bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 14
Matthew 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
1
NGELOXESHA weva u‐Herodi inkosi udumo luka‐Yesu,
2
wati ezicakeni zake: Lo unguye u‐Johane umbapitizeshi; uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye.
3
Ngokuba u‐Herodi ebembambile u‐Johane, wamnxiba, wamfaka entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake.
4
Ngokuba u‐Johane ebesiti kuye: Akufanelekile kuwe ukuba ube naye.
5
Wati akufuna ukumbulala, waboyika abantu, ngokuba bebembala ukuba ungumprofite.
6
Kodwa kwakugcinwa imini yokuzalwa kuka‐Herodi, yaduda intombi ka‐Herodiya pakati kwabo, yamkolisa u‐Herodi.
7
Kukona wavumayo ngesifungo ukuba uya kuyinika oko isukuba icela kona.
8
Yaza yona, iqu̔tyiwe ngunina nje, yati: Ndinike apa pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbapitizeshi.
9
Wayelusizi ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, waxela ukuba mayinikwe.
10
Watuma ke, wanqumla u‐Johane intloko entolongweni apo.
11
Yaza yaziswa intloko yake pezu kwesikotile, yanikwa kwintombazana leyo; yati yona ya yi sa kunina.
12
Beza abadisipile bake, bawususa umzimba, bawuncw̔aba, baya bamshumayeza u‐Yesu.
13
Wati u‐Yesu akuva oko, wemka apo ngenqanawa waya endaweni elubala ngasese; zati zakuva izihlwele, zamlandela ngenyawo zivela ezixekweni.
14
Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, wabapilisa abafayo babo.
15
Kekaloku kwakuhlwa, beza kuye abadisipile bake, besiti: Lendawo ilubala; ixesha selidlule kanjalo; zindulule izihlwele, ize zimke ziye emizini zizitengele ukudla.
16
Kodwa u‐Yesu wati kubo: Azifanele ukumka; zipeni nina ukuba zitye.
17
Baza bati kuye: Asinanto apa, kupela izonka zizihlanu nentlanzi zizimbini.
18
Wayesiti: Zisani zona kum apa.
19
Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi etyanini, watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wati, ekangele ngasezulwini, wabulela, waqezula, wanikela izonka kubadisipile, bati abadisipile banikela kwizihlwele.
20
Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, izitya zazilishumi linazibini zizele.
21
Kekaloku abo babesitya bebengamadoda anga amawaka mahlanu, ngapandle kwabafazi nabantwana.
22
Waza u‐Yesu kwa oko wanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bamandulele ukuya ecaleni elingapesheya, nxa abezindulula izihlwele.
23
Wati akuba ezindulule izihlwele, wenyukela entabeni ngasese ukuya kutandaza: kwati kwakuba kuhlwile, wayekona apo eyedwa.
24
Kodwa inqanawa ibisel’ ipakati kwolwandle, ibulawa ngamaza; ngokuba umoya ubuvela pambili.
25
Kekaloku kwelesine ivaṙasho lobusuku, wemka waya kubo u‐Yesu, ehamba pezu kwolwandle.
26
Bati abadisipile, bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baxaliswa, besiti: ngumshologu! bakala kukwoyika ke.
27
Wasuka wateta kubo u‐Yesu, esiti: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika.
28
Waza u‐Petrosi wapendula kuye wati: Nkosi! ukuba nguwe, xela ukuba ndize kuwe pezu kwamanzi.
29
Wayesiti: Yiza. Waza wehla u‐Petrosi enqanaweni, wahamba pezu kwamanzi, ukuya ku‐Yesu.
30
Kodwa ebona umoya unamandla woyika; wati esel’ eqala ukuntywila wakala, esiti: Nkosi, ndisindise!
31
Wasuka wolula isandla u‐Yesu, wambamba, wati kuye: Wena ukolo luncinane! wabutandabuza nganina?
32
Kwaza kwati, bakungena enqanaweni, wadamba umoya.
33
Bandula abo basenqanaweni beza bambedesha, besiti: Ngenyaniso ungunyana katixo.
34
Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete.
35
Baza abantu balondawo bakumazi, batumela kulo lonke elolizwe langakona, bazisa kuye bonke abafayo,
36
bambongoza ukuba mabacu̔kumise kodwa umqukumbelo wengubo yake; baza bonke abacukumisayo bapiliswa.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28