bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 9
Matthew 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
1
Waza wangena enqanaweni, wawela, weza kwesake isixeko.
2
Kekaloku bona ke, bazisa kuye umntu onesifo sokushwabanisa elele eluku̔kweni: waza u‐Yesu wabona ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Yomelela, nyanandini! uxolelwe izono zako.
3
Kekaloku bona ke, ababa̔li abatile bati ngapakati kwabo: Lo uyagxeka u‐Tixo.
4
Waza u‐Yesu wabona izicingo zabo, wati: Yinina ukuba nizicinge izinto ezikohlakeleyo ezintliziyweni zenu?
5
ngokuba okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina?
6
kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wandula wati konesifo sokushwabanisa:) Suka, upate uku̔lo lwako, uye endlwini yako.
7
Wesuka ke, wemka waya endlwini yake.
8
Zati izihlwele zakubona oku zati nqa, zamdumisa utixo, obenike igunya elingakanana ebantwini.
9
WAZA u‐Yesu edlula apo wabona umntu ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, o‐kutiwa ngu‐Mateyu, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela.
10
Kwaza kwati, nxa abehleli ekutyeni endlwini, kekaloku bona ke, into eninzi yababuti beminikelo naboni beza bahlala ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake.
11
Baza abafarisi, bakubona oku, bati kubadisipile bake: Kunganina ukuba atye umfundisi wenu kunye nababuti beminikelo naboni?
12
Koko u‐Yesu, evile nje, wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo.
13
Kodwa hambani nifunde ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andi funi umbingo; ngokuba ndingezanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
14
Kwandula kweza kuye abadisipile baka‐Johane, besiti: Kunganina ukuba kufuti tina nabafarisi sizila ukutya, kanti abadisipile bako abakuzili?
15
Waza wati u‐Yesu kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi lungaba lusizi na, nxa asenalo umyeni? kodwa iya kuza imihla okuya umyeni aya kususwa kulo, lwaluya kuzila ukutya oko ke.
16
Akuko mntu ubeka isiziba sencawa engatutyulwanga engutyeni endala; ngokuba into efakiweyo iṙazula kwingubo, siti isiṙoba senzwe sibi ngakumbi.
17
Kanjalo akutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, ziyagqoboka intsuba, ize ipalale iveyine, zitshabalale nentsuba: koko kutiwa iveyine entsha ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini.
18
Esateta ezizinto kubo, bona ke, kwafika umpati otile wambedesha, esiti: Intombi yam isand’ ukufa ngoku; kodwa yiza ubeke isandla sako pezu kwayo, yaiya kupila.
19
Wesuka u‐Yesu wamlandela, kwa nabadisipile bake.
20
Kekaloku bona ke, umfazi obenetombo legazi iminyaka yalishumi linamibini, weza ngasemva, wacu̔kumisa umqukumbelo wengubo yake:
21
ngokuba ebesiti ngapakati kwake: Ukuba ndiyacu̔kumisa ingubo yake kodwa, ndiya kupiliswa.
22
Wajika ke u‐Yesu, wambona, wati: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile. Waza wapiliswa umfazi lowo kwa ngeloxeshana.
23
Waza wangena u‐Yesu endlwini yompati, wabona abagwali nomhlambi ungxola,
24
wati kubo: Kwelelani; ngokuba intombazana ingafile, ilele butongo. Basuka bamhleka.
25
Kuloko wati, wakuku̔tshelwa pandle umhlambi, wangena, wabamba isandla sayo, yavuka ke intombazana.
26
Lwaza udumo lwalento lwapumela kulo lonke elolizwe.
27
Kekaloku akuba ebedlula apo u‐Yesu, kwamlandela imfama ezimbini, zidanduluka, zisiti nokuti: Yiba netaṙu kuti, Nyana ka‐Davide!
28
Kwati akungena endlwini, zeza kuye imfama ezo; waza wati kuzo u‐Yesu: Niyakolwa na ukuba ndinamandla okwenza oku? Zati kuye: Ewe, Nkosi!
29
Wandula wacu̔kumisa amehlo azo, esiti: Makube njalo kuni njengokolo lwenu.
30
Avulwa ke amehlo azo. Waza u‐Yesu waziyala kakulu, esiti: Lumkani kungaziwa mntu.
31
Kodwa zapuma zavakalisa udumo lwake kulo lonke elozwe.
32
Kekaloku nxa zibe zipuma, bona ke, kwaziswa kuye umntu osisidenge ongenelwe yidemoni.
33
Kwati kwakuku̔tshwa idemoni, sateta isidenge; zaza zati nqa izihlwele, zisiti: Akuzanga kubonwe ngokunjalo kwa‐Sirayeli.
34
Kodwa abafarisi bati: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni.
35
WAZA u‐Yesu wajikajikela izixeko zonke nemizi, efundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, eshumayela ivangeli yobukumkani, epilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane ebantwini.
36
Wati akubona izihlwele, wabetwa lusizi ngazo, ngokuba zibe zicubukile zilahliwe njengezimvu ezingenamalusi.
37
Wandul’ ukuti kubadisipile bake: Isivuno okunene sininzi, kodwa abasebenzi bancinane;
38
tandazani ngoko kwinkosi yesivuno, ize iku̔pele esivunweni sayo abasebenzi.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28