bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jeremiah 30
Jeremiah 30
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 31 →
1
ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti:
2
Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ziba̔lele onke amazwi endiwatetileyo kuwe encwadini.
3
Ngokuba, bona ke, imihla isiza, utsho uyehova, nxa ndiya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bam o‐Sirayeli no‐Juda, utsho uyehova; ndandiya kubabuyisela elizweni endalinikayo koyise babo, baze balifuye.
4
Kekaloku ngawo la amazwi awatetileyo uyehova ngo‐Sirayeli nango‐Juda.
5
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Ilizwi lokunkwantyisa silivile; kuko ulwoyiko, kungeko uxolo.
6
Buzani ke, nibone, ukuba umntu oyindoda uyazala na? Kunganina ukuba ndibona amadoda onke enezandla zawo esinqeni sawo, njengomfazi oza kuzala, nokuba ubuso bonke buguqulwe baba bumhlope?
7
Au! ngokuba lowamhla umkulu, kude kungabiko ofana nawo; lixesha lobunzima ku‐Yakobi, oya kusindiswa kulo noko.
8
Ngokuba kuya kuti ngalowamhla, utsho uyehova wemikosi, ndiya kwapula iyokwe yake entanyeni yako, nezinxibo zako ndoziqaula; kanjalo abasemzini abayi kubuya bamkonzise.
9
Koko baya kukonza uyehova, utixo wabo, no‐Davide ukumkani wabo, lowo ndiya kumvusela bona.
10
Ngako wena, ungoyiki, sicaka sam Yakobi! utsho uyehova; ungetuswa, Sirayeli! ngokuba, bona ke, ndiya kukusindisa kwa kude, nenzalo yako elizweni lokutinjelwa kwako; waeya kubuya u‐Yakobi, abe nokupumla, onwabe, kungeko oya kumnkwantyisa.
11
Ngokuba ndinawe mna, utsho uyehova, ukuba ndikusindise; nangona ndikwenza ukugqitywa kuzo zonke izizwe apo ndikute sa kona, andiyi kwenzela wena ukugqitywa noko; kodwa ndiya kukwohlwaya ngokufanelekileyo, ndingagqibeli ukukuyeka ungabi natyala.
12
Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Isapuko sako sesingenakupola, isibetwa sako sibuhlungu.
13
Akuko otetelela indawo yako, kuze kubotshwe; amayeza okupolisa akako kuwe.
14
Bonke abatandwa bako bakulibele, ababuzi ngawe; ngokuba ndikubetile ngesibeto sotshaba, ngesohlwayo sonobukali, ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, ngenxa yokuba izono zako zandile.
15
Ukalela nina pezu kwesapuko sako? ubuhlungu bako bobungenakupiliswa: ngenxa yobuninzi benkohlakalo yako, ngenxa yokuba izono zako zandile, ndizenze ezizinto kuwe.
16
Noko ke, bonke abakudlayo baya kudliwa, nazo zonke intshaba zako, kwa zona zonke, ziya kuya ekutinjweni; baye abo bakupangayo beya kuba yinto yokupangwa, nabo bakufacayo ndobanikela ekufacweni.
17
Ngokuba ndiya kubuyisela ukupila kuwe, ndikupolisele amanxeba ako, utsho uyehova; ngokokuba bakubiza ngokuti uligxotwakazi, besiti: Yi‐Ziyone le, ekungeko obuzayo ngayo.
18
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kubuyisa ukutinjwa kwentente zika‐Yakobi, ndibe netaṙu pezu kwentlalo zake; isixeko siya kwakiwa pezu kweyaso imfumba, nendlukazi, iya kumiwa ngesiko layo.
19
Kwakuya kupuma kuzo umbulelo, nelizwi labanemigcobo: ndiya kubandisa, abayi kuncitshiswa; ndandiya kubenza babekwe, abayi kudelwa.
20
Abantwana babo nabo boba njengokwapambili, nentlanganiso yabo yomiswa pambi kwam; ndandiya kubohlwaya bonke abancinezeli babo.
21
Kanjalo usongcwalisa wabo woba ngowakubo, nompati wabo uya kupuma kwa pakati kwabo; ndiya kumsondeza, waeya kuza kufupi kum: pofu ngubanina lo oyibambisileyo intliziyo yake ukuza kufupi kum? utsho uyehova.
22
Naniya kuba ngabantu bam, ndoti mna ndibe ngutixo wenu.
23
Bona ke, uqwitela lukayehova lupumile ngomsindo, uqwitela olukukulisayo; luyakujingajingiswa pezu kwentloko yabakohlakeleyo.
24
Ingqumbo eshushu kayehova ayiyi kubuya, kude azenze, nakude azifeze izicingo zentliziyo yake: ngeyasemva imihla niya kuqonda oku.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52