bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 25
Jeremiah 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 26 →
1
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya ngabo bonke abantu bakwa‐Juda, ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, obunguwo umnyaka wokuqala ka‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone;
2
elona abeliteta u‐Jeremiya umprofite kubo bonke abantu bakwa‐Juda, nakubo bonke abemi base‐Yerusaleme, esiti:
3
Kwa kuwo oweshumi linesitatu umnyaka ka‐Josiya unyana ka‐Amoni ukumkani wo‐Juda, kwada kwanamhla nje, leminyaka imashumi mabini anesitatu, ilizwi likayehova libe lisiza kum; ndaye nditeta kuni, ndivuka kusasa nditeta, koko ningapulapulanga.
4
Kanjalo uyehova utumile kuni zonke izicaka zake abaprofite, evuka kusasa ezituma, kodwa anipulapulanga, nendlebe yenu aniyitobelanga ukuva.
5
Zaye zisiti: Buyani ke, omnye ngomnye endleleni yake ekohlakeleyo, nakuyo inkohlakalo yezenzo zenu, nize nihlale emhlabeni awunikileyo uyehova kuni nakoyihlo benu kude kube ngunapakade.
6
Kanjalo ningalandeli otixo bambi, ukubakonza, nokubabedesha; nam ningandiqumbisi ngomsebenzi wezandla zenu, ndize ndinganenzi ububi.
7
Anipulapulanga mna noko, utsho uyehova; ukuze nindiqumbise ngomsebenzi wezandla zenu, bube bobenu ububi.
8
Ngako oko utsho uyehova wemikosi ukuti: Ngenxa yokuba ningapulapulanga amazwi am;
9
bona ke, ndiya kutuma ndizitabate zonke izizalwane zasenode, utsho uyehova, no‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam, ndibazise ngakulo elilizwe, nangakubo abemi balo, nangakuzo zonke ezizizwe ezingqongayo, ndizilahlele ekutshabalaleni, ndizenze into yokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, nengcitakalo engunapakade.
10
Ndandiya kupelisa kuzo ilizwi lomgcobo, nelizwi lovuyo; ilizwi lomyeni, nelizwi lomtshakazi; intlokoma yamatye okusila, nokukanya kwesibane.
11
Kanjalo elilizwe lonke loba yingcitakalo, n ento yokutelwa nqa; nezizwe ezi zona ziya kukonza ukumkani we‐Babilone iminyaka engamashumi asixe̔nxe.
12
Kwakuya kuti, nxa iminyaka engamashumi asixe̔nxe izalisekile, ndiya kwohlwaya ukumkani we‐Babilone, nesizwe eso, utsho uyehova, ngenxa yokukohlakala kwabo, nelizwe lama‐Kaledine, ndimise lona libe yintshabalalo engunapakade.
13
Ndandiya kuzisa pezu kwelizwe elo onke amazwi am endiwatetileyo ngakulo; konke okuba̔liweyo kulencwadi, oko u‐Jeremiya akuprofiteshile ngakuzo zonke ezozizwe.
14
Ngokuba izizwe ezininzi nokumkani abakulu beya kuzikonzisa kwa zona; ndandiya kuzivuza njengokwokwenza kwazo, nanjengokwomsebenzi wezandla zazo.
15
Ngokuba etshilo uyehova, utixo wo‐Sirayeli, kum ukuti: Tabata indebe yeveyine yobubuṙalaṙume esandleni sam, uziseze ngayo zonke izizwe endikutumayo kuzo;
16
ukuze zisele, zingcangcazele, zigeze nokugeza, ngenxa yesiṙele endiya kusituma pakati kwazo.
