bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 3
Jeremiah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 4 →
1
KUTIWA: Ukuba indoda iyandulula umfazi wayo, aze emke kuyo, abe ngowenye indoda, iya kubuyela kuye kanjako na? libe lingayi kudyojwa kakulu na elozwe? kodwa wena uwenzile umbulo nabatandwa abaninzi; buyela kum noke, utsho uyehova.
2
Pakamisa amehlo ako ngakuzo indawo ezipezulu, ukangele apo kungalalwanga na nawe kona: ezindleleni ubahlalele, njengom‐Arabi entlango; waudyobile ilizwe ngemibulo yako nangenkohlakalo yako.
3
Ngako izipango zibanjiwe, kungabangako namvula yasemva; wabunebunzi lengnawokazi, wala ukuba nentloni.
4
Akuyi kubiza kwa ngoku na kum ukuti: Bawo wam! ubungumhlobo wobutsha bam wena?
5
Uya kubamba ingqumbo yake kude kube ngunapakade na? wo yi gcina ngamaxesha onke na? Bona ke, utetile, wazenza izinto ezikohlakeleyo njengokuba ubunako ukwenje njalo.
6
WAYESITI uyehova kum emihleni ka‐Josiya ukumkani: Ubonile na oko akwenzileyo u‐Sirayeli opambukileyo? Wahamba pezu kwazo zonke intaba ezinde, napantsi kwayo yonke imiti eluhlaza, wawenza umbulo kona.
7
Ndati emveni kwokwenza kwake zonke ezi zinto: Buyela kum; kanti akabuyanga; wabona oku udade wake ohanahanisayo, u‐Juda.
8
Ndaye ndibona, xeshekweni bendimndulule u‐Sirayeli opambukileyo ngenxa yako konke abeṙexezile ngako, ndamnika incwadi yokulahlwa kwake, ukuba ebengoyiki u‐Juda ohanahanisayo, udade wake, kodwa waya wawenza umbulo kwa yena.
9
Kwaza kwati, ngokuhlazeka kwombulo wake, walidyoba ilizwe, waṙexeza namatye nemiti.
10
Kanti nangenxa yoku konke, udade wake ohanahanisayo u‐Juda akabuyelanga kum ngayo yonke intliziyo yake, kodwa ngabo ubuxoki, utsho uyehova.
11
Wayesiti uyehova kum: u‐Sirayeli opambukileyo uzenze olungileyo pezu kwo‐Juda ohanahanisayo.
12
Hamba, ushumayele lamazwi ngasenode, uti: Buya, Sirayeli opambukileyo! utsho uyehova; andiyi kubuti shwa ubuso bam pezu kwenu; ngokuba ndinobubele mna, utsho uyehova, andiyi kubamba ingqumbo kude kube ngunapakade.
13
Yivume kodwa inkohlakalo yako, okokuba ugqitile ngakuye uyehova, utixo wako, nokuba ucitile indlela zako pakati kwabasemzini, ngapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza; nelizwi lam anilipulapulanga, utsho uyehova.
14
Buyani, lusapo olupambukileyo! utsho uyehova, ngokuba nditshatile nani; ndandiya kunitabata, emnye kwisixeko, nababini kwisizalwane, ndinizise e‐Ziyone;
15
ndandiya kunipa abalusi njengentliziyo yam, abaya kuninqaka ngokwazi nangokuqonda.
16
Kwakuya kuti, xeshekweni niya kwanda nicu̔me elizweni, ngemihla leyo, utsho uyehova, akusayi kubuya kutiwe: Ityeya yocebano lukayehova; ayisayi kungena nasentliziyweni; ayisayi kukunjulwa kanjalo; ayisayi kufunwa nokufunwa; ayisayi kubuya yenziwe kanjako.
17
Ngexesha elo i‐Yerusaleme iya kubizwa ngokuti yiterone kayehova; izizwe zonke zohlanganiselwa kuyo, egameni likayehova, e‐Yerusaleme: zaye zingayi kubuya zihambe ngobulukuni bentliziyo yazo ekohlakeleyo.
18
Ngemihla leyo indlu ka‐Juda iya kuhamba nendlu ka‐Sirayeli; baya kuvela kwa kunye kulo ilizwe lasenode, ukuza elizweni endandilinika koyihlo benu libe lilifa.
19
Koko bendisiti: Ndingati nina ukukubeka pakati kwosapo, nokukunika ilizwe elinqwenelekileyo, ilifa elibubuhle bobuhle bezizwe? Ndaza ndati: Uya kundibiza ngokuti: Bawo! waungayi kubuya kum.
20
Noko, njengokuba umfazi eshiya indoda yake ngenkohliso, kwa njalo nina nenze ngenkohliso ngakum, ndlu ka‐Sirayeli! utsho uyehova.
21
Ilizwi lavakala pezu kwendawo ezipezulu, ukulila n ezitaṙuziso zosapo luka‐Sirayeli, ngokokuba lutyekisile indlela yalo, nokuba lumlibele uyehova, utixo walo.
22
Buyani, lusapo olupambukileyo! ndiya kupilisa impambuko zenu. Nanku sisiza kuwe, ngokuba wena, Yehova! ungutixo wetu.
23
Ngenyaniso kufumana kufunwa ezindulini nas esininzini sentaba; ngenyaniso kukuye uyehova, utixo wetu, ukusindiswa kwo‐Sirayeli.
24
Ngokuba okuyindaniso kudlile inzuzo yobawo betu kwa sebutsheni betu; igusha zabo nenkomo zabo, onyana babo nentombi zabo.
25
Siyalala pantsi ekudaneni kwetu, nehlazo letu liyasigubungela; ngokuba sonile ngakuye uyehova, utixo wetu, tina nobawo betu, kwa sebutsheni betu kwada kwanamhla nje, singapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wetu.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52