bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 10
Matthew 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
1
Waza wabiza abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, lokuba babaku̔pe, nelokupilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane.
2
Kekaloku amagama abapostile abalishumi linababini ngawo la: Owokuqala, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake;
3
u‐Filipi, no‐Batolomeyu; u‐Tomasi, no‐Mateyu umbuti weminikelo; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Lebeyu owatiywa elinye igama elingu‐Tadeyu;
4
u‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo.
5
Aba balishumi linababini wabatuma u‐Yesu, wabayalela, esiti: Ningemkeli endleleni yabaheyideni, nasesixekweni sama‐Samariya ningangeni;
6
yiyani kodwa ngakumbi ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli.
7
Niti ke ekuyeni kwenu nishumayele, nisiti: Ubukumkani bezulu sebukufupi.
8
Pilisani abafayo, hlambululani amaleperi, vusani abafileyo, ku̔pani idemoni: namkele ngesisa, yipani ngesisa.
9
Ningazizuzeli igolide, nesilivere, nobedu, zibe semibinqweni yenu;
10
kwa nenxowa ibe yeyendlela, nengubo ezimbini, nezihlangu, nentonga; ngokuba umsebenzi efanele ukutya kwake.
11
Kanjalo isixeko umhlaumbi umzi onisukuba ningena kuwo, buzani ofanelekileyo kuwo ungubanina; nize nihlale kona, nide nimke.
12
Niti nakungena endlwini, niyibulise:
13
ukuba ke ifanelekile indlu leyo, maluze uxolo lwenu pezu kwayo; ukuba kodwa ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kuni.
14
Nosukuba enganamkeli nina, engaweva namazwi enu, niti nakupuma kulondlu umhlaumbi kwesosixeko, nivutulule utuli lwenyawo zenu.
15
Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko.
16
Bona ke, ndiyanituma njengezimvu pakati kwencu̔ka: yibani ngoko ninobulumko njengenyoka, nibe ningenabuqokolo njengamahobe.
17
Kodwa lumkelani abantu: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, banibete ezindlwini zentlanganiso zabo;
18
ewe, naniya kusiwa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo nakulaheyideni.
19
Kodwa okuya baninikelayo, ningabi nasitukutezi sokuba noteta ngokunjanina umhlaumbi noteta nto nina; ngokuba niya kunikwa ngeloxeshana into eniya kuyiteta:
20
ngokuba kungenini abatetayo, kungumoya woyihlo otetayo pakati kwenu.
21
Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babatise:
22
naniya kutiywa nga bantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa.
23
Koko xeshekweni banitshutshisayo kwesisixeko, sabelani kwesinye; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Anisayi kuba nigqibile izixeko zakwa‐Sirayeli ukuzihamba, engekafiki unyana wesintu.
24
Umdisipile akapezulu kumfundisi; nesicaka asipezulu kwinkosi yaso.
25
Kwanele umdisipile ukuba abe njengomfundisi wake, nesicaka ukuba sibe njengenkosi yaso. Ukuba umninindlu bambizile ngo‐Belezebule, kwoba kangakananina ngakumbi ukubiza kwabo abendlu yake?
26
Ize ningaboyiki ke: ngokuba kungeko nto egujungelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa.
27
Oko ndikutetayo kuni ebumnyameni, kuxeleni ekukanyeni; noko nikuvayo endlebeni, kushumayeleni pezu kwentungo zezindlu.
28
Kanjalo ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti umpefumlo abanamandla okuwubulala: niti kodwa ngakumbi noyike lowo unamandla okububisa kwa nompefumlo nomzimba esihogweni somlilo.
29
Akutengiswa amahobohobo mabini ngedobulitye na? noko akuyi kuwa nalinye kuwo pezu kwomhlaba engazi uyihlo.
30
Kodwa nina, kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke.
31
Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi nina.
32
Ngako osukuba endivuma mna ebusweni babantu, nam ndiya kumvuma yena ebusweni bobawo osezulwini:
33
kodwa osukuba endikanyela mna ebusweni babantu, nam ndiya kumkanyela yena ebusweni bobawo osezulwini.
34
Ningabi ndeza ukutuma uxolo emhlabeni; andeza ukutuma uxolo, koko ndize ukutuma isiṙele.
35
Ngokuba ndize ukubambanisa umntu noyise, nentombi nonina, nomolokazana nonina wendoda:
36
ewe, intshaba zomntu zoba ngabendlu yake.
37
Otandayo uyise umhlaumbi unina ngapezu kwam, akandifanele; notandayo unyana umhlaumbi intombi ngapezu kwam, akandifanele.
38
Kanjalo lowo ungatabati ikuruse yake, alandele emva kwam, akandifanele.
39
Ofumene ubomi bake, buya kumlahleka; nolahlekene nobomi bake ngenxa yam, wobufumana.
40
Owamkela nina, uyandamkela mna; nowamkela mna, uyamamkela owanditumayo.
41
Owamkela umprofite egameni lomprofite, uya kuwamkela umvuzo womprofite; nowamkela ilunga egameni lelunga, uya kuwamkela umvuzo welunga:
42
nosukuba eseza omnye waba bancinane indebe y amanzi abandayo odwa egameni lomdisipile, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28