bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 20
Matthew 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 21 →
1
Ngokuba ubukumkani bezulu bufana nomntu ongumninindlu, owapumayo kunye nokusa ukuya kuqesha abasebenzi baye esitiyeni sake.
2
Wati akuba evumelene nabasebenzi basebenz ele idenari ngemini nye, wabatuma esitiyeni sake.
3
Waza wapuma ngeyure yesitatu, wabona abanye bemi endaweni yentengo bengenamsebenzi,
4
wati nakwabo: Hambani nani niye esitiyeni sam, nento esukuba ifanelekile ndoyinika kuni. Bemka baya ke.
5
Wabuya wapuma ngeyesitandatu nangeyesitoba iyure, wenza kwa ngokunjalo.
6
Wapuma nangeyure yeshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengenamsebenzi, wati kubo: Yinina ukuba nimi apa lemini yonke ningenamsebenzi?
7
Bati kuye: Ngokuba kungeko mntu osiqeshileyo. Wati kubo: Hambani nani niye esitiyeni sam, nento esukuba ifanelekile niya kuyamkela.
8
Kekaloku kwakuhlwa, wati umninisitiya kwigosa lake: Biza abasebenzi, ubamkelise umvuzo wabo, uqala ngabokugqibela nde ufike kwabokuqala.
9
Bati bakuza abo babeqashiwe ngeyure yeshumi elinanye, bayamkela ngabanye idenari.
10
Koko bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into epezulu; baza nabo bayamkela ngabanye idenari.
11
Bati bakwamkela, baṙoṙa ngakumninindlu,
12
besiti: Aba bangabokugqibela basebenza iyure yanye kupela, kanti ubalinganisile nati nje, esatwalayo ubunzima bemini nobushushu obutshisayo.
13
Koko wapendula wati kwomnye wabo: Sihlobo! andikwoni ke; ubungavumelananga nam ukusebenz ela idenari na?
14
Pata okukokwako uhambe: nditanda ukunika nakuló wokugqibela njengoko ndinika ngako nakuwe.
15
Akundifanele na ukuba ndenze oko ndikwenzayo ngezam izinto? Iliso lako likohlakele na, ngokuba ndilungile mna?
16
Kwa njalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala boba ngabokugqibela; ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo.
17
KEKALOKU u‐Yesu, enyukela e‐Yerusaleme, watabata abadisipile abalishumi linababini ngasese endleleni, wati kubo:
18
Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, waeya kuti unyana wesintu anikelwe kubo abaperisite abakulu nababa̔li; abaya kumgweba ukuba afe,
19
bamnikele kubaheyideni ahlekwe, abetwe, akuruseshwe; woti ngomhla wesitatu abuye avuke.
20
Wandula weza kuye unina bonyana baka‐Zebedi kunye nonyana bake, ebedesha, ecela into etile kuye.
21
Wayesiti kuye: Unga ungaba nanto nina? Wati kuye: Xela ukuba aba onyana bam ababini bahlale, omnye abe ngasekunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, kunene kuwe, omnye abe ngasekohlo, ebukumkanini bako.
22
Koko wapendula u‐Yesu wati: Aniyazi into eniyicelayo. Ningasela na endebeni endiza kusela kuyo mna? nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, ningabapitizeshwa ngalo na? Bati kuye: Singenje njalo.
23
Waza wati kubo: Indebe yam okunene niya kusela kuyo, nobapitizesho endibapitizeshwa ngalo mna, niya kubapitizeshwa ngalo; kodwa ukuhlala ngasekunene kum nangasekohlo kum asi kuko okwam ukupa, kupela ukupa abo balungiselwe kona ngubawo.
24
Baza bati abalishumi bakuva oku, baqumbela abobazalwana babini kakulu.
25
Koko u‐Yesu wababiza wati: Niyazi ukuba inkosi zabaheyideni ziyabapata ngobukosi, nokuba abakulu bayenza ngegunya pezu kwabo.
26
Kodwa akuyi kuba njalo pakati kwenu; koko osukuba efuna ukuba mkulu pakati kwenu, makabe ngumkonzi wenu;
27
nosukuba efuna ukuba ngowokuqala pakati kwenu, makabe sisicaka senu:
28
njengokuba unyana wesintu ebengezanga ukuza kukonzwa, koko weza ukukonza, nokunika ubomi bake bube yintlaulelo yabaninzi.
29
Kwati nxa bebepuma e‐Jeriko, walandelwa sisihlwele esikulu.
30
Kekaloku bona ke, imfama ezimbini zihleli ngasendleleni, zakuva ukuba u‐Yesu uyadlula, zadanduluka, zisiti: Yiba netaṙu kuti. Nkosi, nyana ka‐Davide!
31
Koko isihlwele saziyala, ukuba maziti tu: kodwa zazidanduluka kakulu ngakumbi, zisiti: Yiba netaṙu kuti, Nkosi, nyana ka‐Davide!
32
Waza wema u‐Yesu wazibiza, wati: Ninga ndingenza nto nina kuni?
33
Zati kuye: Nkosi! singa angavulwa amehlo etu.
34
Wabetwa lusizi ke u‐Yesu, wacu̔kumisa amehlo azo; ati kwa oko aba nokubona amehlo azo, zamlandela ke.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28