bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 18
Matthew 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
1
NGELOXESHANA beza abadisipile ku‐Yesu, besiti: Ngubanina ke omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu?
2
Waza u‐Yesu wabiza umntwana, wammisa pakati kwabo,
3
watsho ukuti: Ngokwenene nditi kuni: Xeshekweni ningaguqulwanga naba njengabo abantwana, anisayi kuza ningene ebukumkanini bezulu.
4
Ngako osukuba ezitoba njengomntwana lo, nguye lowo omkulu kwabanye ebukumkanini bezulu.
5
Kanjalo osukuba esamkela umntwana onje emnye egameni lam, uyamkela mna:
6
kodwa osukuba exakanisa omnye waba bancinane abakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lapezulu lokusila lixo̔nyelwe entanyeni yake, aze antywiliswe enzulwini yolwandle.
7
Kwoba nzima elizweni ngetuba lezixakaniso! ngokuba kufanele ziya kuza izixakaniso; kodwa kwoba nzima kulowamntu isixakaniso siza ngaye!
8
Ukuba ngoko isandla sako umhlaumbi unyawo lwako luyakuxakanisa, zinqumle, uzilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, umhlaumbi usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umhlaumbi unenyawo mbini, uposwe emlilweni ongunapakade.
9
Kanjalo ukuba iliso lako liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe: kulungele wena ukuba ungene ebomini uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo.
10
Lumkani ukuba ningadeli namnye waba bancinane; ngokuba ndisiti kuni, ingelosi zabo ezulwini zimana zibona ubuso bukabawo osezulwini.
11
Ngokuba unyana wesintu weza ukusindisa okulahlekileyo.
12
Niti nina ke? Ukuba umntu uba nekulu legusha, ize ilahleke enye kuzo; akati na azishiye ezimashumi alitoba enesitoba, ahambe aye ezintabeni, ayifune leyo ilahlekayo?
13
Nokuba kuti ayifumane, ngokwenene nditi kuni, uyavuyela yona leyo, ngapezu kwokuba uyavuy ela ezo zimashumi alitoba enesitoba zingalahlekanga.
14
Kwa njalo asi yintando yake uyihlo wenu osezulwini, ukuba kubube omnye waba bancinane.
15
Ukuba ke umzalwana wako uyona ngakuwe, yiya umohlwaye kube pakati kwako naye yedwa: ukuba uyakuva, uzuzile umzalwana wako.
16
Kodwa ukuba akeva, tabata kunye nawe kanjalo abe mnye, umhlaumbi babe babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu.
17
Ukuba ke uyala ukuva bona, xelela iṙemente: kodwa ukuba uyala ukuva neṙemente, makabe njengomheyideni nombuti weminikelo kuwe.
18
Ngokwenene nditi kuni: Into enisukuba nizinxiba emhlabeni, ziya kunxitywa ezulwini; nento enisukuba nizikulula emhlabeni, ziya kukululwa ezulwini.
19
Kanjako nditi kuni: Ukuba ababini kuni baya kuvumelana emhlabeni apa ngayo enye indawo basukuba becela yona, iya kwenzelwa bona ngubawo osezulwini.
20
Ngokuba apo bahlanganisene kona ababini umhlaumbi abatatu egameni lam, ndiko kwa kona pakati kwabo.
21
Wandula weza u‐Petrosi kuye, wati: Nkosi! woba futi kangakananina umzalwana wam esona ngakum, ndimxolele? kude kube ngamaxesha asixe̔nxe na?
22
Wati u‐Yesu kuye: Anditi kuwe, kude kube ngamaxesha asixe̔nxe, nditi, kude kube sisixe̔nxe samaxesha angamashumi asixe̔nxe.
23
Ngako oku ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile, owafuna ukubuza izicaka zake.
24
Kwati, akuqala ukubuza, kwaziswa kuye esinye esinetyala letalente ezilishumi lamawaka.
25
Kekaloku singenanto yokuhlaula nje, yaxela inkosi yaso ukuba kutengiswe ngaso, nangomfazi waso, nangabantwana, nangento zonke sinazo, kuhlaulwe ke.
26
Sandula isicaka eso sawa pantsi, sayibedesha, sisiti: Nkosi! kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe.
27
Yaza inkosi yesicaka eso yabetwa lusizi, yasikulula, yasixolela lonke elotyala.
28
Kodwa sakupuma isicaka eso safumanana nesinye sezizizicaka naso, ebesinetyala kuso ledenari ezilikulu linye, sasibamba sasiti ṙintyi ngomqala, sisiti: Hlaula ityala lako kum.
29
Sandula eso sibe sisisicaka naso sawa pantsi ngasezinyaweni zaso, sasibongoza, sisiti: Kaubeke kade pezu kwam, ndandiya kuhlaula konke kuwe.
30
Asavuma ke; koko saya sasiposela entolongweni, side sihlaule elotyala.
31
Zati kekaloku ezo zibe zizizicaka naso, zakubona oko kwenziweyo, zalusizi kakulu, zeza zatyela inkosi yazo konke oko kwenziweyo.
32
Yandula inkosi yaso yasibiza, yati kuso: Sicaka esikohlakeleyo! Ndakuxolela lonke ityala elo, ngokokuba wabundibongoza:
33
bekungafanele nawe na ukuba ube netaṙu kuso esisisicaka nawe, njengokuba nam bendinetaṙu kuwe?
34
Yaza yaqumba inkosi yaso, yasinikela kubambeli, side sihlaule lonke ityala laso kuyo.
35
Kwa nje ke nobawo wasezulwini uya kwenje njalo kuni, ukuba abazalwana benu anibaxoleli nonke ngabanye ngentliziyo zenu iziposo zabo.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28