bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 11
Matthew 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 12 →
1
Kwaza kwati, xeshekweni abegqibile u‐Yesu ukuyalela abadisipile bake abalishumi linababini, wesuka apo ukuya kufundisa nokushumayela ezixekweni zabo.
2
KEKALOKU u‐Johane akuyiva entolongweni imisebenzi ka‐Kristu, watuma ababini bakubadisipile bake,
3
wati kuye: Unguye ozayo na, silinde wumbi kusinina?
4
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Hambani nishumayeze u‐Johane izinto enizivileyo nenizibonileyo:
5
imfama ziyamkela ukubona kwazo, neziqwala ziyahamba; amaleperi ayahlanjululwa, nezitulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu indaba ezilungileyo ziyashunyayelwa kuwo.
6
Kanjalo unetamsanqa osukuba engaxakaniswa ngam.
7
Kekaloku bakumka aba, waqala u‐Yesu ukuti kwizihlwele ngaye u‐Johane: Napuma naya entlango ukuya kubonela nto nina? ingcongolo izanyazanyiswa ngumoya na?
8
Kodwa napuma ukuya kubona nto nina? umntu evatisiwe ngezivato ezitambileyo na? bona ke, abo bambata izivato ezitambileyo basezindlwini zokumkani.
9
Kodwa napuma ukuya kubona nto nina? umprofite na? ewe, nditi kuni, nogqitisele umprofite.
10
Ngokuba enguye lo kuba̔liwe ngaye ukuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako.
11
Ngokwenene nditi kuni: Akuvukanga pakati kwabazelweyo ngabafazi omkulu ku‐Johane umbapitizeshi; kodwa lowo umncinane kwabanye ebukumkanini bezulu umkulu kuye.
12
Nakuselokwemihla ka‐Johane umbapitizeshi kwada kwakaloku nje, ubukumkani bezulu bunokunyanzelwa, bati abanyanzelayo banxamele ukububamba.
13
Ngokuba bekuprofitesha bonke abaprofite nomteto kwada kwako u‐Johane.
14
Kanjalo, ukuba niyavuma ukwamkela oku, yena ungu‐Elija obeza kuza.
15
Onendlebe zokuva, makeve.
16
Kodwa ndosifanisa nanto nina isizukulwana esi? Siyafana nabantwana behleli ezindaweni zentengo, bememeza amakolwane abo,
17
besiti nokuti: Sanigwalela, anaduda ke; sanenzela isililo, anenza sijwili ke.
18
Ngokuba u‐Johane weza engatyi engaseli, baza bati: Unedemoni.
19
Unyana wesintu weza esitya esela, baza bati: Nanku umntu ozinxalayo olinxila, umhlobo wababuti beminikelo naboni. Kanti ubulumko bugwetyelwe lusapo lwabo.
20
Wandula waqala ukutetisa izixeko ekwenzelwa kuzo kakulu izenzo zake zamandla, ngokuba zingaguqukanga, esiti:
21
Hai ubunzima bako, Korazine! hai ubunzima bako, Betesayida! ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuni ukuba zazenzelwe e‐Tire nase‐Tsidone, zinga zibe ziguqukile kade zinentlakantlaka notutu.
22
Kanjako nditi kuni: Kwo‐nyamezelekela i‐Tire ne‐Tsidone ngomhla womgwebo, ngapezu kwenu.
23
Nawe, Kapenayume! opakanyiselweyo kwa sezulwini, uya kuhliselwa kwa sehadesi: ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuwe ukuba zazenzelwe e‐Sodome, inga iba isahleli kwada kwanamhla nje.
24
Kanjako nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ngomhla womgwebo, ngapezu kwako.
25
Ngeloxesha wapendula u‐Yesu wati: Ndiyakubulela, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba! ukuba ufihlele izilumko nezazi ezizinto, wazityilela intsana:
26
ewe, Bawo! ngokuba okunjalo bekukolekile ebusweni bako.
27
Zonke izinto zinikelwe kum ngubawo: kanjako akuko mntu omaziyo unyana, kupela nguyise; noyise akuko mntu omaziyo, kupela ngunyana, nosukuba unyana etanda ukumtyilela yena.
28
Yizani kum, nonke nina nidiniweyo nitwesiwe kakulu, ndandiya kuti mna ndinipumze.
29
Twalani iyokwe yam pezu kwenu, nifunde ngam; ngokuba ndilulamile ndinentliziyo etobekileyo: naniya kufumanela imipefumlo yenu ukupumla.
30
Ngokuba iyokwe yam iyolile, nomtwalo wam ulula.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28