bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Matthew 16
Matthew 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
1
BAZA bafika abafarisi nabasadusi be m linga, bacela kuye ukuba makababonise umqondiso uvela ezulwini.
2
Koko wapendula wati kubo: kwakuba kuhlwile niti: Kwobako ukuzola; ngokuba izulu libomvu.
3
Kanjalo kwakusa niti; Namhla kwobako uqwitela; ngokuba izulu libomvu lisibekela. Zihanahanisindini! ukubonakala kwezulu okunene niyazi ukukuqiqa; kodwa aningeyi qiqe na imiqondiso yalamaxesha?
4
Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. Waza wabashiya, wemka.
5
Kekaloku bakufika abadisipile bake ecaleni elingapesheya, bebelibele ukutabata nabo izonka.
6
Wayesiti u‐Yesu kubo: Lumkani nilumkele igwele labafarisi nabasadusi.
7
Baza bapikisana omnye nomnye, besiti: Utsho, ngokuba singatabatanga nati izonka.
8
Wayekwazi oku u‐Yesu, wati kubo: Yinina ukuba nipikisane omnye nomnye, nina balukolo luncinane! ngokuba ningatabatanga nani izonka?
9
Anikaqondi na, anizikumbuli na kanjalo izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nezitya enazicolayo ukuba zingapina?
10
kwa nezonka ezisixe̔nxe zamawaka amane, nengobozi enazicolayo ukuba zingapina?
11
Yinina lento ningaqondi ukuba bekungengaso isonka endatshoyo kuni ukuti manilumkele igwele labafarisi nabasadusi?
12
Bandula baqonda ukuba akatshongo ukuti mabalumkele igwele lesonka, kodwa mabalumkele imfundiso yabafarisi nabasadusi.
13
Kekaloku akufika u‐Yesu ezahlulweni zase‐Kesareya‐filipi, wabuza kubadisipile bake, esiti: Ngubanina abati abantu ndinguye, mna nyana wesintu?
14
Baye besiti: Bati inxenye ngu‐Johane umbapitizeshi; bati abanye ngu‐Elija; bati abanye ngu‐Jeremiya, umhlaumbi ngowabaprofite.
15
Wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye?
16
Wapendula u‐Simone Petrosi wati: Wena unguye u‐Kristu, unyana katixo ohleliyo.
17
Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Unetamsanqa, Simone, Bara‐jona! ngokuba ingeyiyo inyama negazi ekutyileleyo oku, ngubawo osezulwini.
18
Kanjalo nam nditi kuwe: Wena ungu‐Petrosi, ndandiya kuyaka pezu kwolulwalwa iṙemente yam, ati amasango ehadesi angayoyisi.
19
Ndandiya kunika kuwe izilotile zobukumkani bezulu; yoti into usukuba uyinxiba emhlabeni inxitywe ezulwini; yoti into usukuba uyikulula emhlabeni ikululwe ezulwini.
20
Wandula wabayala abadisipile bake, ukuba mabangaxeleli mntu ukuba ungu‐Yesu u‐Kristu.
21
Emveni kwoko waqala u‐Yesu ukubonisa abadisipile bake okokuba ufanele ukumka aye e‐Yerusaleme, nokuva intlungu ezininzi ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuvuswa ngomhla wesitatu.
22
Waza u‐Petrosi wamtabatela kuye waqala ukumtetisa, esiti: Mawenzelwe ufefe, Nkosi! lento ayisayi kubako kuwe.
23
Koko wajika wati ku‐Petrosi: Yiya emva kwam, Satane! usisixakaniso kum; ngokuba unganyamekeli izinto zikatixo, unyamekela izinto zabantu nje.
24
Wandula u‐Yesu wati kubadisipile bake: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele.
25
Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, wobufumana.
26
Ngokuba uncedwa nto nina umntu, ukuba ilizwe lonke walizuza, nompefumlo wake walahlekelwa nguwo? kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake?
27
Ngokuba unyana wesintu eya kuza ebungcwaliseni boyise kunye nengelosi zake; waeya kwandula ukuvuza abanye ngabanye ngokwokwenza kwabo.
28
Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone unyana wesintu esiza ebukumkanini bake.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28