bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 24
Matthew 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
1
KEKALOKU epumile nje u‐Yesu, ebemka etempileni: baza abadisipile bake beza kuye ukuba bambonise izakiwo zetempile.
2
Wayesiti u‐Yesu kubo: Aniziboni na zonke ezizinto? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kushiywa apa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
3
Kekaloku nxa abehleli pezu kwentaba yeminquma, beza kuye abadisipile ngasese, besiti: Sixelele, zobako ninina ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso wokufika kwako, nowokugqityelwa kwelizwe elikoyo?
4
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo. Lumkani, ize ningalahlekiswa mntu.
5
Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye u‐Kristu; baze balahlekise abaninzi.
6
Naniya kuba nisiva imfazwe, namaṙe emfazwe: lumkani, ize ningabi navuso; ngokuba zonke ezizinto zifanele ukuhla; kodwa ukupela akukabiko.
7
Ngokuba uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvuk ela ubukumkani; zaziya kubako indlala, nezifo ezibubisayo, nezingcangcazelo zomhlaba ngendawo ngendawo.
8
Zonke ezizinto ke zisisiqalo senimba.
9
Oko niya kunikelwa ekubandezelweni, nibulawe nokubulawa; naniya kutiywa zintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10
Kanjalo oko baya kuxakaniswa abaninzi, bangcatshane, batiyane.
11
Baye abaprofite ababuxoki abaninzi beya kuvuka, balahlekise abantu abaninzi.
12
Kuze kuti ngenxa yokwandiswa kwokungalungileyo, kupole utando lwabaninzi.
13
Kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa,
14
yaiya kuti levangeli yobukumkani ishunyayelwe kulo lonke ilizwe, ibe sisinqi̔no kuzo zonke intlanga; kwandul’ ukufika ukupela oko ke.
15
Ngako xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi endaweni engcwele; (oleseshayo makaqonde;)
16
mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni:
17
lowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya kususa into endlwini yake;
18
nalowo usentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo zake.
19
Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla!
20
Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika, nangemini yesabata:
21
ngokuba kuya kubako oko imbandezelo enkulu, ekungabangako enjalo kwa sekuqalekeni kwelizwe kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo.
22
Kanjako ukuba ibingancitshiswanga imihla leyo, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa imihla leyo iya kuncitshiswa.
23
Zeniti oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke.
24
Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso emikulu nemimangaliso, ukuze bati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa.
25
Bona ke, ndinixelele ngapambili.
26
Ngako ukuba batsho kuni ukuti: Nanku esentlango; ningapumi ke: nokuba bati: Nanku ezinkambilini; ningakolwa ke.
27
Ngokuba, kwa njengokuba ukubaneka kuvela empumalanga, kukanye kude kube sentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu.
28
Ngokuba apo sisukuba sikona isidumbu, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga.
29
Kwohla kuti ke emveni kwembandezelo yemihla leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa:
30
kwandul’ ukubonakala umqondiso wonyana wesintu ezulwini; zandul’ ukwenza isijwili zonke izizwe zomhlaba, zibone nokubona unyana wesintu, esiza emafini ezulu, enamandla nobungcwalisa obukulu.
31
Waeya kutuma ingelosi zake nentlokoma enkulu yexilongo, eziya kubutela ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kw enye incam yezulu kude kube kw enye incam yalo.
32
Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo:
33
kwa njalo nani, xeshekweni nibona zonke ezizinto, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango.
34
Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule Isizukulwana esi, zonke ezizinto zingekenzekanga.
35
Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
36
Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi nengelosi zezulu; ngubawo yedwa owaziyo kupela.
37
Kodwa njengokuba ibinjalo imihla ka‐Nowa, kwoba njalo nokufika kwonyana wesintu.
38
Ngokuba, kwa njengokuba bebesiti emihleni ungekabiko umsingakazi, badla basela nokusela, bazeka bendisa nokwendisa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni,
39
bengaqondanga ke kwada kweza umsingakazi wabakukulisa kwa bonke, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu.
40
Oko amadoda amabini obako entsimini; iti enye itatyatwe, iti enye ishiywe.
41
Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; ati omnye atatyatwe, ati omnye ashiywe.
42
Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi yiyipina iyure inkosi yenu iza ngayo.
43
Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi lilipina ivaṙasho isela liza ngalo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake.
44
Ngako oko nani yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza.
45
Ngubanina ke esosicaka sinyanisekileyo nesilumkileyo, eyati inkosi yaso yasimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba sibanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?
46
Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo.
47
Ngokwenene nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo.
48
Kodwa xeshekweni esosicaka esikohlakeleyo siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza;
49
size siqale ukubeta abazizicaka naso, nokutya nokusela kunye nabanxilayo;
50
yofika inkosi yesicaka eso ngemini esingayikangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo,
51
isisike kubini, imise isabiwo saso kunye nabahanahanisi: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28