bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 38
Jeremiah 38
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 39 →
1
Kekaloku u‐Shefatiya unyana ka‐Matane, no‐Gedaliya unyana ka‐Pashure, no‐Yukali unyana ka‐Shelemiya, no‐Pashure unyana ka‐Malekiya, beva amazwi abetetiwe ngu‐Jeremiya kubo bonke abantu, esiti:
2
Utsho uyehova ukuti: Lowo usalayo kwesisixeko, wobuba ngesiṙele, ngendlala, nangesifo esibubisayo; kodwa lowo upumela kuwo ama‐Kaledine, uya kupila; ewe, ubomi bake boba lixoba kuye, waeya kupila.
3
Utsho uyehova ukuti: Esisixeko siya kunikelwa ngokwenyaniso esandleni sempi yokumkani we‐Babilone, eya kusibamba.
4
Ngako inkosana zati kukumkani: Mayifiswe ke indoda le, ngokuba ngokunjalo inqenisa izandla zamadoda okulwa aseleyo kwesisixeko, nezandla zabantu bonke, ngokuteta kubo njengalamazwi: ngokuba lendoda ingafuneli ababantu uxolo, kodwa ububi.
5
Wayesiti ukumkani u‐Zedekiya: Nantsiya isesandleni senu; ngokuba engenguye ukumkani ongayenzayo into ngakuni.
6
Zandula zamtabata u‐Jeremiya, zamposa emnxunyeni ka‐Malekiya unyana ka‐Hameleke, obusenkundleni yentolongo; zaye zimhlisa u‐Jeremiya ngentambo: nasemnxunyeni lowo bekungeko amanzi, kodwa udaka; waza watshona u‐Jeremiya eludakeni.
7
Kekaloku akuva u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya, omnye wabatenwa obesendlwini yokumkani, ukuba bafakile u‐Jeremiya emnxunyeni, nokuba ukumkani uhleli esangweni lika‐Benjamine,
8
wapuma ke u‐Hebedi‐meleke endlwini yokumkani, waya wateta kukumkani, esiti:
9
Nkosi yam kumkani! lamadoda enze ngokukohlakeleyo ngako konke akwenzileyo ku‐Jeremiya umprofite, lowo amposileyo emnxunyeni; waeya kufa ngokulamba endaweni yake, ngokuba kungaseko isonka esixekweni.
10
Waza ukumkani wamyalela u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya, ngokuti: Tabata nawe kwa lapa amadoda abe ngamashumi matatu, uye umnyuse u‐Jeremiya umprofite emnxunyeni engekafi.
11
Wasuka u‐Hebedi‐meleke watabata naye amadoda lawo, waya endlwini yokumkani ngapantsi kwenkambili yendyebo, wasusa kona amajacu engubo eziṙazukileyo, namajacu engubo ezigugileyo, wazihlisela ku‐Jeremiya emnxunyeni ngentambo.
12
Wayesiti u‐Hebedi‐meleke um‐Tiyopiya ku‐Jeremiya: Kaubeke la majacu engubo eziṙazukileyo nezigugileyo pantsi kwamakwapa ako, ngapantsi kwentambo: wenje njalo ke u‐Jeremiya.
13
Baza bamr̔ola u‐Jeremiya ngentambo, bamnyusa emnxunyeni; waye u‐Jeremiya wahlala enkundleni yentolongo.
14
Waza watuma ukumkani u‐Zedekiya, wamtabatela kuye u‐Jeremiya umprofite emnyango wesitatu, obusendlwini kayehova; wayesiti ukumkani ku‐Jeremiya: Ndokubuza indawo, zungandifihleli nto.
15
Waza u‐Jeremiya wati ku‐Zedekiya: Nxa ndikuxelelayo, akuyi kuqinisa ukundifisa na? nanxa ndikunika icebo, akuyi kupulapula kum.
16
Wandula ukumkani u‐Zedekiya wafunga ku‐Jeremiya ngasese, esiti: Ehleli nje uyehova, lowo osenzele lompefumlo, andiyi kukufisa, kanjako andiyi kukunikela esandleni salamadoda abufunayo ubomi bako.
17
Waza u‐Jeremiya wati ku‐Zedekiya: Utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ukuba uya kupumela kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone ngokuvuma, umpefumlo wako uya kupila, nesixeko esi asiyi kutshiswa ngomlilo; ewe, uya kupila, wena nendlu yako.
18
Kodwa ukuba akuyi kupumela kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone, sesiya kunikelwa isixeko esi esandleni sama‐Kaledine, aya kusitshisa ngomlilo; nawe akuyi kusinda esandleni sawo.
19
Waza wati ukumkani u‐Zedekiya ku‐Jeremiya: Ndiyoyika ama‐Juda apongomeleyo kuwo ama‐Kaledine, hleze andinikele esandleni sawo, adlale ngam.
20
Koko u‐Jeremiya wati: Akayi ku ku nikela; live ke ilizwi likayehova ngoko endikuteta kuwe, ukuba kulunge kuwe, nokuba umpefumlo wako upile.
21
Kodwa ukuba uyala ukupuma, leli ilizwi uyehova undibonisile lona, lokuti:
22
Bona ke, bonke abafazi, abaseleyo endlwini yokumkani wo‐Juda, baya kupunyiselwa kuzo inkosana zokumkani we‐Babilone; abaya kuti: Abahlobo bako bakuhendile, bakweyisile; inyawo zako zitshonile eludakeni, bona bahlehlile ngomva.
23
Nabo bonke abafazi bako, nabantwana bako, bobapumisela kuma‐Kaledine, nawe akuyi kusinda esandleni sawo; ngokuba uya kubanjwa ngesandla sokumkani we‐Babilone, nesixeko esi uya kusitshisa ngomlilo.
24
Waza u‐Zedekiya wati ku‐Jeremiya: Makungaziwa mntu lamazwi, uze ungafi.
25
Kodwa ukuba inkosana ziya kuva okokuba nditetile nawe, zize kuwe, ziti nokuti kuwe: Sixelele ke into uyitetileyo kukumkani, ungayifihli kuti, sasingayi kukufisa; kwa nento ukumkani ayitetileyo kuwe;
26
uya kwandula uti kuzo: Ndabeka isitaṙuziso sam ebusweni bokumkani, sokuba makangandibuyiseli endlwini ka‐Jonatane, ndifele kona.
27
Zasuka zonke inkosana zeza ku‐Jeremiya, zambuza; wati yena wazixelela njengawo onke lamazwi abewayalelwe ngukumkani; zada zamyeka, ngokuba indawo ibingaviwanga.
28
Kwa njalo u‐Jeremiya wahlala enkundleni yentolongo, kwada kwangumhla i‐Yerusaleme ibibanjwa ngawo: kanjako waye kona okuya i‐Yerusaleme yabanjwa.
← Chapter 37
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 39 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52