bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 12
Matthew 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
1
NGELOXESHA wacanda u‐Yesu emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake balamba, baqala ukuka izikwebu, nokutya.
2
Koko abafarisi, bakubona oko, bati kuye: Bona ke, abadisipile bako bayakwenza oko ekungafanelekile ukukwenza ngesabata.
3
Waza wati kubo: Anileseshanga na into wayenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye;
4
okokuba wangena endlwini katixo, watya izonka zokubonakala, ekube kungafanelekile kuye ukuzitya, kwa nakubo ababenaye, kupela bekufanelekile kubaperisite bodwa?
5
Kanjalo anileseshanga emtetweni na, ukuba ngemini yesabata abaperisite etempileni bayapula isabata, bengazeki tyala noko?
6
Kekaloku nditi kuni: Uko apa omkulu kuyo itempile.
7
Kodwa ukuba benikwazile ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andi funi umbingo; ngeningagwebanga abangenatyala.
8
Ngokuba unyana wesintu eyinkosi yesabata nayo.
9
Waza esukile apo waya wangena endlwini yentlanganiso yabo.
10
Kekaloku bona ke, bekuko umntu enesandla esishwabeneyo: baza bambuza, besiti: Kufanelekile na ngemini yesabata ukupilisa? ukuze bamnike ityala.
11
Wayesiti kubo: Woba nguwupina kuni engumntu, oya kuba nayo igusha, ongayi kuti, nxa yeyele le emnxu̔nyeni ngemini yesabata, ayibambe yona ayinyuse?
12
Kungento engakananina pofu umntu agqitisele igusha? Kwa njalo ke kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo.
13
Wandula wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke, saza sabuya senziwa sipilile njengesinye.
14
Baza bapuma abafarisi bacebisana ngakuye, ukuze bambubise.
15
Kodwa u‐Yesu wakwazi oko, wemka apo: zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa bonke abafayo,
16
wabayala ukuba mabangamtyili;
17
kuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti:
18
Kangela isicaka sam, endisinyulileyo; umtandwa wam, oti umpefumlo wam ukoliswe nguye; ndobeka umoya wam pezu kwake, nesigwebo uya kusishumayela kubaheyideni.
19
Akayi kupika, akayi kudanduluka kanjako; aliyi kuviwa mntu nasezitarateni ilizwi lake.
20
Ingcongolo etyumzekileyo akayi kuyapula, nomsonto wesibane oqu̔mayo akayi kuwucima, ade aku̔pe isigwebo ngokwoyisa:
21
nasegameni lake abaheyideni baya kutemba.
22
Kwandula kwaziswa kuye ongenelwe yidemoni, oyimfama nesidenge; waza wampilisa, wada oyimfama nesidenge wanokuteta nokubona.
23
Zamangaliswa ke zonke izihlwele, zati: Lo unguye unyana ka‐Davide na?
24
Kodwa abafarisi, bakuva, bati: Lo akaziku̔pi idemoni, kupela uyaziku̔pa ngo‐Belezebule inkosi yedemoni.
25
Kuloko u‐Yesu wazazi izicingo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nazo zonke izixeko, umhlaumbi izindlu, ezipambeneyo ngokwazo, aziyi kuma.
26
No‐Satane ukuba uyaku̔pa u‐Satane, upambene ngokwake; boti nina pofu ubukumkani bake ukuma?
27
Kanjalo ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu.
28
Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni mna ngomoya katixo, kukona sebunifikele ubukumkani bukatixo.
29
Kanjalo angati nina umntu ukungena endlwini yonamandla, apange impahla zake, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla? waeya kwandul’ ukupanga indlu yake oko.
30
Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta.
31
Ngako oko nditi kuni: Konke ukwona nokugxeka baya kuxolelwa kona abantu; kodwa ukumgxeka umoya oyingcwele abayi kuxolelwa kona abantu.
32
Nosukuba eteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa osukuba eteta ngakuye umoya oyingcwele, akayi kuxolelwa, nakwelilizwe likoyo, nakwelo liza kuza.
33
Yenzani umti ulunge, kulunge nokuqa̔ma kwawo; okanye, yenzani umti ubole, kubole nokuqa̔ma kwawo; ngokuba umti usaziwa ngokuqa̔ma kwawo.
34
Sizukulwanandini senyoka! ningati nina ukuteta izinto ezilungileyo, nikohlakele nje? ngokuba umlomo uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo.
35
Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyaku̔pa izinto ezilungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo uyaku̔pa izinto ezikohlakeleyo.
36
Kodwa nditi kuni: Onke amazwi angendawo, abasukuba bewateta abantu, baya kupendulela wona ngomhla womgwebo:
37
ngokuba ngawo amazwi ako uya kugwetyelwa, nangawo amazwi ako uya kugwetywa.
38
Kwandula kwapendula abatile bakubo ababa̔li nabafarisi, besiti: Mfundisi! singa singabona umqondiso kuwe.
39
Kodwa wapendula wati kubo: Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite.
40
Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebemini ntatu nobusuku butatu esiswini sentlanzi enkulu, kwa njalo unyana wesintu woba mini ntatu nobusuku butatu embilini womhlaba.
41
Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe; ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona: kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.
42
Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone: kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa.
43
Kodwa xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla, kanti akakufumani.
44
Andule ukuti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona. Ati akufika ayifumane ingenamntu, itshayelwe, ihonjiwe.
45
Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala. Kwoba njalo ke nakwesisizukulwana sikohlakeleyo.
46
Kekaloku nxa abesateta kwizihlwele, bona ke, unina nabazalwana bake bebemi ngapandle, befuna ukuteta naye.
47
Wayesiti otile kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako bemi ngapandle, befuna ukuteta nawe.
48
Koko wapendula wati kulowo ubetshilo kuye: Uma ungubanina? nabazalwana bam bangobanina?
49
Waza wasolula isandla sake ngakubadisipile bake, wati: Nanku uma nabazalwana bam!
50
ngokuba lowo usukuba esenza intando kabawo osezulwini, ekwa nguye umzalwana wam, nodade wam, noma.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28