bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 6
Matthew 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 7 →
1
LUMKANI ukuba ningenzi amalizo enu ebusweni babantu, ngokunga ningabonelwa ngabo; okanye, aninawo umvuzo kuyihlo osezulwini.
2
Ngako nxa uwenza amalizo, ungahlokomisi ixilongo pambi kwako, njengokuba abahanahanisi besenza ezindlwini zentlanganiso nasezindleleni, ukuze badunyiswe ngabantu. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
3
Kodwa wena wakuwenza amalizo, masingazi isandla sako sokohlo into eyenziwayo sesokunene sako:
4
ukuze amalizo ako abe semfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, kwa yena wokuvuza ekuhleni.
5
Kanjalo nxa utandazayo, akuyi kuba njengabahanahanisi; ngokuba betanda ukutandaza bemi ezindlwini zentlanganiso nasekujikeni kwezitarate, ukuze babonakale ebantwini. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
6
Kodwa wena, nxa utandazayo, ngena enkambilini yako, uti wakuba uvalile ucango lwako, utandaze kuyihlo osemfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni.
7
Kodwa nakutandaza, ningenzi imilembelele engendawo, njengabaheyideni; ngokuba beba baya kuviwa ngokuteta kwabo okuninzi.
8
Ize ningafani nabo ke; ngokuba uyihlo ezazi into enizisweleyo, ningekaceli kuye.
9
Ngako tandazani nina ngokunje, niti: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako.
10
Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini.
11
Sipe namhla nje ukutya kwetu kwemihla ngemihla.
12
Usixolele izono zetu, njengokuba nati sixolela abo basonayo tina.
13
Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni. Ngokuba bubobako ubukumkani, namandla, nobungcwalisa, kude kube ngunapakade. Amene.
14
Ngokuba xeshekweni nibaxolela abantu iziposo zabo, uyihlo wasezulwini wonixolela nani:
15
kodwa xeshekweni ningabaxoleli abantu iziposo zabo, kanjalo uyihlo akayi ku ni xolela iziposo zenu.
16
Kanjako nxa nizilayo ukutya, ningabi njengabahanahanisi nisiti kunubembe; ngokuba bebenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini bezila. Ngokwenene nditi kuni: Sebewamkele umvuzo wabo.
17
Wena kodwa, wakuzila ukutya, tambisa intloko yako, nobuso bako buhlambe;
18
ukuze ungabonakali ebantwini uzila, kodwa ubonakale kuyihlo osemfihlekweni; noyihlo obonayo emfihlekweni, uya kukuvuza ekuhleni.
19
Ningazibekeli indyebo emhlabeni, apo kugugisayo inundu nomhlwa, nalapo amasela agqoboza ebe̔ kona:
20
kodwa zibekeleni indyebo ezulwini, apo kungagugisi nenundu nomhlwa, nalapo amasela angagqobozi angebi̔ kona:
21
ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.
22
Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako woba nokukanya:
23
kodwa xeshekweni iliso lako lenzakele, wonke umzimba wako woba mnyama. Ukuba ngoko ukukanya okupakati kwako kububumnyama, ubumnyama obo bukulu kangakananina!
24
Akuko mntu ongakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba eya kutiya enye, atande enye; okanye, uya kubambelela kwenye, adele enye. Aningekonze utixo nobutyebi kunye.
25
Ngako oku nditi kuni: Musani kutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina, nokuba nosela nto nina; ninga tukutezel eli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina: ubomi abukulu na kuko ukutya? nomzimba awumkulu na kuzo izivato?
26
Kangelani intaka zezulu, okokuba azihlwayeli, azivuni, azibuteli eziseleni, kanti uyihlo wasezulwini uyazondla noko: kekaloku nina anigqitisele zona kakulu na?
27
Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye?
28
Kanjalo yinina ukuba nitukutuzelele izivato? Gqalani inyibiba zasendle, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako:
29
kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi.
30
Ukuba ke inca yasendle, eti namhla ibeko, iti ngomso iposwe eziko, utixo uyenje njalo ukuyambatisa, akayi kunambatisa nina kakulu ngakumbi na, nina balukolo luncinane?
31
Ngako ningabi nakutukutezela, nisiti: Sotya nto nina? umhlaumbi: Sosela nto nina? umhlaumbi: Sovata nto nina?
32
(ngokuba zonke ezizinto abaheyideni bezifuna:) ngokuba esazi uyihlo wasezulwini ukuba niziswele ezizinto zonke.
33
Kodwa funani kuqala ubukumkani bukatixo, nobulungisa bake, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni.
34
Ngako ningatukutezeleli imini yangomso; ngokuba imini yangomso iya kutukutezelela okwayo. Kwanele imini yanamhla eyayo inkatazo.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28