17
Ndaza ndayitabata indebe esandleni sikayehova, ndaseza zonke izizwe abenditumile uyehova kuzo:
18
i‐Yerusaleme, nezixeko zase‐Juda, nokumkani bayo, nenkosana zayo, ukuzenza ingcitakalo, into yokutelwa nqa, into yokwenzelwa amakwelo, nesiqalekiswa, njengokuba kunjalo namhla nje;
19
u‐Faro ukumkani we‐Jipete, nezicaka zake, nenkosana zake, nabo bonke abantu bake;
20
nabo bonke abantu abadityanisiweyo, nabo bonke okumkani belizwe le‐Hutse, nabo bonke okumkani belizwe lama‐Filistiya, ne‐Ashekelone, ne‐Gaza, ne‐Hekrone, nesisalela sabase‐Ashedode;
21
i‐Edome, ne‐Mowabi, nosapo luka‐Hamoni;
22
nabo bonke okumkani base‐Tire, nabo bonke okumkani base‐Tsidone, nokumkani beziqiti ezipesheya kwolwandle;
23
i‐Dedane, ne‐Tema, ne‐Buze, nabo bonke abanqunyulwe amancam odevu;
24
nabo bonke okumkani base‐Arabi, nabo bonke okumkani babantu abadityanisiweyo, abahlala entlango;
25
nabo bonke okumkani base‐Zimri, nabo bonke okumkani base‐Helami, nabo bonke okumkani base‐Medi;
26
nabo bonke okumkani basenode, abakufupi nabakude, omnye kunye nomnye, nabo bonke ubukumkani bomhlaba, obupezu kwobuso behlabati: waye ukumkani we‐Sheshaki eya kusela emva kwabo.
27
Wauya kuti kubo: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Selani, ninxile, nihlanze, niwe pantsi, ningabuyi nisuke, ngenxa yesiṙele endiya kusituma pakati kwenu.
28
Kwakuya kuti, ukuba bayala ukutabata indebe esandleni sako kuselwe, uya kwandula uti kubo: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Niya kusela ngenyaniso.
29
Ngokuba, bona ke, ndiqala ukuzisa ububi pezu kwesosixeko esibizwa ngegama lam, nize nina nike nipatwe na njengokuba ningenatyala? Aniyi kupatwa njengokuba ningenatyala; ngokuba ndiya kubiza isiṙele ngakubo bonke abemi bomhlaba, utsho uyehova wemikosi.
30
Ngako wena woprofitesha ngakubo onke lamazwi, uti kubo: Uyehova uya kugquma kwa pezulu, aku̔pe ilizwi lake entlalweni yake eyingcwele; uya kugquma kakulu pezu kwekaya lake; isimemezo, njengesabaxovulayo idreyive, wosihlabela ngakubo bonke abemi bomhlaba.
31
Ingxokozelo ifikile esipelweni somhlaba; ngokuba uyehova enepike nezizwe, yena uya kupikisana noluntu lwonke; abo bakohlakeleyo uya kubanika esiṙeleni, utsho uyehova.
32
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ilishwa liya kupuma kw esinye isizwe liye kw esinye isizwe, noqwitela olukulu luya kuvuswa emacaleni omhlaba.
33
Baye ababuleweyo bakayehova beya kubako ngomhla lowo kwa kw enye incam yomhlaba kude kube kw enye incam yomhlaba; abayi kulilelwa, abayi kubutwa, abayi kuncw̔atywa, boba ngumgquba pezu kwobuso bomhlaba.
34
Lilani, nina balusi! nikale; niqikaqikeke elutulini, nina zinkosi zomhlambi! ngokuba imihla yenu yokubulawa izalisekile, nokutiwa sa kwenu, naniya kuwa njengesitya esinqwenelekileyo.
35
Yoti intsabo itshabalale kubalusi, nentsindo kwinkosi zomhlambi.
36
Kwobako ilizwi lesikalo sabalusi, nesililo senkosi zomhlambi, ngokuba uyehova ecitakalisa idlelo labo.
37
Ewe, amaṙiwa oxolo abuqiwe, ngenxa yobushushu bengqumbo kayehova.
38
Ulushiyile, njengengonyama entsha, udada lwake; ngokuba ilizwe labo liyintshabalalo, ngenxa yomsindo wombandezeli, nangenxa yobushushu bengqumbo yake.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52