bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 44
Jeremiah 44
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 45 →
1
Ilizwi elezayo ku‐Jeremiya ngawo onke ama‐Juda abehlala elizweni le‐Jipete, abehlala e‐Migidole, nase‐Tahapanesi, nase‐Nofe, nasezweni le‐Patrose, lisiti:
2
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Nibonile lonke ilishwa endilizisileyo pezu kwe‐Yerusaleme, napezu kwazo zonke izixeko zakwa‐Juda; kekaloku bona ke, ziyingcitakalo namhla nje, kungeko ohlala kuzo;
3
ngenxa yenkohlakalo yabo abayenzileyo ukundiqumbisa, ngokuya ukuqu̔misa, n okukonza otixo bambi, abo abangabazanga, bona, nani, noyihlo benu.
4
Ndandituma kuni zonke izicaka zam abaprofite, ndivuka kusasa ndizituma, ndisiti: Zeningayenzi ke lento ebuntshontsho endiyitiyayo.
5
Abapulapulanga noko, abatobelanga indlebe yabo kanjalo, ukuguquka kuyo inkohlakalo yabo, ukuba bangaqu̔miseli otixo bambi.
6
Ngako batululwa ubuṙalaṙume bam nengqumbo yam, obatshayo ezixekweni zakwa‐Juda nasezitarateni ze‐Yerusaleme, zada zaba yingcitakalo nentshabalalo, njengokwanamhla nje.
7
Ngako kaloku, utsho uyehova, utixo wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Kunganina ukuba niyenza inkohlakalo enkulu kangaka ngakuyo imipefumlo yenu, ukuba ninqanyulwe, indoda nomfazi, umntwana nosana, pakati kwo‐Juda, nide ningashiyelwa isisalela;
8
ngokundiqumbisa ngemisebenzi yezandla zenu, ngokuqu̔misela otixo bambi elizweni le‐Jipete, apo nize ukupambukela kona, ukuze ninqanyulwe, nokuze nibe sisiqalekiswa nesigxekwa pakati kwezizwe zonke zomhlaba?
9
Senilibele na izikohlakalo zoyihlo benu, nezikohlakalo zokumkani bo‐Juda, nezikohlakalo zabafazi babo, nezenu izikohlakalo, nezikohlakalo zabafazi benu, ezona bazenzileyo elizweni lakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme?
10
Abagqobokanga kwada kwanamhla nje, aboyikanga nokwoyika, abahambanga emtetweni wam kanjako, nasemimisweni yam, endandiyibeka pambi kwenu, napambi kwoyihlo benu.
11
Ngako oko, utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kubeka ubuso bam ngakuni kube kokubi, nokuba ndibanqamle o‐Juda bonke.
12
Ewe, ndiya kutabata isisalela so‐Juda, abo babubekisile ubuso babo ukuza elizweni le‐Jipete ukupambukela kona, babeya kugqitywa bonke; elizweni le‐Jipete baya kuwa ngesiṙele, baya kugqitywa ngendlala, kwa kuye omncinane kude kube kuye omkulu; ngesiṙele nangendlala baya kufa; babeya kuba yinto yokunywebelelwa, n eyokutelwa nqa, nesiqalekiswa, nesigxekwa.
13
Ngokuba ndiya kubabeta abo bahleli elizweni le‐Jipete, njengokuba ndiyibetile i‐Yerusaleme, ngesiṙele, na ngendlala, nangesifo esibubisayo:
14
kude kungabiko osindileyo noseleyo kwisisalela so‐Juda, abazileyo ukupambukela kona elizweni le‐Jipete, abaya kubuyela kulo ilizwe lakwa‐Juda, elo balangazelelayo ukubuyela kulo, ukuba bahlale kona; ngokuba bengayi kubuya, kupela ngabasindayo.
15
Aza onke omadoda abesazi ukuba abafazi bawo baqu̔misele otixo bambi, nabo bonke abafazi abebemi ngakona, umhlambi omkulu, nabo bonke abantu abebehlala elizweni le‐Jipete, e‐Patrose, bampendula u‐Jeremiya, besiti:
16
Ilizwi ulitetileyo kuti egameni likayehova, asiyi kupulapula kuwe.
