bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 7
Jeremiah 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 8 →
1
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti:
2
Yima esangweni lendlu kayehova, ushumayele kona elilizwi, uti: Yivani ilizwi likayehova, nonke nina bakwa‐Juda! abangenayo ngalamasango ukuza kubedesha uyehova.
3
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Lungisani indlela zenu nezenzo zenu, ndandiya kunihlalisa kulendawo.
4
Ningatembeli kuwo amazwi obuxoki, nisiti: Itempile kayehova, itempile kayehova, itempile kayehova, zizo ezi.
5
Koko, ukuba niya kulungisa ngenyaniso indlela zenu nezenzo zenu; ukuba niya kwenza ngenyaniso okufanelekileyo pakati kwomntu nommelwane wake;
6
ukuba aniyi kubandezela owasemzini, n enkedama, nomhlolokazi, ningapalazi igazi elingenatyala kulendawo, ningalandeli otixo bambi kube kukwenzakala kwenu;
7
ndiya kwandula ndinihlalise kulendawo, elizweni endalinikayo koyihlo benu, kude kube ngunapakade kanapakade.
8
Bona ke, niyatembela kuwo amazwi obuxoki, lawo angenakunceda.
9
Niya kuba̔ na, nibulale, niṙexeze, nifunge ngobuxoki, niqu̔misele u‐Bali, nilandele otixo bambi eningabaziyo;
10
nize noko na, nime pambi kwam kulendlu, ebizwayo ngegama lam, niti: Sikululwe; ukuze nizenze zonke ezizinto ezibuntshontsho nje?
11
Kanene indlu le, ebizwayo ngegama lam, iba ngumqolomba wamanyangaza emehlweni enu na? Ewe, bona ke, ndibonile mna, utsho uyehova.
12
Koko hambani ke niye endaweni yam ebise‐Shilo, apo ndamisa kona igama lam ekuqaleni, nibone oko ndakwenza kuyo ngenxa yenkohlakalo yabantu bam o‐Sirayeli.
13
Nakaloku, ngokokuba niyenzile yonke lemisebenzi, utsho uyehova, ndaza ndateta kuni, ndivuka kusasa nditeta, kanti nibe ningeva; ndanibiza, kanti nibe ningasabeli;
14
kukona ndiya kwenza kulendlu ibizwayo ngegama lam, enitembela kuyo, nakuyo indawo endayinikayo kuni nakoyihlo benu, njengoko ndikwenzele i‐Shilo.
15
Ndandiya kunilahla ebusweni bam, njengokuba ndibalahlile bonke abazalwana benu, yonke inzalo ka‐Frayime.
16
Ngako wena ungatandazeli ababantu, ungabapakamiseli isikalo nesitandazo, ungandibongozi kanjako; ngokuba ndingayi kukuva.
17
Akukuboni na oko bakwenzayo ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme?
18
Abantwana bayateza inkuni, noyise bayapemba umlilo, nabafazi bayabuca intlama, ukwenza izonkana kukumkanikazi wezulu, nokutululela otixo bambi iminikelo yokusela, ukuze bandiqumbise.
19
Ndim na bamqumbisayo? utsho uyehova; asi ngabo bona na, kube kukudana kwobabo ubuso?
20
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ingqumbo yam nobuṙalaṙume bam buya kugalelwa pezu kwalendawo, pezu kwabantu napezu kwezilo, napezu kwemiti yasendle, napezu kwesiqa̔mo somhlaba; babuya kutsha, bungacinywa.
21
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yongezani amadini okutshiswa enu kuyo imibingo yenu, nitye inyama.
22
Ngokuba bendingateti noyihlo benu, bendingabayaleli kanjako, emhleni ndabanyusayo elizweni le‐Jipete, ngendawo zamadini okutshiswa nemibingo;
23
koko lento ndabendibayalela ngayo, ndisiti: Pulapulani ilizwi lam, ndandiya kuba ngutixo wenu, noti nina nibe ngabantu bam: kanjalo hambani kuyo yonke indlela endiya kuniyalela ngayo, ukuze kulunge kuni.
24
Abapulapula noko, abatoba indlebe yabo kanjako, kodwa bahamba ngamacebo na ngobulukuni bentliziyo yabo ekohlakeleyo, baya ngomva, benga yanga ngapambili.
25
Kuselokwalomhla bapumayo oyihlo benu elizweni le‐Jipete, kwada kwanamhla nje, nditumile kuni zonke izicaka zam abaprofite, imihla ngemihla ndivuka kusasa nje ndizituma.
26
Abapulapula kum noko, abatoba indlebe yabo kanjako, kodwa bayenza lukuni intamo yabo; benza ngokukohlakeleyo ngapezu kwoyise babo.
27
Nakuba uwateta kubo onke lamazwi, abayi kupulapula kuwe noko; nakuba ubizayo kubo, abayi kusabela kuwe.
28
Ngako woti kubo: Esi sisizwe esingapulapuliyo ilizwi likayehova, utixo waso; esingayamkeli imfundiso kanjako: ibubile inyaniso, inqamkile emlonyeni wabo.
29
Gugula inwele zako, uzilahle, upakamise isililo pezu kwezipezulu indawo; ngokuba uyehova esikalele wasibukula isizukulwana somsindo wake.
30
Ngokuba usapo luka‐Juda lwenzile okukohlakeleyo emehlweni am, utsho uyehova: lubekile izinto zalo ezibuntshontsho kulondlu ibizwayo ngegama lam, ukuyinco̔lisa.
31
Kanjalo lwakile indawo ezipakamileyo zase‐Tofete, esesihlanjeni sonyana ka‐Hinome, ukuba lutshise onyana balo nentombi zalo emlilweni; into endingayiyalelanga, nengangenanga entliziyweni yam.
32
Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ingasayi kubizwa ngokuti yi‐Tofete, nesihlambo sonyana ka‐Hinome, koko iya kubizwa ngokuti sisihlambo sobulalo; ngokuba beya kuncw̔aba e‐Tofete, kude kungabi sabiko indawo.
33
Nezidumbu zababantu zoba kukutya ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba, kungeko ozitusayo.
34
Ndandiya kupezisa ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, ilizwi lomgcobo nelizwi lovuyo, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi; ngokuba ilizwe loba yintshabalalo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52