bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 19
Matthew 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
1
KWAYE kute, xeshekweni abezigqibile u‐Yesu iziteto ezi, wesuka e‐Galili, weza emideni yase‐Judeya, pesheya kwe‐Yoredane.
2
Zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa abafayo apo ke.
3
Kweza kuye nabafarisi bemlinga, besiti kuye: Kufanelekile emntwini ukulahla umfazi wake ngenxa yamatuba onke na?
4
Wapendula wati kubo: Anileseshanga na ukuba umdali wabenza kwa sekuqalekeni indoda nomfazi,
5
waza wati: Ngenxa yoku umntu uya kushiya uyise nonina, anamatele emfazini wake, baze abo babini babe yinyama nye?
6
Ngako oko abasebabini, bayinyama nye. Ngoko ke, oko utixo akubandakanyileyo, makungahlulwa mntu.
7
Bati kuye: Pofu ibiyinina ukuba u‐Mosesi waxelela ukunika incwadi yokwahlukanisa, nokumlahla?
8
Wati kubo: u‐Mosesi, ngenxa yobulukuni bentliziyo zenu, wanivumela ukuba nilahle abafazi benu; koko kungabanga njalo kwa sekuqalekeni.
9
Kodwa nditi kuni: Osukuba elahla umfazi wake, enga mlahli ngambulo kupela, aze azeke omnye, uyaṙexeza; nalowo uzeka umfazi olahliweyo, uyaṙexeza naye.
10
Bati kuye abadisipile bake: Ukuba iba njalo indawo yomntu kunye nomfazi wake, aku m lungele ukuzeka.
11
Koko wati kubo: Abalamkeli elilizwi bonke abantu; ngabanikiweyo abalamkelayo kupela.
12
Ngokuba kuko abatenwa abazelweyo benjalo kwa sesizalweni sonina; kuko nabatenwa, abenziweyo abatenwa ngabantu; kuko nabatenwa, abazenzileyo abatenwa ngenxa yobukumkani bezulu. Ongamkela oku, maka kw amkele.
13
Kwandula kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla pezu kwabo, atandaze: bati ke abadisipile babatetisa.
14
Kodwa u‐Yesu wati: Vumelani abantwana, ize ningabaleli, ukuza kum; ngokuba ubukumkani bezulu bubobabanjalo.
15
Waza wabeka izandla pezu kwabo, wemka apo.
16
Kekaloku bona ke, kweza umntu otile wati kuye: Mfundisi olungileyo! yiyipina into elungileyo endiya kuyenza, ukuze ndibe nabo ubomi obungunapakade?
17
Wayesiti kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo. Kodwa ukuba unga ungangena ebomini, gcina imiyalelo.
18
Wati kuye: Yipina? Wayesiti u‐Yesu: Le yokuti: Akuyi kubulala; akuyi kuṙexeza; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki;
19
beka uyihlo nonyoko; na lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzi tanda kwako.
20
Yati kuye indodana leyo: Zonke ezizinto ndizibambile kwa sebutsheni bam; ndisaswele nto nina?
21
Wati u‐Yesu kuyo: Ukuba unga ungaba ufezekile, hamba, uye utengise ngempahla yako, upe amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, ulandele mna.
22
Yati ke indodana leyo yakuva elozwi, yemka ilusizi; ngokuba ibe inazo imfuyo ezininzi.
23
Waza u‐Yesu wati kubadisipile bake: Ngokwenene nditi kuni: Kunqabile kwisityebi ukuba singene ebukumkanini bezulu.
24
Kananjalo nditi kuni: Kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo.
25
Bati ke bakuva abadisipile bake, bamangaliswa kakulu, besiti: Ngubanina pofu ongasindiswayo?
26
Koko u‐Yesu ebakangele wati kubo: Ebantwini lento ayenzeki, kodwa kutixo zonke izinto ziyenzeka.
27
Wandula wapendula u‐Petrosi wati kuye: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena; sesiya kuba nanto nina ke?
28
Wayesiti u‐Yesu kubo: Ngokwenene nditi kuni: Nina nindilandeleyo, ekudalweni okutsha, xeshekweni ahleli unyana wesintu pezu kweterone yobungcwalisa bake, niya kuhlala nani pezu kweterone ezilishumi linambini, nigweba izizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli.
29
Nabo bonke abashiyileyo izindlu, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi odade, umhlaumbi uyise, umhlaumbi unina, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, umhlaumbi amasimi, ngenxa yegama lam, baya kwamkela ngekulu, balidle ilifa lobomi obungunapakade.
30
Kodwa baninzi abangabokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabangabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28