ndiya kuyibona ibanile, ndiyive nentlokoma yexilongo?
22
Ngenyaniso abantu bam banyabile; mna abandazi; balusapo oludolileyo; abanakuqonda: balumkile ukwenza okukohlakeleyo, kodwa ukwenza okulungileyo abakwazi.
23
Ndakangela ilizwe, kekaloku bona ke, belibugxwayiba belizé; kwa nezulu, kodwa bekungeko ukukanya kwalo.
24
Ndakangela intaba, kekaloku bona ke, bezingcangcazela, nazo zonke induli zadidiza.
25
Ndakangela, kekaloku bona ke, bekungeko namntu, nazo zonke intaka zezulu zibe zibalekile.
26
Ndakangela, kekaloku bona ke, umhlaba ocu̔mileyo ubuyintlango; nazo zonke izixeko zawo bezicitiwe pambi kwoyehova, pambi kwobushushu bengqumbo yake.
27
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Ilizwe lonke loba yingcitakalo; kodwa andiyi kukwenza ukugqitywa noko.
28
Ngenxa yoku umhlaba uya kulila, namazulu pezulu oba mnyama; ngenxa yokuba ndikutetile, ndikucingile, ndingayi kuba nosizi, ndingayi kuguquka kuko kanjako.
29
Ngesandi sabakweli bamahashe nabatoli ziya kubaleka zonke izixeko; baya kungena ezindadeni, bakwele emaweni: zonke izixeko ziya kushiywa, kude kungabiko mntu ohlala kuzo.
30
Nawe ocitakalisiweyo! uya kwenza nto nina? nakuba uzivatisa ngento ebomvu, nakuba uzihomba ngezihombo zegolide, nakuba uṙazula amehlo ako ngeqabo, wofumana uzenza mhle; abatandwa bako bokudela, baya kufuna ubomi bako.
31
Ngokuba ndivile ilizwi njengelomfazi oza kuzala, e lotutumbelo njengolwozibulayo, ilizwi lentombi yase‐Ziyone: iyabefuza, iyatwabulula izandla zayo, isiti: Hai ke usizi lwam! ngokuba umpefumlo wam udiniwe ngababulali.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52