bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 21
Jeremiah 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 22 →
1
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, nxa ukumkani u‐Zedekiya watuma u‐Pashure unyana ka‐Malekiya, no‐Tsefaniya unyana ka‐Mahaseya umperisite, baye kuye ukuti:
2
Sibuzele ke kuyehova; ngokuba u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone esenza imfazwe ngakuti: kungati uyehova wosenzela njengayo yonke imimangaliso yake, ukuze anyuke kuti.
3
Waza u‐Jeremiya wati kubo: Niya kutsho ku‐Zedekiya ukuti:
4
Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kujikisa izixo̔bo zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwayo ngazo ngakuye ukumkani we‐Babilone, nangakuwo ama‐Kaledine, aniṙaulayo ngapandle kwendonga; ndandiya kuwahlanganisa pakati kwesisixeko.
5
Ndiya kulwa ngakuni nam, ngesandla esolulweyo, nangengalo eyomeleleyo, nangengqumbo, nangobuṙalaṙume, nangomsindo omkulu.
6
Ndandiya kubeta abemi besisixeko, kwa nabantu nezilo; baya kufa ngesifo esikulu esibubisayo.
7
Nasemva kwoko, utsho uyehova, ndobanikela u‐Zedekiya ukumkani wo‐Juda, nezicaka zake, nabantu, nabo baseleyo kwesisixeko besindile kuso isifo esibubisayo, na kulo iṙele, nakuyo indlala, esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, nasesandleni sentshaba zabo, nasesandleni sabo babufunayo ubomi babo: waeya kubabeta ngohlangoti lweṙele; akayi kuba nosizi pezu kwabo, akayi kuba nanceba, akayi kuba nataṙu.
8
Nakubo ababantu uya kuti: Utsho uyehova: Bona ke, ndimisa pambi kwenu indlela yobomi, nendlela yokufa.
9
Ohlalayo kwesisixeko, uya kufa ngeṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo; kanti lowo upumayo, apongomele kuma‐Kaledine aniṙaulayo, uya kupila, nobomi bake woba nabo bube lixoba.
10
Ngokuba ndibekile ubuso bam ngakuso isixeko esi, kube kokubi, kungabi kokulungileyo, utsho uyehova; siya kunikelwa esandleni sokumkani we‐Babilone, oya kusitshisa ngomlilo.
11
Nangayo indlu yokumkani wo‐Juda, uti: Yivani ilizwi likayehova:
12
Ndlu ka‐Davide! utsho uyehova ukuti: Yenzani ukugweba kusasa, nimhlangule opangiweyo esandleni sombandezeli, hleze bupume njengomlilo ubuṙalaṙume bam, butshise kude kangabiko owucimayo, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zenu.
13
Bona ke, ndingakuwe, wena uhlalayo emhlanjeni, wena lwalwa lwetafa! utsho uyehova; eniti: Ngubanina oya kuhlela ngakuti? ngubanina noya kungena emakayeni etu?
14
Ngokuba ndiya kunohlwaya njengokwesixakato sezenzo zenu, utsho uyehova; ndandiya kupemba umlilo ehlatini layo, oya kuzidla zonke inqele zayo.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52