bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 4
Matthew 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
1
WANDULA u‐Yesu wakatshelwa entlango ngumoya, ukuba alingwe ngu‐Satane.
2
Wati akuba ezilile ukutya imini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane, wada walamba.
3
Waza umlingi ezile kuye wati: Ukuba ungunyana katixo, xela ukuba enziwe izonka amatye la.
4
Kodwa wapendula wati: Kuba̔liwe ngokuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi apumayo emlonyeni katixo.
5
Wandula u‐Satane wamtabatela esixekweni esingcwele, wammisa pezu kwepiko letempile,
6
wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, ziwise pantsi; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, eziya kukufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni.
7
Wati u‐Yesu kuye: Kuba̔liwe kanjako ngokuti: Akuyi kumlinga uyehova, utixo wako.
8
Wati kanjako u‐Satane wamtabatela entabeni ende kakulu, wambonisa bonke ubukumkani belizwe nobungcwalisa babo,
9
wati kuye: Ezizinto zonke ndozinika kuwe, ukuba uya kuwa pantsi undibedeshe.
10
Wandula u‐Yesu wati kuye: Suka, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uyehova, utixo wako, uya kumbedesha, umkonze yena yedwa.
11
Wandula u‐Satane wamshiya: zaza, bona ke, zafika ingelosi zamkonza.
12
KEKALOKU akuva u‐Yesu ukuba u‐Johane unikelwe entolongweni, wemka waya e‐Galili.
13
Waza wati, eshiyile i‐Nazarete, weza wema e‐Kapenayume engaselwandle, emideni yakwa‐Zebulone neyakwa‐Nefatali;
14
ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti:
15
Ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali, elendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni,
16
abantu ababehleli ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu, nabo babehleli ezweni nasetunzini lokufa, ukukanya kubapumele.
17
Kwa oko waqala u‐Yesu ukushumayela nokuti: Guqukani; ngokuba ubukumkani bezulu sebukufupi.
18
Waza u‐Yesu, ehamba ngaselwandle lwase‐Galili, wabona abazalwana ababini, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake, beposa utambo elwandle: ngokuba bebengabalobi bentlanzi.
19
Wayesiti kubo: Yizani emva kwam, ndandiya kunenza abalobi babantu.
20
Basuka bazishiya intambo, bamlandela.
21
Kanjalo egqitile apo, wabona abanye abazalwana ababini, u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake, besenqanaweni no‐Zebedi uyise wabo, belungisa intambo zabo; waza wababiza.
22
Basuka bashiya inqanawa noyise wabo, bamlandela.
23
Waza u‐Yesu wajikajikela yonke i‐Galili, efundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, eshumayela ivangeli yobukumkani, epilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane pakati kwabantu.
24
Lwaza udumo lwake lwapumela kuyo yonke i‐Siriya; bada bazisa kuye bonke abafayo, ababanjwa zizifo nezibulawa ezininzi, nabangenelwa zidemoni, nabanesatutwane, nabanesifo sokushwabanisa; wabapilisa ke.
25
Zaza izihlwele ezininzi zamlandela, zivela e‐Galili, nase‐Dekapolisi, nase‐Yerusaleme, nase‐Judeya, napesheya kwe‐Yoredane.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28