17
Koko siya kukwenza ngenyaniso konke okusukuba kupuma emlonyeni wetu, ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, njengokuba senje njalo, tina nobawo betu, okumkani betu nenkosana zetu, ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme; okuya sibe sihluti sisonka, sibe sinyamnyekile, nelishwa besingaliboni.
18
Kodwa kuseloko sayekayo ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, siswele izinto zonke, sigqityiwe ngesiṙele nangendlala.
19
Naxeshekweni sibe siqu̔misela ukumkanikazi wezulu, samtululela iminikelo yokusela, bekungapandle kwamadoda etu na, ukuba samenzela izonkanyana ukumbedesha, nokuba samtululela iminikelo yokusela?
20
Waza wateta u‐Jeremiya kubo bonke abantu, kuwo amadoda, nakubo abafazi, nakubo bonke abantu abebempendule ngelizwi elo, esiti:
21
Isiqu̔miso enanisiqu̔misa ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, nina noyihlo benu, okumkani benu nenkosana zenu, nabantu belizwe, asi siso na esikunjulweyo nguyehova, nesangenayo entliziyweni yake?
22
Waye uyehova wayengasenako ukunyamezela inkohlakalo yezenzo zenu, izinto ezibuntshontsho enazenzayo; ngako ilizwe lenu laba yingcitakalo, nento yokutelwa nqa, nesiqalekiswa, lingenabemi, njengokwanamhla nje.
23
Ngenxa yokuba niqu̔misile, nokuba nonile ngakuye uyehova, ningalivanga ilizwi likayehova, ningahambanga nokuhamba emtetweni wake, nasemimisweni yake, nasezinqi̔nelweni zake, kukona nihlelwe lilishwa eli, njengokwanamhla nje.
24
Walekela u‐Jeremiya wati kubo bonke abantu, nakubo bonke abafazi: Yivani ilizwi likayehova, nonke nina bo‐Juda abaselizweni le‐Jipete!
25
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, esiti: Nina, nabafazi benu, senitetile ngemilomo yenu, nazalisekisa ngezandla zenu, nisiti: Siya kufeza ngenyaniso izibambiso zetu esibambisile ngazo, zokuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela; izibambiso zenu baya kuziqinisa ngenyaniso, ewe, izibambiso zenu baya kuzifeza ngenyaniso.
26
Ngako oko yivani ilizwi likayehova, nonke nina bo‐Juda abahleli ezweni le‐Jipete! Bona ke, ndifungile igama lam elikulu, utsho uyehova, ukuba igama lam aliyi kubuya libizwe ngumlomo wenye indoda yakwa‐Juda, kulo lonke ilizwe le‐Jipete, isiti: Ihleli nje inkosi e nguyehova!
27
Bona ke, ndiya kulinda pezu kwabo kube kokubi, kungabi kokulungileyo; aye onke amadoda akwa‐Juda aselizweni le‐Jipete eya kugqitywa ngesiṙele nangendlala, ade apeliswe.
28
Kodwa abasindileyo kwisiṙele baya kubuya elizweni le‐Jipete baye elizweni lakwa‐Juda, bebancinane inani labo; baze bonke abesisalela so‐Juda, abangenileyo e‐Jipete ukuza kupambukela kona, bazi lelikabanina ilizwi eliya kuma, elam, elabo kusinina.
29
Nguwo lo oya kuba ngumqondiso kuni, utsho uyehova, wokuba ndiya kunibeta kulendawo, ukuze nikwazi okokuba amazwi am aya kunimela ngokwenyaniso kube kokubi:
30
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunikela u‐Faro Hofera, ukumkani we‐Jipete, esandleni sentshaba zake, nesesandleni sabo ababufunayo ubomi bake, njengokuba ndanikela u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, utshaba lwake, nowafuna ubomi bake.
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 45 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52