bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 2
Matthew 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
1
KEKALOKU xeshekweni u‐Yesu ebezalelwe e‐Beteleheme yase‐Judeya, emihleni ka‐Herodi ukumkani, bona ke, izilumko zivela empumalanga zafika e‐Yerusaleme,
2
zisiti: Upina lowo uzelweyo engukumkani wama‐Juda? ngokuba sibe sibona inkwenkwezi yake empumalanga, sasize ukumbedesha.
3
Kekaloku u‐Herodi ukumkani akuva oko, waxa̔liswa, kwa nayo yonke i‐Yerusaleme kunye naye.
4
Wati ke akuba ebahlanganisile bonke abaperisite abakulu nababa̔li babantu, wabuza kubo ukuba uzalwa pina u‐Kristu.
5
Baza bati kuye: e‐Beteleheme yase‐Judeya; ngokuba kuba̔liwe njalo ngomprofite, ukuti:
6
Nawe, Beteleheme, lizwe lakwa‐Juda! akunguye omncinane kuzo zonke pakati kwenkosi zakwa‐Juda nakanye; ngokuba kuya kupuma umpati kuwe, oya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli.
7
Wandula u‐Herodi, akuba ezibizile ngasese izilumko, wakolisa ukubuza kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi.
8
Waza wazituma e‐Beteleheme, wati: Hambani niye nibuze kunene umntwana lowo; niti nxa nimfumeneyo, nindishumayeze, ukuba nam ndize ndimbedeshe.
9
Zati zimvile nje ukumkani, zemka; kekaloku bona ke, inkwenkwezi, leyo zibe ziyibonile empumalanga, yahamba pambili kuzo, yada yeza yema pezu kwalapo umntwana wayekona.
10
Zati zakubona lonkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukulu kunene.
11
Zaza zangena endlwini, zambona umntwana eno‐Mariya unina, zawa pantsi zambedesha, zavula ityeyandyebo zazo, zamnikela amabaso, igolide, nentlakamhlope, nemore.
12
Zaza zati, ziyaliwe ngutixo epupeni ukuba mazingabuyi ziye ku‐Herodi, zemka ngenye indlela ukuya ezweni lakowazo.
13
Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise.
14
Wesuka ke, watabata umntwana nonina ebusuku, wemka waya e‐Jipete:
15
waye ebeko kona kwada kwafa u‐Herodi; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo yinkosi ngomprofite, isiti: Ndambiza unyana wam apume e‐Jipete.
16
Wandula u‐Herodi, akubona ukuba ukohlisiwe zizilumko, wanomsindo kakulu, watuma ke, wabulala bonke abantwana abase‐Beteleheme nakuyo yonke imida yayo, ababudala buyiminyaka mibini nangapantsi, njengexesha wayekolisile ukubuza lona kuzo izilumko.
17
Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti:
18
Ilizwi lavakala e‐Rama isikalo, nesililo, nesijwili esikulu, u‐Rakele elilela abantwana bake, engavumi ukututuzelwa, ngokuba bengaseko.
19
Nxa abefile u‐Herodi, bona ke, ingelosi yenkosi yabonakala epupeni ku‐Josefe e‐Jipete,
20
isiti: Suka, utabate umntwana nonina, uye ezweni lakwa‐Sirayeli; ngokuba befile abo babefuna ubomi bomntwana.
21
Wesuka ke, watabata umntwana nonina, weza ezweni lakwa‐Sirayeli.
22
Kodwa akuva ukuba u‐Arakelosi ungukumkani e‐Judeya esikundleni sika‐Herodi uyise, woyika ukuhambela kona; koko, eyaliwe ngutixo epupeni, wemkela kwizahlulo zase‐Galili,
23
weza wema esixekweni esi‐kutiwa yi‐Nazarete, ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngabaprofite ukuti: Uya kubizwa ngokuti ungum‐Nazarete.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28